IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 7/1 iphe. 9
  • “Mna Yehova Thixo Wenu Ndingcwele”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Mna Yehova Thixo Wenu Ndingcwele”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ungcwele, Ungcwele, Ungcwele UYehova”
    Sondela KuYehova
  • “Nimele Nibe Ngcwele”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Kuthetha Ukuthini Ukuba Ngcwele?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • “Yibani Ngcwele Nani Kuyo Yonke Ihambo Yenu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 7/1 iphe. 9

Sondela KuThixo

“Mna Yehova Thixo Wenu Ndingcwele”

Levitikus Isahluko 19

“UNGCWELE, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo.” (ISityhilelo 4:8) IBhayibhile ibuchaza ngaloo mazwi ubungcwele bukaYehova, obuquka ubunyulu nokucoceka ngowona mlinganiselo uphakamileyo. UThixo akananto yakwenza kwaphela nesono, akanakuze adyojwe siso nangayiphi na indlela. Kodwa ngaba loo nto ithetha ukuba abantu abanakuze basondele kuThixo ongcwele ngolo hlobo? Nakanye! Makhe sehle amahlongwane amazwi akhuthazayo akwiLevitikus isahluko 19.

UYehova wathi kuMoses: “Thetha kwindibano yoonyana bakaSirayeli iphela.” Amazwi alandelayo awawathethayo wayewabhekisa kuwo onke amaSirayeli. Wayeza kuthini kuwo uMoses? UThixo waqhubeka wathi: “Uthi kubo, ‘Yibani ngcwele, kuba mna Yehova Thixo wenu ndingcwele.’” (Indinyana 2) UmSirayeli ngamnye kwakuza kufuneka abe ngcwele. Amazwi athi “Yibani” abonisa ukuba eli yayingelo cebiso nje kodwa yayingumyalelo. Ngaba uThixo wayefuna amaSirayeli enze into awayengasoze akwazi ukuyenza?

Phawula ukuba uYehova wayengathi ayefanele afikelele ubungcwele obulingana nobakhe, kodwa wayesithi ayefanele abe ngcwele kuba naye engcwele. Ngamanye amazwi, uYehova akazange ayalele abanquli bakhe abangafezekanga ukuba balingane naye ngokuba ngcwele. Yayingenakwenzeka loo nto. UYehova, “Lowo Ungoyena Ungcwele,” ungcwele ngaphezu kwabo bonke abanye abantu. (IMizekeliso 30:3) Noko ke, ekubeni uYehova engcwele, ulindele ukuba abakhonzi bakhe babe ngcwele—ngomlinganiselo onokufikelelwa ngabantu abangafezekanga. Banokuba ngcwele ngaziphi indlela?

Emva kokuba eyalele abantu ukuba babe ngcwele, uYehova waxelela uMoses izinto ezazifuneka kwinkalo nganye yobomi. UmSirayeli ngamnye wayelindeleke ukuba ayithobele loo milinganiselo yokuziphatha: njengokuthobela abazali nabanye abantu abadala (indinyana 3, 32); ukwazelelela abantu abangevayo, iimfama nabanye abaneziphene ezahlukahlukeneyo (indinyana 9, 10, 14); anyaniseke angabi namkhethe xa eqhubana nabanye (indinyana 11-13, 15, 35, 36); aze athande abanye abantu anqula nabo njengokuba naye ezithanda. (Indinyana 18) Xa umSirayeli ethobela le milinganiselo neminye wayeza ‘kuba ngcwele ngenene kuThixo [wakhe].’—Numeri 15:40.

Lo myalelo wokuba ngcwele usinceda sibone indlela acinga nazenza ngayo izinto uYehova uThixo. Enye into esiyifundayo kukuba ukuze sibe nolwalamano olusondeleyo noYehova kufuneka siphile ngemilinganiselo yakhe yobungcwele. (1 Petros 1:15, 16) Ukuba siphila ngaloo milinganiselo siya kuba nobona bomi banelisayo.—Isaya 48:17.

Kwakhona, umyalelo kaYehova wokuba sibe ngcwele ubonisa indlela abathembe ngayo abanquli bakhe. UYehova akalindelanga ukuba senze okungaphezu kwamandla ethu. (INdumiso 103:13, 14) Uyazi ukuba thina bantu, abenziwe ngomfanekiso wakhe, sinako ukuhlakulela ubungcwele—ngomlinganiselo othile. (Genesis 1:26) Ngaba le nto ayikwenzi ufune ukufunda okungakumbi ngendlela onokusondela ngayo kuThixo ongcwele, uYehova?

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Sinako ukuhlakulela ubungcwele

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share