IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 8/1 iphe. 5-6
  • Inkonzo Elungileyo Ifundisa Abantu Ukuba Baziphathe kakuhle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inkonzo Elungileyo Ifundisa Abantu Ukuba Baziphathe kakuhle
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Imbono Yakho Ngesini—Yenza Wuphi Umahluko?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Ithini IBhayibhile Ngesondo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!
    Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango
  • Ngaba Unqulo Lwehlabathi Lukhokela Kakuhle?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 8/1 iphe. 5-6

Inkonzo Elungileyo Ifundisa Abantu Ukuba Baziphathe kakuhle

INKONZO elungileyo isifundisa ukuba singacingi ngezinto ezingcolileyo kunoko siziphathe kakuhle. Iyasinceda njengoko sizabalazela ukuziphatha kakuhle nokuba neempawu ezintle. Sazi njani ukuba iyayenza loo nto?

Khawuve into eyathethwa ngumpostile uPawulos kumaKristu enkulungwane yokuqala awayehlala eKorinte, eGrisi. Eso sixeko samandulo sasidume ngokuziphatha kakubi. UPawulos wathi: “Abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.” Walek umsundulo wathi: “Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.” (1 Korinte 6:9-11, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Uvile ukuba zithini ezi vesi? Zithi inkonzo elungileyo yaguqula abantu ababeziphethe kakubi baziphatha kakuhle baza baba ngabakhonzi bakaThixo abathembekileyo!

IBhayibhile iphinda ilumkise ithi: “Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo.”—2 Timoti 4:3, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Ziqhuba njani iinkonzo ozaziyo kwezi zinto kuthethwe ngazo apha? Ngaba ziphila ngokuvisisana nemigaqo eseBhayibhileni? Okanye ngaba ziyalingxenga iLizwi likaThixo zize zifundise abantu izinto ‘abathanda ukuziva’?

Le mibuzo ilandelayo inokukunceda ukuze ubone ukuba yiyiphi inkonzo evelisa iziqhamo ezilungileyo kwezo uzaziyo.

UMXHOLO: Umtshato.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.”—Hebhere 13:4, IBhayibhile YesiXhosa.

UMBUZO: Ngaba le nkonzo ifundisa amarhamente ayo ukuba atshate ngokusemthethweni?

UMXHOLO: Uqhawulo-mtshato.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE: Xa wayebuzwa ngokuba sikho na isizathu sokuqhawula umtshato, uYesu waphendula wathi: “Othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”—Mateyu 19:9, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO: Ngaba le nkonzo iyawathobela la mazwi kaYesu yaye ivumela ukuba umntu aphinde atshate kuphela xa ebeqhawule umtshato wakhe ngenxa yokukrexeza kweqabane lakhe?

UMXHOLO: Ukuziphatha kakuhle ngokwesini.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.”—1 Korinte 6:18, IBhayibhile YesiXhosa.

“Namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo.”—Roma 1:26, 27, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO: Ngaba le nkonzo ifundisa ukuba kuphosakele ukulalana kwabantu abangatshatanga enoba yindoda nomfazi, indoda nendoda, okanye umfazi nomfazi?

UMXHOLO: Ukufundisa amarhamente ukuba aphile ngemigaqo yeBhayibhile nokuba sele kumnyam’ entla.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Ningadibaniselani nosukuba ebizwa ngokuba likholwa, ukanti uyarheletya, okanye uyabawa, ukhonza izithixo, okanye uyanyelisa, linxila, okanye limenemene. Ewe, ze ningatyi nokutya oku nonjalo.” (1 Korinte 5:11, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Bamele benziwe ntoni abantu abathi bangamaKristu kodwa babe besenza izono futhi bengaguquki? ILizwi likaThixo alifihli makhuba kule nkalo kuba lithi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”—1 Korinte 5:13, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO: Ngaba le nkonzo iyawasika amarhamente ayo aphula imithetho yeBhayibhile aze angaguquki?

Yiyiphi inkonzo eyaziwa ngokubambelela kwimigaqo ephakamileyo yeBhayibhile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share