Hlala Unembono YeZibhalo Ngempilo
“Uze mthande uYehova uThixo wakho . . . ngengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.”—MARKO 12:30.
1. Yayiyintoni injongo kaThixo yasekuqaleni ngabantu?
UKUGULA nokufa kwakungeyonjongo kaYehova uThixo yasekuqaleni ngezidalwa ezingabantu. UAdam noEva babekwa kumyezo wase-Eden, okanye iparadesi eyolisayo, ukuze ‘bawulime baze bawunyamekele,’ kungekhona nje kangangeminyaka engama-70 okanye engama-80, kodwa ngonaphakade. (Gen. 2:8, 15; INdu. 90:10) Ukuba eso sibini sokuqala singabantu sasihleli sithembekile kuYehova saza sabonisa ukuba siyamthanda ngokuzithoba kulongamo lwakhe, ngesasingazange sigule, saluphale size sife.
2, 3. (a) Ukwaluphala kuchazwe njani kwincwadi yeNtshumayeli? (b) Ngubani owabangela ukufa esakuzuz’ ilifa kuAdam, yaye imiphumo yako iya kususwa njani?
2 INtshumayeli isahluko 12 siyichaza ngokucacileyo “imihla yentlekele” ehamba nokwaluphala kubantu abangafezekanga. (Funda INtshumayeli 12:1-7.) Iinwele ezingwevu zifaniswa nokutyatyamba ‘komthi wom-amangile.’ Imilenze ifaniswa ‘namadoda anamandla’ asele egobile nangcangcazelayo. Kona ukungaboni kakuhle kufaniswa namanenekazi ajonga ngefestile ekhangela ukukhanya, suke afike kumnyama. Ekubeni emazinyo engaphelelanga, ‘abafazi abasilayo bayekile ukusebenza ngenxa yokuba bembalwa.’
3 Ngokuqinisekileyo imilenze engcangcazelayo, ukungaboni kakuhle nokungabi namazinyo kwakungeyonjongo kaThixo ngabantu. Ngaphezu koko, ukufa esakuzuz’ ilifa kuAdam kungomnye ‘wemisebenzi kaMtyholi’ eza kupheliswa nguNyana kaThixo ngoBukumkani obungoMesiya. Umpostile uYohane wathi: “Wabonakaliselwa le njongo uNyana kaThixo, yokuba ayichithe imisebenzi kaMtyholi.”—1 Yoh. 3:8.
Kungokwemvelo Ukuxhalaba Ngokusengqiqweni
4. Kutheni abakhonzi bakaYehova bexhalaba ngokusengqiqweni ngempilo yabo, kodwa yintoni abayiqondayo?
4 Okwangoku, abanye abakhonzi bakaYehova bathwaxwa kukugula nokwaluphala okuyinto yomhla nezolo kubantu abanesono. Ukuyixhalabela ngokusengqiqweni impilo yethu phantsi kweemeko ezinjalo kuyinto yokwemvelo yaye kufanelekile. Kaloku eyona nto siyifunayo kukukhonza uYehova ‘ngamandla ethu ephela.’ (Marko 12:30) Noko ke, ngoxa sifuna ukuba sempilweni ngomlinganiselo osengqiqweni, simele siyamkele into yokuba kuncinane kakhulu esinokukwenza ukuthintela ukwaluphala okanye ukugula.
5. Sinokufunda ntoni kwindlela abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaye bahlangabezana ngayo nokugula?
5 Abakhonzi bakaYehova abaninzi kuye kwafuneka bajamelane nempilo enkenenkene. UEpafrodito waba kuloo meko naye. (Fil. 2:25-27) Iqabane elithembekileyo likampostile uPawulos uTimoti lalisoloko likhathazwa sisisu, ibe uPawulos wancomela ukuba lisebenzise “iwayini encinane.” (1 Tim. 5:23) UPawulos kwafuneka anyamezele “iliva enyameni,” ekusenokwenzeka ukuba laliyingxaki yamehlo okanye esinye isigulo esasinganyangeki ngelo xesha. (2 Kor. 12:7; Gal. 4:15; 6:11) UPawulos waqhubeka embongoza uYehova ukuba alisuse eli “liva.” (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 12:8-10.) UThixo akazange alisuse ngokungummangaliso eli ‘liva lalisenyameni’ kaPawulos. Kunoko, wamomeleza ukuze akwazi ukulinyamezela. Ngenxa yoko amandla kaYehova akwazi ukubonakaliswa kubuthathaka bukaPawulos. Ngaba kukho nto sinokuyifunda koku?
Kuphephe Ukuzixhalabisa Ngokugqith’ Emgceni Ngempilo
6, 7. Kutheni singafanele sizixhalabise ngokugqith’ emgceni ngempilo yethu?
6 Njengoko usazi, amaNgqina kaYehova ayalwamkela unyango kwakunye nezinye iindlela zokunyamekela impilo. Iphephancwadi lethu elinguVukani! lidla ngokuba namanqaku athetha ngemiba yempilo. Nangona singakhuthazi naluphi na unyango olukhethekileyo, siyaluxabisa uncedo nentsebenziswano yeengcaphephe zonyango. Kakade ke, siyayiqonda into yokuba asikabi nayo impilo egqibeleleyo. Ngenxa yoko, siyaqonda ukuba akubobulumko ukuzixakekisa ngempilo ngokugqith’ emgceni. Simele sahluke kwabo ‘bangenathemba,’ abacinga ukuba ubomi buphelele kobu nabasebenzisa naluphi na unyango. (Efe. 2:2, 12) Sizimisele ukungawaphuli umthetho kaYehova ukuze nje sikhusele ubomi bethu, kuba siqinisekile ukuba, ukuba sihlala sithembekile kuThixo, siya kufumana ‘ubomi benene,’ ubomi obungunaphakade kwinkqubo yakhe entsha ayithembisileyo.—1 Tim. 6:12, 19; 2 Pet. 3:13.
7 Kukho nesinye isizathu sokuphepha ukuzixhalabisa ngokugqith’ emgceni ngempilo. Ukuzixakekisa ngempilo yethu kunokusenza sisoloko sicinga ngeziqu zethu. UPawulos walumkisa ngale ngozi xa wabongoza abaseFilipi ukuba ‘banyamekele, kungekuphela nje izilangazelelo zabo, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Fil. 2:4) Kufanelekile ukuzinyamekela, kodwa ukuba nomdla kubazalwana bethu nakubantu esishumayela kubo “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” kuya kusinceda singazixakekisi ngokugqith’ emgceni ngempilo yethu.—Mat. 24:14.
8. Ukuzixhalabisa ngokugqith’ emgceni ngempilo yethu kunokusibangela ukuba senze ntoni?
8 Ingozi yoku kukuba umKristu unokuvumela impilo ibe yeyona nto iphambili kunokufuna uBukumkani. Ukuzixakekisa ngempilo kunokubangela ukuba sinyanzelise izinto esizithandayo kwabanye ngokuphathelele ukutya, unyango namanye amayeza ancedisana nokutya. Kule nkalo, cinga ngomgaqo okula mazwi kaPawulos: “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi, khon’ ukuze ningabi nasiphako yaye ningakhubekisi abanye kude kuse kwimini kaKristu.”—Fil. 1:10.
Yiyiphi Eyona Nto Ibaluleke Ngakumbi?
9. Yiyiphi enye yezona zinto zibalulekileyo esingamele siyityeshele, yaye ngoba?
9 Ukuba siyaqiniseka ngezona zinto zibalulekileyo, siya kuzimisela ngakumbi kumsebenzi wokunyanga abantu ngokomoya. Wenziwa ngokushumayela nokufundisa abantu iLizwi likaThixo. Lo msebenzi uyolisayo unceda thina nabo sibafundisayo. (IMize. 17:22; 1 Tim. 4:15, 16) Maxa wambi IMboniselo noVukani! ziba namanqaku athetha ngendlela abazalwana noodadewethu bokomoya abahlangabezana ngayo nempilo enkenenkene. La manqaku adla ngokuchaza ngendlela abenza ngayo ukuze bahlangabezane neengxaki zabo okanye bazilibale okwethutyana, ngokunceda abanye bazi uYehova nezithembiso zakhe ezimangalisayo.a
10. Kutheni lubalulekile nje unyango esilukhethayo?
10 Kumba wempilo, mKristu ngamnye okhulileyo umele ‘athwale owakhe umthwalo’ wembopheleleko xa ekhetha unyango. (Gal. 6:5) Kodwa sifanele sikhumbule ukuba uYehova uluxhalabele unyango esilukhethayo. Kanye njengokuba ukuhlonela kwethu imigaqo yeBhayibhile kubangela ukuba ‘sikhwebuke egazini,’ ngoko intlonelo enzulu esinayo ngeLizwi likaThixo ifanele isenze siphephe unyango olunokusibeka kwingozi yokomoya okanye luphazamise ulwalamano lwethu noYehova. (IZe. 15:20) Ezinye iindlela zokuxilonga nezokunyanga zinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. UYehova wamgatya uSirayeli owexukileyo, owabhenela ekusebenziseni “amandla angaqhelekanga,” okanye ekunxibelelaneni nemimoya. Wathi: “Yekani ukuzisa nayiphi na iminikelo engakumbi yokudla okuziinkozo engenaxabiso. Isiqhumiso—siyinto ecekisekayo kum. Ukuthwasa kwenyanga nesabatha, ukubizwa kwendibano—andinakukunyamezela ukusetyenziswa kwamandla angaqhelekanga kunye nendibano engcwele.” (Isa. 1:13) Ngokuqinisekileyo ukugula akuloxesha lokwenza nantoni na enokuphazamisana nemithandazo yethu kwakunye nolwalamano esinalo noThixo.—IZili. 3:44.
Kubalulekile Ukuba ‘Nengqondo Ephilileyo’
11, 12. Ukuba ‘nengqondo ephilileyo’ kusinceda njani xa sikhetha unyango?
11 Xa sigula asinakulindela ukuba uYehova asiphilise ngokungummangaliso, kodwa sinokuthandazela ukuba asincede silukhethe ngobulumko unyango. Xa sikhetha unyango sifanele sikhokelwe yimigaqo yeZibhalo nengqondo ephilileyo. Xa impilo yethu imandundu, kungaba kuhle ukuya kwiingcali zonyango eziliqela ukuba kunokwenzeka, ngokuvisisana noko kuthethwa kwiMizekeliso 15:22, ethi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” Umpostile uPawulos wabongoza amanye amakholwa ukuba ‘aphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.’—Tito 2:12.
12 Abantu abaninzi baba kwimeko efana naleyo yebhinqa elaligula ngomhla kaYesu. KuMarko 5:25, 26, sifunda oku: “Kwakukho umfazi owayenethombo legazi iminyaka elishumi elinesibini, yaye wayeviswe iintlungu ngoogqirha abaninzi, kwaye wachitha bonke ubuncwane bakhe kodwa engangenelwa, kunoko, imeko yakhe yayisiba mbi ngakumbi.” UYesu walinyanga elo bhinqa waza waliphatha ngemfesane. (Marko 5:27-34) Ngenxa yokungcungcuthekiswa yimpilo, amanye amaKristu aye azibona sele ekhetha iindlela zokuxilonga okanye ezonyango ezichasene nemigaqo yonqulo olunyulu.
13, 14. (a) USathana unokulusebenzisa njani unyango esilukhethayo ukuze aphule ingqibelelo yethu? (b) Kutheni sifanele siphephe nantoni na enento yokwenza nokuvumisa?
13 USathana uya kusebenzisa nantoni na ukuze asiphazamise kunqulo lwenyaniso. Kanye njengokuba esebenzisa ukuziphatha okubi ngokwesini nokuthanda izinto eziphathekayo ukuze akhuphe abanye abantu endleleni, uzama ukwaphula ingqibelelo yabanye ngokusebenzisa unyango oluthandabuzekayo olunxibelelene nokuvumisa nokusebenzelana nemimoya. Sithandazela ukuba uYehova asihlangule “kulowo ungendawo” ‘nakulo lonke uhlobo lokuchasa umthetho.’ Ngoko asifuni ukudlalela ezandleni zikaSathana ngokusebenzisa nantoni na enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya nokuvumisa.—Mat. 6:13; Tito 2:14.
14 UYehova wawalela amaSirayeli ukuvumisa nokwenza imilingo. (Dut. 18:10-12) UPawulos ukhankanya “ukusebenzelana nemimoya” phakathi ‘kwemisebenzi yenyama.’ (Gal. 5:19, 20) Ukongezelela, ‘abo basebenzelana nemimoya’ abanakuba yinxalenye yenkqubo entsha yezinto kaYehova. (ISityhi. 21:8) Lizicacele ke elokuba, uYehova ucekisa nantoni na enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya.
“Ukuba Nengqiqo Kwenu Makwazeke”
15, 16. Kutheni sifanele silukhethe ngobulumko unyango, ibe sisiphi isiluleko sobulumko esanikelwa liqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala?
15 Ngokuvisisana noko kungasentla, ukuba sinamathandabuzo ngendlela ethile yokuxilonga okanye eyonyango, kuya kuba kuhle ukuba singayisebenzisi. Kambe ke, ukungazi kwethu indlela unyango oluthile olusebenza ngayo ayenzi olo nyango lube nento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. Ukuze sihlale sinembono yeZibhalo ngonyango, sifanele sibe nobulumko bukaThixo size sibe nengqiqo. KwiMizekeliso isahluko 3, kukho esi sibongozo: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho. . . . Londoloza ubulumko bobuqili namandla okucinga, yaye oko kuya kuba bubomi emphefumlweni wakho.”—IMize. 3:5, 6, 21, 22.
16 Ngoko ke, njengoko sizama ukuhlala sisempilweni kangangoko kunokwenzeka, simele silumkele ukonakalisa ulwalamano lwethu noThixo njengoko sijamelene nokugula okanye ukwaluphala. Kumba wempilo, njengakweminye, ‘ukuba nengqiqo kwethu kumele kwazeke ebantwini bonke’ ngokuphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile. (Fil. 4:5) Kwileta ebaluleke gqitha, iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala layalela amaKristu ukuba akhwebuke kunqulo-zithixo, kwigazi nakuhenyuzo. Loo leta yayinesi siqinisekiso: “Ukuba niyazikhwebula kwezi zinto, niya kuphumelela.” (IZe. 15:28, 29) Njani?
Ukunyamekela Impilo Ngokusengqiqweni Sijonge Phambili Kwimpilo Efezekileyo
17. Ziziphi iingenelo esiye sazifumana ngokuthobela imigaqo yeBhayibhile?
17 Ngamnye kuthi ufanele azibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndiyaziqonda iinzuzo endiye ndazifumana ngokuthobela imigaqo yeBhayibhile yegazi nohenyuzo?’ Kwakhona cinga ngeengenelo esiye sazifumana ngenxa yemigudu esiyenzayo ‘yokuzihlambulula kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.’ (2 Kor. 7:1) Ngokuthobela imilinganiselo yeBhayibhile ephathelele ucoceko, siyaziphepha izigulo ezininzi. Sisempilweni entle ngenxa yokuphepha icuba neziyobisi ezingekho mthethweni, zinto ezo ezisingcolisayo ngokomoya nasemzimbeni. Kwakhona cinga nangezinye iingenelo zempilo ezibangelwa kukutya nokusela ngomlinganiselo ofanelekileyo. (Funda IMizekeliso 23:20; noTito 2:2, 3.) Nangona izinto ezifana nokuphumla nokwenza umthambo zinokusigcina sisempilweni, eyona nto isenza siphile emzimbeni nangokomoya, kukwamkela ukhokelo lweZibhalo.
18. Yiyiphi eyona nto simele siyixhalabele, ibe sisiphi isiprofeto esiphathelele impilo esikhangele phambili ekuzalisekeni kwaso?
18 Ngaphezu kwako konke, sifanele sinyamekele impilo-ntle yethu yokomoya size someleze ulwalamano lwethu oluxabisekileyo noBawo wethu wasezulwini, onguMthombo ‘wobu bomi nobo buzayo’ kwihlabathi elitsha alithembisileyo. (1 Tim. 4:8; INdu. 36:9) Kwihlabathi elitsha likaThixo, abantu baya kunyangwa ngokupheleleyo ngokomoya nasemizimbeni ngokuxolelwa izono ngedini lentlawulelo likaYesu. IMvana kaThixo, uYesu Kristu, iya kusikhokelela “emithonjeni yamanzi obomi,” aze uThixo asule zonke iinyembezi emehlweni ethu. (ISityhi. 7:14-17; 22:1, 2) Emva koko, siya kubona ukuzaliseka kwesi siprofeto sibangel’ imincili: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isa. 33:24.
19. Ngoxa siyinyamekela ngokusengqiqweni impilo yethu, simele siqiniseke ngantoni?
19 Siqinisekile ukuba sele siza kuhlangulwa, yaye silulindele ngolangazelelo usuku lwaxa uYehova eya kuphelisa ukugula nokufa kwabantu. Okwangoku, siqinisekile ukuba uBawo wethu onothando uya kusinceda siwanyamezele amahlaba neentlungu kuba ‘usikhathalele.’ (1 Pet. 5:7) Ngoko ke, masiyinyamekele impilo yethu kodwa ngalo lonke ixesha siqiniseke ukuba siyinyamekela ngokuvisisana nolwalathiso olukwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo!
[Umbhalo osemazantsi]
a Uludwe lwamanye ala manqaku lukwibhokisi ekwiphepha 17 leMboniselo kaSeptemba 1, 2003.
Impinda
• Ngubani ongunobangela wokugula, ibe siya kukhululwa ngubani kwimiphumo yesono?
• Nangona kuyinto eqhelekileyo ukuxhalabela impilo yethu, yintoni esifanele siyiphephe?
• Kutheni unyango esilukhethayo lubalulekile kuYehova?
• Sinokungenelwa njani ekuthobeleni imigaqo yeBhayibhile kumba wempilo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abantu babengadalelwanga ukugula nokufa
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abantu bakaYehova bayabunandipha ubulungiseleli nakuba benempilo enkenenkene