IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 12/1 iphe. 30-31
  • Babizwa Ngokuba “Ngoonyana Bendudumo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Babizwa Ngokuba “Ngoonyana Bendudumo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Usoloko Ufuna Ukuba Ngoyena Uphambili?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Funda Kumninawa KaYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ngaba Ubusazi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Abhala NgoYesu
    Fundisa Abantwana Bakho
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 12/1 iphe. 30-31

Fundisa Abantwana Bakho

Babizwa Ngokuba “Ngoonyana Bendudumo”

EBUDENI bezandyondyo zemvula, usenokuva iindudumo ezinkulu. Ngaba oko kwakoyikisa?—a Eneneni, uYesu ubiza abanye babafundi bakhe ngokuba “Ngoonyana Bendudumo.” Makhe sifumane isizathu.

Aba balandeli bakaYesu babini nguYakobi noYohane. Bangabantakwe, bangoonyana bakaZebhedi nomfazi wakhe uSalome. Kusenokwenzeka ukuba, uSalome wayengudade boMariya unina kaYesu. Mhlawumbi uYesu, uYakobi, noYohane babengookanina yaye babekwazitshomi xa babekhula.

UZebhedi, uYakobi kunye noYohane babengabalobi. Aba babini baba ngabanye babalandeli bakhe bokuqala awabakhethayo uYesu. Akubamema, balishiya ngokonangoko ishishini labo lokuloba baze bamlandela. Kamva uYesu wakhetha abalishumi eline-12 kubafundi bakhe ukuze babe ngabapostile. UYakobi koYohane bangabanye babo.

Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambi kokuba uYesu abulawe, yena kunye nabapostile bakhe bahamba kummandla weentaba zaseSamariya. Ilanga lihambile, yaye bonke badiniwe. Kodwa amaSamariya awafuni ukulalisa uYesu nabapostile kwisixeko sawo. Ngaba uyasazi isizathu?— Makhe sibone.

UYesu nabapostile bakhe bangamaYuda, yaye inkoliso yamaYuda ayivani namaSamariya. Kakade ke, uYesu akanjalo. Uwaphatha ngobubele, leyo yindlela uYakobi noYohane abafanele benze ngayo. Kodwa aba bafundi babini babaligqabi ngumsindo ngakumaSamariya kuba engakhange abamkele, babuza uYesu: ‘Ngaba uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubabhubhise?’ Ucinga ukuba wathini uYesu?— Uyabakhalimela kuba le nto bayithethayo ayifanelekanga. UYakobi noYohane kwafuneka bafunde okungakumbi ngenceba.

Enye ingxaki enkulu uYakobi noYohane ababanayo bafuna ukuba ngabokuqala, ukuba ngabona babalulekileyo. Ngaphabi nje kokuba uYesu afe, bathumela umama wabo ukuba athi kuye: “Khupha ilizwi lokuba aba nyana bam babini bahlale, omnye ngasekunene kwakho nomnye ngasekhohlo kwakho, ebukumkanini bakho.” Xa abanye abapostile abalishumi beva ngoko kwenziwe nguYakobi noYohane bacaphuka. Ngaba nawe wawuzakucaphuka?—

Mhlawumbi wawunokucaphuka. Asithandi xa abanye befuna ukuba ngabokuqala nokufuna ukuba ngabona babalulekileyo. Kamva uYakobi noYohane bafunda ukuba babengafanelanga baberhabaxa baze bangabinabubele, kodwa batshintsha. Babangabapostile abanothando, nobubele. Yintoni esinokuyifunda koku?—

Isifundo esifanele sisifunde kuYesu kukuba nathi sifanele siphathane ngobubele. UYesu wabaphatha kakuhle abantu, kuquka amadoda, amabhinqa, nabantwana. Ngaba uza kusoloko uzama ukukhumbula umzekelo wakhe uze uwuxelise?—

Funda eBhayibhileni yakho

  • Marko 3:17

  • Mateyu 27:55, 56; Marko 15:40, 41

  • Mateyu 4:18-22

  • Yohane 4:4-15, 21-26; Luka 9:51-55

  • Mateyu 20:20-24; Marko 10:35-37, 41

a Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba aphendule.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share