IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu
Yintoni eyenza umfazi owayengasalufuni unqulo achithe ixesha lakhe elininzi ngoku efundisa abanye ngoThixo? Yatshintshwa yintoni indoda eyayithanda imidlalo enogonyamelo ukuze ithande uxolo? Yona indoda eyayilikhoboka leziyobisi, notywala yaye inguphuma-silwe yancedwa ukuze itshintshe? Khawuzivele ngokwakho ukuba bona bathini.
INGXELO NGOBOMI
IGAMA: PENELOPE TOPLICESCU
IMINYAKA: 40
ILIZWE: OSTRELIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYENGASALUFUNI UNQULO
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBLI: Ndazalelwa eSydney, Ostreliya, kodwa xa ndandineminyaka emibini ubudala iintsapho yakowethu yafudukela eNew Guinea. Sahlala eRabaul iminyaka emalunga nemibini saza sahlala esibhozo eBougainville. Wayengekho umabonwakude eNew Guinea ngaloo mihla, ngoko ke mna nomntakwethu sasichitha ixesha lethu sidada emilanjeni naselwandle size sihlale nasendle.
Xa ndandineminyaka emalunga neshumi ubudala, ndaba nomdla kunqulo. Umama wayengumKatolika, ngoko wandicebisa ukuba ndiye kwiiklasi zeBhayibhile ezaziqhutywa ngomnye unongendi owayehlala kuloo ngingqi yethu. Nam ke ndaba ngumKatolika ndaza ndabhaptizwa xa ndandineminyaka elishumi ubudala.
Noko ke, emva kokuba sibuyele eOstreliya nam sele ndifikisa, ndaqalisa ukuzithandabuza inkolelo zam. Kwisikolo samabanga aphakamileyo ndafunda imbali yakudala, ibe sasidla ngokuncokola ixesha elide notata ngemvelaphi yonqulo nangamanye amabali eBhayibhile esasicinga ukuba ayeziintsomi. Ekugqibeleni ndayishiya iCawa yamaKatolika.
Abazali bam bahlukana xa ndandineminyaka eli-16 ubudala. Umama wayengakwazi ukumelana nale meko, ngoko ndamshiya ndaya kuhlala notata nentokazi awayeza kutshata nayo. Umntakwethu yena wasala noMama yaye bafudukela kwelinye iphondo. Ndaziva ndililolo yaye kwadlula iminyaka emibini ngaphambi kokuba ndiphinde ndibe nobuhlobo nomama. Ndaqalisa ukusela utywala, ukusebenzisa iziyobisi nokuthanda iipotsoyi. Ndasiyeka isikolo, ndafumana umsebenzi ndaza ndachitha iminyaka eliqela ndiziphethe kakubi.
Ndathi xa ndineminyaka engama-25 ubudala ndaqalisa ukucinga ngeBhayibhile kwakhona. Ndafumana umsebenzi omtsha ndaza ndadibana noLiene, intombi ethandekayo eyayisoloko imhlonela umphathi nangona wayengqwabalala kuyo. Xa ndambuza ukuba kutheni engamphenduli rhabaxa wathi wayefunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye wayezama ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. Waba sele ecela ukundifundisa iBhayibhile. Ekubeni ndandingaqondi kakuhle ukuba wayethetha ukuthini, ndacinga ukuba wayethetha ukuba wayenokundifundisa yonke into awayeyazi ngeBhayibhile ngeyure enye nje kuphela. Wachitha iiyure ezintathu ngobo busuku ephendula imibuzo yam yeBhayibhile. Ndayithanda into yokuba iimpendulo zakhe zonke zazisekelwe eBhayibhileni.
Endleleni egodukayo emva kwaloo ncoko noLiene ndaziva ndinomsindo, ndicatshukiswa yinto yokuba uThixo ethathe ixesha elide kangako ngaphambi kokuba andifundise iBhayibhile. Ndandisazi ukuba amaNgqina ayeziphethe kakuhle yaye mna ndandicinga ukuba ndandingenakuba sakwazi ukuphila ngaloo ndlela. Kwakhona ndandicinga ukuba andinakuze ndishumayele kwindlu ngendlu njengawo. Ndaqhubeka kona ndiyifund’ iBhayibhile namaNgqina, kodwa ke ndandiyifunda kuba ndandifuna ukufumana into ethile ephosakeleyo ngemfundiso yawo endandiza kubambelela kuyo ukuze ndiyeke ukufund’ iBhayibhile nawo. Kodwa ngenye imini ndaqonda ukuba ayikho into ephosakeleyo endandinokuwabamba ngayo.
INDLELA EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ndaya ndidliwa sisazela njengoko ndandifunda ngemilinganiselo yeBhayibhile. Ukuze ndithomalalise eso sazela ndaziyeka iziyobisi. Kodwa ke ndathuthela kwelinye ilizwe laphesheya apho ndabuyela kwikakade lokuthanda iziyolo nokusela. Kwakubonakala ngathi sihlandlo ngasinye ndizama ukuphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, ndiphinda ndiwe. Ndandithandaza kuYehova ndineentloni, kodwa ndandisiva ubuhlungu.
Kwandinceda kakhulu ukufunda ngokukrexeza kukaKumkani uDavide noBhatshebha nendlela uYehova awabenzela inceba ngayo. UDavide waba nenkalipho waza wavuma iimpazamo zakhe yaye akazange azithethelele xa wayelulekwa. Wasamkela isohlwayo. (2 Samuweli 12:1-13) Sihlandlo ngasinye ndisilela, ndandidla ngokucinga ngaloo ngxelo nto leyo eyayisenza kube lula ukucel’ uxolo kuYehova. Ndagqiba kwelokuba ndithandaze ngaphambi kokuba ndinikezele kuso nasiphi na isilingo kunokuba ndizisole sele ndiwele kuso, yaye loo nto yenza umahluko omkhulu.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Bendingumntu onephuku. Noko ke isibhalo esikweyabase-Efese 4:29-31 siye sandinceda ndakubona ukubaluleka kokuphepha “ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo.” Ndafunda nokuwabala amazwi am njengoko ndandifunda ukulawula umsindo wam. Ukongezelela koko, isiluleko sikaYesu esithi “uEwe makabe nguEwe” sandinceda ndaba ngumntu okwaziyo ukubambelela elizwini lakhe.—Mateyu 5:37.
Umama owayekade engafuni ukuba ndibe liNgqina kamva wandixelela ukuba wayenelunda ngam. Wade wathi: “Ndiyazi ukuba ungulo mfazi unguye nje awenziwanga yindlela esikukhulise ngayo kodwa zizinto oye wazifunda ngoYehova.” Kwandivuyisa kakhulu ukumva ethetha ngolo hlobo.
Ngoku ndiyaziva ukuba ndiphila ubomi obunenjongo. Kule minyaka ilithoba idlulileyo mna nomyeni wam besichitha ixesha lethu elininzi sifundisa abantu iBhayibhile. Ewe kunjalo, ngoku ndishumayela kwindlu ngendlu yaye ndivakalelwa kukuba ndenza owona msebenzi ovuzayo endakhe ndawenza.
INGXELO NGOBOMI
IGAMA: DENIS BUSIGIN
IMINYAKA: 30
ILIZWE: RASHIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYETHANDA IKARATI
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndazalelwa kwidolophu yasePerm’ ndaza ndakhulela eFurmanov, isixeko esinabantu abangama-40 000 kwingingqi yaseIvanovo, eRashiya. IFurmanov sisixeko esihle kakhulu esizaliswe yimithi ejika ibe mthubi nabomvu ekwindla. Ngeminyaka ye-1980 neye-1990 izinga lolwaphulo mthetho lantinga kweso sixeko. Intsapho yakowethu yayiphila ngemali engephi. Ndandihlala nabazali bam kunye nomninawa wam kwindlu enegumbi elinye kuphela.
Ndafunda ikarati xa ndandineminyaka esixhenxe ubudala. Ndandiyithanda kakhulu kangangokuba yayiyeyona nto iphambili ebomini bam. Xa ndingenzi nto, ndandichitha lonke ixesha lam ndizilolonga yaye ndandinabahlobo abathanda imidlalo kuphela. Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala ndandisele ndiphumelele ibhanti elibomvu yaye emva konyaka ndaphumelela elimdaka. Ndandikwiqela lekarati elalikhuphisana kwiitumente zaseRashiya, eYurophu naseAsia. Ikamva lalibonakala liqaqambile kodwa ke ubomi bam batshintsha xa ndandineminyaka eli-17 ubudala.
Mna nabahlobo bam sophula umthetho saza sabanjwa. Ndagwetywa iminyaka emibini entolongweni. Kwakunzima ngokwenene entolongweni. Kodwa kulapho ndadibana khona neBhayibhile. Ndafunda iGenesis, INdumiso kunye neTestamente eNtsha. Ndade ndankqaya noBawo Wethu Osemazulwini yaye ndandimcengceleza ubusuku ngabunye ngaphambi kokuba ndilale, kuba ndandicinga ukuba loo nto yayiza kundinceda ngandlela thile.
Ndakhululwa entolongweni ngowama-2000 kodwa ke ubomi bam babungenamva bungenamphambili. Ndaqalisa ukusebenzisa iziyobisi. Umama wabhubha mayela nelo xesha. Wayengoyena mntu endandimthanda yaye kwakunzima kum ukukwamkela ukufa kwakhe. Noko ke ndakwazi ukuziyeka iziyobisi yaye ndaqalia ukuzilolonga kwakhona. Ndaza ndafudukela kwisixeko saseIvanovo. Apho ndafumana umsebenzi kwenye ivenkile. Isekela lomphathi waloo venkile wayeliNgqina likaYehova. Wandicacisela iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile waza wacela elinye iNgqina ukuba lindiqhubele isifundo seBhayibhile.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Xa ndandifundelwa ndavuya kakhulu ndisakuva ukuba kanti uThixo unenjongo yokwenza lo mhlaba ube yiparadesi yaye nam ndanqwenela ukuphila kuyo. Ngokukhawuleza ndafumanisa ukuba uYehova uThixo unemilinganiselo ephakamileyo afuna ukuba abantu baphile ngayo. Ndandichithe ixesha lam elininzi ndicinga ngesiqu sam kuphela. Kodwa ke ndafunda ukuba uYehova ufuna ndibacingele abanye ndize ndikhulise iimpawu endandingenazo ngelo xesha—ububele nokuthanda uxolo.
Njengoko ndandicinga nzulu ngazo zonke izinto awayendenzele zona uYehova—njengokunikela ngoNyana wakhe ukuze abe yintlawulelo yezono zam—umbulelo ngendlela andithanda ngayo uThixo oko kwabutshintsha ubomi bam. Ngokomzekelo ndafunda kwiNdumiso 11:5 ukuba uYehova uluthiyile ugonyamelo. Ngenxa yoko ndayeka ukubukela iinkqubo zikamabonwakude ezikhuthaza ugonyamelo nentiyo. Nangona kwakunzima, ndayiyeka imidlalo enobundlobongela. Umgaqo okweyabase-1Korinte 15:33 wandinceda ndaqonda ukuba abantu endinxulumana nabo banempembelelo kubomi bam. Ubungqina baloo nto yaba kukuvalelwa entolongweni. Ngoko ndagqiba kwelokuba ndiyeke ukuhamba nabantu ababedlala imidlalo enobundlobongela.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukunxulumana namaNgqina kaYehova nokufunda iBhayibhile kuye kwandinceda ndaba ngumntu onyanisekileyo. Ngokomzekelo, kumaHebhere 13:5 ndafunda ukuba kufuneka ndaneliseke zizinto endinazo, ndingathandi imali. Ukuphila ngeli cebiso kuye kwandinceda ndaphepha ukuxoka nokuba.
Kudala ndibuxabisa ubuhlobo. Ndikhe ndabubona ubuhlobo buphela ngenxa yokubawa okanye ukoyika. Ewe kona, amaNgqina kaYehova akafezekanga kodwa ke ndiye ndafunda ukuba ayayihlonipha imilinganiselo kaThixo yaye azama kangangoko ukuphila ngayo xa eqhubana nabanye. Kuwo ndiye ndafumana abahlobo bokwenene.
Nangoku ndisazibuza into engebuyiyo ubom bam ukuba ndandingafundanga ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile. Mhlawumbi ngendisentolongweni okanye ndivisa abanye abantu intlungu. Kodwa ke ngoku ndinomfazi omhle kunye noonyana ababini yaye sonke entsatsheni siyakuthanda ukunceda abanye bafunde inyaniso ngoThixo.
INGXELO NGOBOMI
IGAMA: JOSÉ CARLOS PEREIRA DA SILVA
IMINYAKA: 31
ILIZWE: BRAZIL
UBOMI BANGAPHAMBILI: UPHUMA SILWE
UBOMI BAM BANGAPHAMBILI: Ndakhulela kumatyotyombe aseAmericana eSão Paulo. Sasingenawo amanzi acocekileyo nezindlu zangasese ezindilisekileyo. Loo ndawo yayidume ngokuba nobundlobongela nolwaphulo mthetho.
Ndakhula ndithanda ukulwa. Ndandisoloko ndisilwa yaye ngenxa yoko abantu belokishi yam babendoyika. Indlela endandinxiba nendandizilungisa ngayo zazindenza ndibonakale ndingumntu oyingozi. Ndandibusela utywala ndide ndingabikho zingqondweni. Ndandisebenzisa iziyobisi njengabakhuluwa bam. Omnye wabakhuluwa bam zade zambulala.
INDLELA EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ukudibana kwam namaNgqina kaYehova andibonisa eBhayibhileni ukuba uThixo uza kwenza wonke umhlaba ube yiparadesi. (Luka 23:42, 43; ISityhilelo 21:3, 4) Ndafunda nokuba abantu abafileyo abazi nto ngoko uThixo akabohlwayi ngokubatshisa esihogweni somlilo. (INtshumayeli 9:5, 6) Ukwazi lento kwandinika isiqabu. Izinto endandizifunde ngoThixo zandenza ndafuna ukutshintsha indlela endandiphila ngayo. Kodwa kwakungekho lula ukuyeka iziyobisi, ukusela, ukulwa nokuthetha rhabaxa okwakusele kusegazini.
Noko ke, amazwi kampostile uPawulos akweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11 andikhuthaza ngokwenene. Esi sibhalo sibonisa ukuba amanye amaKristu enkulungwane yokuqala ayekade esenza ezinye zezinto ezimbi endandizenza. Kodwa kwaloo ndinyana iphinda ithi: “Abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka, niye nangcwaliswa, niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.” Loo mazwi andenza ndanethemba lokuba nam ndingakwazi ukuguqula ubomi bam ndize ndikholise uThixo.
Ukuqala kwam ukunxulumana namaNgqina kaYehova ndeyiseka ukuba ayelunqulo lwenene. Ayesazi ukuba ndandikade ndithanda ukulwa kodwa ke andamkela ngothando.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukuba ndandingafundanga iBhayibhile ndaza ndatshintsha ubomi bam, mhlawumbi ngendifile ngoku. Kodwa ndiye ndavuyiswa kukunceda omnye wabakhuluwa bam wafunda iBhayibhile waza waziyeka iziyobisi. Kwakhona ndiye ndakhuthaza nezinye izalamane zam ukuba zifunde iBhayibhile. Ndinombulelo kuba ndiye ndakwazi ukwahlulela ubomi bam ukuze ndikhonze uThixo osikhathalele ngolu hlobo!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]
“Ndagqiba kwelokuba ndithandaze ngaphambi kokuba ndinikezele kuso nasiphi na isilingo kunokuba ndizisole sele ndiwele kuso, yaye loo nto yenza umahluko omkhulu”