IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 10/15 iphe. 21-25
  • Ngaba Uyakhokela Ekuboniseni Imbeko?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyakhokela Ekuboniseni Imbeko?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Beka UYehova Negama Lakhe
  • Abo Bakhokelayo Bahlonela Abanye
  • Lihlonele Ibandla LikaYehova Nolwalathiso Lwalo
  • Ukubonisa Intlonelo Kubaveleli Abahambahambayo
  • “Bekani Abantu Bazo Zonke Iintlobo”
  • Ngaba Uyakhokela Ekuboniseni Imbeko Kwamanye AmaKristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Bekani Abantu Bonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Yibani Nembeko Kulowo Imfaneleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Bahloniphe Abanye Abantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 10/15 iphe. 21-25

Ngaba Uyakhokela Ekuboniseni Imbeko?

“Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.”—ROMA 12:10.

1. Yintoni engasekhoyo kwiindawo ezininzi?

KWEZINYE iindawo, abantwana bafundiswa ukubonisa imbeko kubantu abadala ngokuguqa ngentlonelo xa bephakathi kwabo. Loo nto yenzelwa ukuba bangabonakali bebade kunabantu abadala. Kwezi ndawo, kukungabi nambeko ukuba umntwana anikel’ umva umntu omdala. Nangona imbeko iboniswa ngeendlela ezahlukeneyo kwiindawo ngeendawo, ezo ndlela zisikhumbuza uMthetho kaMoses. Oku kwakuquka umyalelo othi: “Uze usukume phambi kwengwevu [ubonisa imbeko], uyihlonele indoda enkulu.” (Lev. 19:32) Ilusizi into yokuba, kwiindawo ezininzi abantu abasenambeko. Leyo sele iyeyona nto ixhaphakileyo.

2. ILizwi likaThixo lisixelela ukuba sibeke bani?

2 ILizwi likaThixo likuchaza njengento ebaluleke gqitha ukubonisa imbeko. Lisixelela ukuba sibeke uYehova noYesu. (Yoh. 5:23) Liphinda lisiyalele ukuba sibonise imbeko kumalungu entsapho zethu namanye amaKristu nakwabo bangengomaKristu. (Roma 12:10; Efe. 6:1, 2; 1 Pet. 2:17) Ziziphi ezinye iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyambeka uYehova? Sinokuyibonisa njani imbeko, okanye intlonelo enzulu kubazalwana noodadewethu abangamaKristu? Makhe sihlolisise le mibuzo neminye efana nayo.

Beka UYehova Negama Lakhe

3. Yiyiphi enye indlela ebalulekileyo esinokumbeka ngayo uYehova?

3 Enye indlela ebalulekileyo esinokumbeka ngayo uYehova kukubonisa intlonelo efanelekileyo ngegama lakhe. Ngapha koko, ‘sisisizwana segama lakhe.’ (IZe. 15:14) Kulilungelo ngokwenene ukuthwala igama likaThixo ongusomandla, uYehova. Umprofeti uMika wathi: “Zonke izizwana ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso; kodwa thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.” (Mika 4:5) ‘Sihamba egameni likaYehova’ ngokuthi suku ngalunye sizame ukuphila ngendlela ebonisa ukuba sithwele igama lakhe. Njengoko uPawulos wakhumbuza amaKristu aseRoma, ukuba asiphili ngokuvisisana neendaba ezilungileyo esizishumayelayo, igama likaThixo “liyanyeliswa,” lize lingcoliswe.—Roma 2:21-24.

4. Uligqala njani ilungelo lokunikela ubungqina ngoYehova?

4 Enye indlela esimbeka ngayo uYehova kukuba ngamangqina akhe. Mandulo phayaa, uYehova wacela amaSirayeli ukuba abe ngamangqina akhe, kodwa akazange alufeze olo thumo. (Isa. 43:1-12) Ayesoloko emnikela umva uYehova, “emenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.” (INdu. 78:40, 41) Ekugqibeleni, uYehova akazange akholiswe ngokupheleleyo lolu hlanga. Noko ke, thina namhlanje siyalixabisa ilungelo lokunikela ubungqina ngoYehova size sixelele abantu ngegama lakhe. Oko kungenxa yokuba siyamthanda yaye sifuna ukuba igama lakhe lingcwaliswe. Singakuyeka njani ukushumayela, sakugqiba ukwazi inyaniso ngoBawo wethu wasezulwini neenjongo zakhe? Sivakalelwa kanye njengompostile uPawulos xa wathi: “Oko kuyimfuneko. Yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!”—1 Kor. 9:16.

5. Ukuba nokholo kuYehova kunxulumene njani nokumhlonela?

5 Umdumisi uDavide wathi: “Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe, kuba ngokuqinisekileyo akuyi kubashiya abo bakukhangelayo, Yehova.” (INdu. 9:10) Ukuba simazi ngokwenene uYehova size sihlonele igama lakhe ngenxa yoko likumelayo, siya kukholosa ngaye, kanye ngendlela abenza ngayo abakhonzi bakhe abathembekileyo bamandulo. Ukukholosa nokuba nokholo kuYehova kuyenye indlela yokumbeka. Phawula indlela iLizwi likaThixo elikunxulumanisa ngayo ukukholosa ngoYehova nokumhlonela. Xa uhlanga lwakwaSirayeli lungazange lukholose ngaye, uYehova wambuza oku uMoses: “Kuya kude kube nini na singandihloneli esi sizwana, yaye kuya kude kube nini na singakholwa kum ngemiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwaso?” (Num. 14:11) Ngokwahlukileyo koko, xa sithemba ukuba uYehova uya kusikhusela aze asilondoloze naxa sivavanywa, sibonisa ukuba siyamhlonela.

6. Yintoni esenza simhlonele ngokunzulu uYehova?

6 UYesu wabonisa ukuba ukuhlonela uYehova kumele kuphume entliziyweni. Ethetha nabo babenganquli ngokunyanisekileyo, uYesu wacaphula uYehova esithi: “Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum.” (Mat. 15:8) Xa simthanda ngokunyanisekileyo uYehova, siya kumhlonela ngokunzulu. (1 Yoh. 5:3) Siya kusoloko sisikhumbula esi sithembiso sikaYehova: “Abo bandibekayo ndiya kubabeka.”—1 Sam. 2:30.

Abo Bakhokelayo Bahlonela Abanye

7. (a) Kutheni abazalwana abaneembopheleleko befanele babonise imbeko kwabo bangaphantsi kwabo? (b) UPawulos wayibonisa njani intlonelo kwamanye amakholwa?

7 Umpostile uPawulos wawabongoza wathi amanye amakholwa: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Abazalwana abaneembopheleleko ebandleni bafanele babe ngumzekelo—‘bakhokele’—ekuboniseni imbeko kwabo bangaphantsi kwabo. Ngokwenjenjalo, abo baneembopheleleko ezingakumbi bafanele balandele umzekelo owamiselwa nguPawulos. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 8.) Abazalwana bamabandla awayetyelelwa nguPawulos babesazi ukuba akanakuthi mabenze into eyoyisa yena kuqala. UPawulos wayewahlonela amanye amakholwa, ibe nawo amhlonela. Xa uPawulos wathi: “Ndiyanibongoza, ke ngoko, yibani ngabaxelisa mna,” siqinisekile ukuba abaninzi benza njalo ngenxa yomzekelo wakhe omhle.—1 Kor. 4:16.

8. (a) Yiyiphi enye indlela ebalulekileyo uYesu awabonisa ngayo intlonelo kubafundi bakhe? (b) Abaveleli banokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu namhlanje?

8 Enye indlela umzalwana onembopheleleko anokubonisa ngayo imbeko kwabo bangaphantsi kwakhe kukubaxelela izizathu zoko acela ukuba bakwenze okanye zolwalathiso alunikelayo. Uya kuba uxelisa uYesu xa esenjenjalo. Ngokomzekelo, xa uYesu wacela abafundi bakhe ukuba bathandazele abasebenzi abangakumbi besivuno, wabaxelela isizathu soko. Wathi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:37, 38) Ngokufanayo, xa waxelela abafundi bakhe ukuba ‘bahlale belindile,’ wabanika isizathu soko. Wathi: “Ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.” (Mat. 24:42) Amaxesha amaninzi, uYesu akazange aphelele nje ekuxeleleni abafundi bakhe oko bafanele bakwenze kodwa wabaxelela nesizathu sokuba benjenjalo. Ngaloo ndlela wayebonisa imbeko kubo. Ngumzekelo omhle ngokwenene lowo kubaveleli abangamaKristu!

Lihlonele Ibandla LikaYehova Nolwalathiso Lwalo

9. Ukuhlonela ibandla lamaKristu elisehlabathini lonke nabameli balo kubonisa ntoni? Chaza.

9 Ukuze sibonise intlonelo kuYehova, kufuneka sibeke ibandla lamaKristu elisehlabathini lonke kwakunye nabameli balo. Xa sithobela isiluleko esiseZibhalweni esivela kudidi lwekhoboka elithembekileyo, sibonisa imbeko ngelungiselelo likaYehova. Kwibandla lenkulungwane yokuqala, umpostile uYohane wabona kufanelekile ukuba akhalimele abo babengenantlonelo ngabo bamiselweyo. (Funda eyesi-3 kaYohane 9-11.) Amazwi kaYohane abonisa ukuba babenganeli nje ukungahloneli abaveleli kodwa babengahloneli neemfundiso nolwalathiso lwabo. Kuyavuyisa ukuba, uninzi lwamaKristu lwalungenjalo. Ngoxa abapostile babesaphila, kuyacaca ukuba bebonke abazalwana babenentlonelo enzulu ngabo bakhokelayo.—Fil. 2:12.

10, 11. Chaza ngokusekelwe kwiZibhalo isizathu sokuba abathile kwibandla lamaKristu benomlinganiselo othile wegunya.

10 Abanye baye baqiqa ngelithi, ekubeni uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba “nonke nina ningabazalwana,” akufanele kubekho izigxina zembopheleleko kwibandla lamaKristu. (Mat. 23:8) Noko ke, kwiZibhalo zesiHebhere nezesiGrike kukho imizekelo eliqela yamadoda awayenikwe igunya nguThixo. Ubukho boosolusapho, abagwebi nookumkani kwimbali yamaHebhere amandulo, bubungqina obucacileyo bokuba uYehova unikela ulwalathiso esebenzisa abameli abangabantu. Babesithi abantu bakungabahloneli abo bamiselweyo, bohlwaywe nguYehova.—2 Kum. 1:2-17; 2:19, 23, 24.

11 Ngokufanayo, amaKristu enkulungwane yokuqala alihlonela igunya labapostile. (IZe. 2:42) Ngokomzekelo, uPawulos wanika abazalwana bakhe ulwalathiso. (1 Kor. 16:1; 1 Tes. 4:2) Naye wazithoba ngokunyaniseka kwabo babenegunya phezu kwakhe. (IZe. 15:22; Gal. 2:9, 10) Eneneni, uPawulos waba nembono efanelekileyo ngegunya kwibandla lamaKristu.

12. Ziziphi izinto ezimbini esinokuzifunda kwimizekelo eseBhayibhileni ngokuphathelele igunya?

12 Apha sifunda izinto ezimbini. Okokuqala kusekelwe eZibhalweni ukuba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lisebenzise iQumrhu lalo Elilawulayo ukumisela amadoda kwizigxina zembopheleleko, aze la madoda anikwe igunya phezu kwamanye amadoda amiselweyo. (Mat. 24:45-47; 1 Pet. 5:1-3) Okwesibini, sonke kuquka amadoda amiselweyo, sifanele sibabeke abo banegunya phezu kwethu. Ziziphi ke iindlela esinokubabeka ngazo abo banezigxina zokuvelela kwibandla lamaKristu ehlabathini lonke?

Ukubonisa Intlonelo Kubaveleli Abahambahambayo

13. Sinokuyibonisa njani intlonelo kubameli banamhlanje bebandla lamaKristu?

13 UPawulos wathi: “Siyanicela, bazalwana, ukuba nibahlonele abo basebenza nzima phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo; nikelani ingqalelo engakumbi kubo ngothando ngenxa yomsebenzi wabo. Yibani noxolo omnye nomnye.” (1 Tes. 5:12, 13) Ngokuqinisekileyo abaveleli abahambahambayo baphakathi ‘kwabo basebenza nzima.’ Ngenxa yoko, masibanike “ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo.” Enye indlela esinokukwenza ngayo oko kukusamkela ngokupheleleyo isiluleko nokhuthazo abasinika lona. Xa aba baveleli besinika ulwalathiso oluvela kudidi lwekhoboka elithembekileyo, ‘ubulumko obuvela phezulu’ buya kusenza ‘sikulungele ukuthobela.’—Yak. 3:17.

14. Ibandla linokubonisa njani ukuba libahlonela ngokunzulu abaveleli abahambahambayo yaye oko kuya kuphumela entwenini?

14 Noko ke, kuthekani xa kusithiwa masenze izinto ngendlela eyahlukileyo kuleyo siyiqhelileyo? Maxa wambi ukubonisa intlonelo kuya kusinceda singathi, “Asenzi ngolo hlobo thina apha” okanye sithi “Loo nto isebenza kwezinye iindawo hayi kweli lethu ibandla.” Kodwa siya kuthobela. Ukuhlala sikhumbula ukuba ibandla lelikaYehova yaye uYesu uyiNtloko yalo kuya kusinceda sikwazi ukwenjenjalo. Xa ulwalathiso lomveleli ohambahambayo luthotyelwa ngokupheleleyo luze lusetyenziswe libandla, loo nto iba bubungqina bentlonelo enzulu. Umpostile uPawulos wabancoma abazalwana baseKorinte ngokuluthobela ngentlonelo ulwalathiso olwanikelwa ngumdala owayetyelele, uTito. (2 Kor. 7:13-16) Nathi namhlanje singaqiniseka ukuba ukulusebenzisa ngokupheleleyo ulwalathiso lwabaveleli abahambahambayo kuya kuba negalelo kakhulu kuvuyo esilufumana kumsebenzi wokushumayela.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 13:11.

“Bekani Abantu Bazo Zonke Iintlobo”

15. Ziziphi ezinye iindlela esibonisa ngazo intlonelo kwamanye amakholwa?

15 UPawulos wabhala wathi: “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu. Kunoko, yibongoze njengoyihlo, amadodana njengabantakwenu, abafazi abakhulu njengoonyoko, amabhinqa amancinane njengoodade wenu unobunyulu bonke. Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngokwenene.” (1 Tim. 5:1-3) Eneneni, iLizwi likaThixo lisibongoza ukuba sihlonele wonke umntu osebandleni lamaKristu. Noko ke, kuthekani ukuba akuvisisani nomzalwana okanye udadewenu ebandleni? Ngaba oko kuya kuphazamisana nembopheleleko onayo yokuhlonela loo mKristu? Okanye ngaba uza kulungisa isimo sengqondo onaso uze ujonge iimpawu ezintle zalo mkhonzi kaThixo? Abo banegunya bafanele ngokukhethekileyo bahlale bebahlonela abazalwana babo—bangaze ‘babe ziinkosi phezu komhlambi.’ (1 Pet. 5:3) Enyanisweni, kwibandla lamaKristu elinamalungu abonakala ngothando olunzulu, sinamathuba amaninzi okuhlonelana.—Funda uYohane 13:34, 35.

16, 17. (a) Kutheni kubalulekile ukungabi nentlonelo kuphela kwabo sishumayela kubo kodwa nakwabo basichasayo? (b) ‘Sinokubabeka njani abantu bazo zonke iintlobo’?

16 Kakade ke, asihloneli abo bakwibandla lamaKristu kuphela. UPawulos wawabhalela oku amaKristu omhla wakhe: “Logama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke.” (Gal. 6:10) Liyinyaniso lona elokuba, ukusebenzisa lo mgaqo kunokuba nzima ukuba umntu esisebenza okanye esifunda naye usiphatha kakubi. Xa kunjalo, sifanele sikhumbule la mazwi: “Musa ukuzibonisa uvutha ngumsindo ngenxa yabenzi bobubi.” (INdu. 37:1) Ukusebenzisa eso siluleko kuya kusinceda sihlonele nabo basichasayo. Ngokufanayo, ngoxa sishumayela ebantwini, ukuthobeka kuya kusinceda siphathe wonke umntu “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Indlela esizilungisa nesinxiba ngayo inokubonisa ukuba siyabahlonela abo sishumayela kubo.

17 Eneneni, enoba sisebenzisana namanye amaKristu okanye abo bangengawo, siya kwenza unako nako wokusebenzisa esi siluleko: “Bekani abantu bazo zonke iintlobo, yibani nothando ngomanyano lwabazalwana luphela, moyikeni uThixo, yibani nembeko kukumkani.”—1 Pet. 2:17.

Ubuya Kuphendula Uthini?

Unokuyibonisa njani intlonelo enzulu:

• KuYehova?

• Kubadala bebandla nakubaveleli abahambahambayo?

• Kwilungu ngalinye lebandla?

• Kwabo ushumayela kubo?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

AmaKristu enkulungwane yokuqala alihlonela igunya lequmrhu elilawulayo

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Ehlabathini lonke abadala bahlonela abaveleli abahambahambayo abamiselwe liQumrhu Elilawulayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share