IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 1/1 iphe. 9-10
  • UAbraham—Indoda Ethobekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UAbraham—Indoda Ethobekileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Wayengubani UAbraham?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • UYehova Wathi ‘Ngumhlobo Wam’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • UAbraham NoSara—Unokuluxelisa Ukholo Lwabo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 1/1 iphe. 9-10

UAbraham—Indoda Ethobekileyo

UAbraham uhleli emthunzini wentente yakhe, ukuze azikhusele kwingqatsini yelanga. Njengoko ekhangele mgama ubona amadoda amathathu atyelele kulo mmandla wabo.a Engaphozisanga maseko, uthi khwasu ngoko nangoko ewakhawulela, uyawacela ukuba akhe aphumle kancinane ukuze afumane into esiwa phantsi kwempumlo. Ucela ukuwanika “iqhekeza lesonka,” kodwa emva koko uwenzela uncuthu lokutya okumncis’ iintupha okuquka isonka sombhako, ibhotolo nobisi, nethole lenkunzi yenkomo elilungisiweyo. Njengoko elungiselela iindwendwe zakhe ukutya, uAbraham akazange azenzele nje ububele kuphela kodwa wabonakalisa nokuthobeka njengoko siza kubona.—Genesis 18:1-8.

YINTONI UKUTHOBEKA? Ukuthobeka kukungabi nakratshi. Umntu othobekileyo uyayamkela into yokuba abantu baza kumodlula kwezinye izinto. (Filipi 2:3) Uyawaphulaphula amacebiso abanye yaye ukulungele ukwenza imisebenzi ephantsi.

UABRAHAM WAKUBONISA NJANI UKUTHOBEKA? UAbraham wayekuthanda ukukhonza abanye. Njengoko sele kuchaziwe, xa uAbraham wabona iindwendwe ezintathu, ngokukhawuleza wankqenkqeza phambili ekuzilungiseleleni. Umfazi wakhe uSara waziphekela ukutya ngokukhawuleza. Kodwa qaphela ukuba ngubani owayesisinxadanxada: NguAbraham owakhawulela iindwendwe, ikwanguye owazilungiselela into eya ethunjini, kwakhona ikwanguAbraham owaya kukhetha ithole elityetyisiweyo elaliza kuxhelwa, ikwanguye nowazibekela ukutya. Kunokuba ayalele izicaka zakhe ukuba zenze lo msebenzi uphantsi, wawenza ngokwakhe. Akazange akujonge njengokumthoba isidima ukwenza lo msebenzi.

UAbraham wavuma ukucetyiswa ngabantu abangaphantsi kwakhe. IBhayibhile iqulethe iincoko ezimbalwa ezaziphakathi kuka-Abraham noSara. Izihlandlo ezibini sifunda ukuba uAbraham waphulaphula amacebiso kaSara waza wawasebenzisa. (Genesis 16:2; 21:8-14) Kwesinye sezo zihlandlo, icebiso lakhe ‘lalingamkholisi kwaphela uAbraham.’ Kodwa xa uYehova uThixo wathetha naye, ukuba alisebenzise icebiso likaSara, uAbraham ngokuthobeka warhoxa waza walisebenzisa.

SIFUNDA NTONI THINA? Ukuba sithobeke ngokwenene, siya kukuvuyela ukukhonza abanye. Siya kufumana uvuyo kuyo nantoni na esiyenzela abanye ebomini eza kubenza bonwabe.

Sinokubonisa ukuba sithobekile ngendlela esisabela ngayo kumacebiso abanye. Endaweni yokuyikhabela kude imbono yomnye kuba nje ingakhange ize nathi, ngobulumko sinokuzamkela iimbono zabo. (IMizekeliso 15:22) Ukuphangalala okunjalo kubanceda kakhulu abo banomlinganiselo othile wegunya. Umphathi onamava ogama linguJohn uthi: “Ndiye ndafumanisa ukuba indoda ephetheyo yenza kubelula ngabantu ukuthetha ngokukhululekileyo.” Woleka umsundulo athi: “Kufuna ukuthobeka ukuyamkela into yokuba umntu ongaphantsi kwakho unokuba nendlela ebhetele yokwenza izinto kunawe. Akakho umntu—kuquka nomphathi—okwazi yedwa ukucinga izinto ezibhadlileyo.”

Xa sixelisa umzekelo, ka-Abraham ngokuphulaphula amacebiso abanye nangokwenza imisebenzi ephantsi, uYehova uyakholiswa sithi. Ngapha koko, “uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 Petros 5:5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kusenokwenzeka ukuba uAbraham ekuqaleni wayengazazi ezi ndwendwe zakhe ukuba ziingelosi ezithunywe nguThixo.—Hebhere 13:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share