IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/90 iphe. 3
  • Indima Yakho Ekwenzeni Iintlanganiso Zibe Yingenelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indima Yakho Ekwenzeni Iintlanganiso Zibe Yingenelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ISIFUNDO SEMBONISELO NESENCWADI SEBANDLA
  • ISIKOLO SOBULUNGISELELI SOBUTHIXO NENTLANGANISO YENKONZO
  • Iintlanganiso Zokunceda Abantu Abaselula
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Ngaba Ufak’ Isandla Ekwakheni Abanye Kwiintlanganiso ZamaKristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Indlela Yokulungiselela INtlanganiso Yenkonzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Indlela Yokufumana Uvuyo Olungakumbi Kwiintlanganiso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
km 7/90 iphe. 3

Indima Yakho Ekwenzeni Iintlanganiso Zibe Yingenelo

1 Iintlanganiso zethu ziyasinceda ukuba simazi kakuhle uYehova. Ziyasinceda ukuba siyazi imithetho nemigaqo yakhe zize zisikhuthaze ukuba siphile ngokuvisisana nayo. Iintlanganiso zisixhobisela ukuba nesabelo ngokunempumelelo ngakumbi kumsebenzi osindis’ ubomi wokushumayela. Ibe ziyasinceda ukuba sifikelele usukelo lwethu lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. Iiyure esizichitha sikunye kwiintlanganiso ziya kusizisela ingenelo enkulu ukuba thina njengabantu ngabanye siphumeza indima yethu yokwenza iintlanganiso zibe yingenelo.

2 Kukho iinkalo ezintathu ezingundoqo ekwenzeni iintlanganiso zibe yingenelo—ukulungiselela, ukuba nenxaxheba nokukusebenzisa ngokuyingenelo okufundayo. Ezi nkalo zihlobene. Ukulungiselela kakuhle kwenza ukuba nenxaxheba kube lula yaye kunandipheke. Amazwi ovuyo nawemincili abonakalisa ukholo ayavuselela kwabo baphulaphulayo. (Efe. 4:29) Ngokunokwenzeka bonke abakhoyo baya kukusebenzisa oko kuthethwe ngako ukuba bayakuqonda yaye bayancedwa ukwazi indlela inkcazelo leyo enokusetyenziswa ngayo ngeendlela eziyingenelo kubomi babo nasekuncedeni abanye babe ngabafundi.

ISIFUNDO SEMBONISELO NESENCWADI SEBANDLA

3 ISifundo SeMboniselo neSifundo Sencwadi Sebandla ziintlanganiso ezibaluleke kakhulu kuba ngazo ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ wondla abendlu yokholo. (Mat. 24:45-47) Ngaba ubekela bucala ixesha lokufundisisa umbandela oza kuxutyushwa? Ngaba ukulungele ukugqabaza kwiintlanganiso? Ngokucacileyo, unendima eyintloko kule nkalo.

4 Ukuba uwufundisise ngokucokisekileyo umbandela weSifundo SeMboniselo okanye weSifundo Sencwadi Sebandla, uya kuba ngokulungeleyo ukuba nenxaxheba kuvuyo olukhulu lokupha. (IZe. 20:35) Abaninzi bakufumanisa kuluncedo ukukrwela amagama aziintloko. Ngokuhlola izibhalo ezingacatshulwanga uze uqwalasele indlela ezisebenza ngayo, uya kukwazi ukuqonda izizathu ezingokweZibhalo zezo mpendulo. Ngaba ngoku ungakwazi ukuphendula ngawakho amazwi, okanye kufuneka uzifunde iimpendulo? Injongo eyintloko yezinto ezingokobuthixo esizifundiswayo kukuyenza inkcazelo ibe yesebenza kuwe nokwenza ngokuvisisana nayo unoxabiso olusuka entliziyweni nokuqonda.—IMize. 2:5; 4:7, 8.

ISIKOLO SOBULUNGISELELI SOBUTHIXO NENTLANGANISO YENKONZO

5 Ngaba uzigqala iintetho zabafundi ozinikela esikolweni njengezabelo ezivela kuYehova uze ukubonise oku kwindlela ozilungiselela ngayo? Qiniseka ukuba uyawuqonda umbandela yaye unako ukuwudlulisela ngendlela ebangel’ umdla. Kodwa kwanokuba akunasabelo sikhethekileyo, fundisisa ngokufunda izahluko zeBhayibhile ezikucwangciso nomnye umbandela veki nganye. Kufanele kwenziwe okufanayo nakwiNtlanganiso Yenkonzo. Ukuba oku ukwenza kwangaphambili, ebudeni bentlanganiso unokucinga ngokungqalileyo ngoko kunikelwayo, kunokuba uzabalazele ukuziqhelanisa nombandela okwesihlandlo sokuqala.

6 Imiboniso yeNtlanganiso Yenkonzo naleyo yeentetho zabafundi ifanele ibe yeyokwenene, ilungiselelwe ngokweemeko zasekuhlaleni ezo sonke esiqheleneyo nazo. Yiqhelisele kakuhle inxalenye yakho. Kwakhona, nxiba ngokufanelekileyo ukuze isinxibo sakho sibe ngumzekelo omhle kwabanye.

7 Injongo yakho mayibe kukuyilungiselela kakuhle nokuyinikela ngentshiseko inxalenye oyabelweyo. Bazali, ncedani abantwana benu ukuba balungiselele baze baphendule ngamazwi abo xa kuvela ithuba. Eneneni, ukuba sonke sikuxhalabele ngokobuqu ukufika ngexesha size silungele ukuba nenxaxheba, iintlanganiso zethu ziya kuba nenkcazelo ebalulekileyo nekhuthazayo edluliselwe ngendlela eya kubagcina abaphulaphuli benomdla. Ngaba uya kuyiphumeza indima yakho kule nkalo ukuze ‘zonke izinto zenzelwe ukwakha’ abanye abahlanganisene kunye nawe?—1 Kor. 14:26.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share