4 Wasuse Amathandabuzo
“Wena ulukholo luncinane, kutheni uthandabuza nje?”—Mateyu 14:31.
YINTONI INGXAKI? Maxa wambi kwanabafundi bakaYesu babekhe bathandabuze. (Mateyu 14:30; Luka 24:36-39; Yohane 20:24, 25) IBhayibhile ithi ukungabi nalukholo “sisono esisithandela ngokulula.” (Hebhere 12:1) Umpostile uPawulos wabhala: “Ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Oku akuthethi ukuba abanye abanakukwazi ukuba nokholo. Kunoko, abaninzi abazibhokoxi ukuze babe nalo. UThixo uya kubasikelela abo benza umgudu wokuba nokholo.
UNGAYOYISA NJANI LE NGXAKI? Zazi izinto ezikuthandabuzisayo. Ngokomzekelo, umfundi uTomas wayethandabuza ukuba uYesu wayevusiwe, nangona abanye abafundi babesithi bambonile. UTomas wayefuna ubungqina. Waba yintoni umphumo? UYesu wamnika ubungqina awayebufuna ukuze abe nokholo olomeleleyo.—Yohane 20:24-29.
UYehova uThixo usebenzisa iBhayibhile ukuze asinike iimpendulo esizifunayo. Ngokomzekelo, abaninzi bayayeka ukukholelwa kuThixo ngenxa yokuba betyhola yena ngeemfazwe, ubundlobongela nezinye izinto ezibuhlungu ezehlela abantu. Ithini yona iBhayibhile ngezi zinto?
UThixo akasebenzisi oorhulumente babantu ukuze alawule. UYesu wathi nguSathana ‘umlawuli weli hlabathi’ ongabonakaliyo. (Yohane 14:30) USathana wathembisa ukunika uYesu bonke ubukumkani bomhlaba ukuba wayenokumnqula nje kube kanye, esithi: “Ndiza kukunika lonke eli gunya nozuko lwazo, ngenxa yokuba linikelwe kum, kwaye ndilinika nabani na endisukuba ndinqwenela ukumnika.” UYesu akazange akhanyele ukuba uSathana wayenalo elo gunya. Kunoko Wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’” (Luka 4:5-8) AyingoThixo, kodwa nguSathana noorhulumente babantu abafanele babekwe ityala ngokuhlupheka kwabantu.—ISityhilelo 12:9, 12.
Kungekudala, uYehova uThixo uza kuzisusa zonke izinto ezikhathaza abantu. Sele emisele uBukumkani okanye urhulumente okhokelwa ngunyana wakhe uYesu Kristu ukuba ulawule abantu. (Mateyu 6:9,10; 1 Korinte 15:20-28) Isiprofeto seBhayibhile siyazaliseka ngoba iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngoku zishunyayelwa emhlabeni wonke. (Mateyu 24:14) Kungekudala uBukumkani buza kubasusa bonke abantu ababuchasayo buze buphelise zonke izinto ezikhathaza abantu.—Daniyeli 2:44; Mateyu 25:31-33, 46; ISityhilelo 21:3, 4.
UYINTONI UMVUZO WOKUTHEMBA IBHAYIBHILE? Abantu abathandabuzayo banjengamaza akhukuliswa “yiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhokolo.” (Efese 4:14; 2 Petros 2:1) Ngokwahlukileyo, abantu abafumana iimpendulo ezanelisayo zemibuzo yabo bayakwazi ‘ukuma beqinile elukholweni.’—1 Korinte 16:13.
AmaNgqina kaYehova apapasha eli phephancwadi angathanda ukukunceda ufumane iimpendulo zemibuzo ekwenza uthandabuze. Ayakucela ukuba uthethe nawo ukuze uzicikide ngokwakho iimfundiso zawo. Ukwenza loo nto kuya kulomeleza kakhulu ukholo lwakho kuThixo.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 8, esithi “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?,” nesahluko 11, esithi “Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a
[Umbhalo osemazantsi]
a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Abantu abafumana iimpendulo ezanelisayo zemibuzo yabo bafumana izizathu ezivakalayo zokukholelwa kwizinto abazikholelwayo