Isingxobo Semibuzo
● Xa umvakalisi efudukela komnye ummandla, yintoni efanele yenziwe ukumnceda ekumdluliseleni kwelo bandla?
Kwakamsinya nje ukuba umvakalisi afike evela kwelinye ibandla, unobhala welo bandla ufanele acele kuloo mvakalisi igama lebandla asuka kulo negama nekhelingi kanobhala webandla elo. Ufanele ke abhalele loo nobhala, ecela iqweqwe leNgxelo Yomvakalisi Webandla kunye neleta yenkcazelo emazisayo. Unobhala ofumana esi sicelo ufanele aphendule ngaphandle kokulibazisa.—Bona incwadi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 104-5.
Umvakalisi oceba ukufuduka unokuncedisa ngokuqiniseka ukuba ulazi kakuhle igama lebandla asuka kulo kwanegama nekhelingi kanobhala. Ngoko, akufika kwibandla elitsha, le nkcazelo unokuyidlulisela kunobhala walapho ukuze athabath’ inyathelo ngokukhawuleza. Iingxelo zenkonzo yasentsimini ezifakwe kwibandla elitsha zinokugcinwa de kufunyanwe iqweqwe lengxelo. Emva koko ingxelo yomsebenzi womvakalisi inokufakwa kwiqweqwe lengxelo ize iqukwe kwingxelo elandelayo yebandla yeenyanga ngeenyanga.
Kwiimeko ezithile umvakalisi usenokuba sele elazi igama nekhelingi kanobhala webandla aya kulo. Ukuba kunjalo, akuyi kuba yimfuneko ngabadala ukuba balinde de kufike isicelo. Ingxelo yomsebenzi womvakalisi neleta enenkcazelo emazisayo zinokuthunyelwa ngoko nangoko kunobhala webandla loo mvakalisi aza kunxulumana nalo.