Ukulisebenzisa Ngobuchule ILizwi Lenyaniso
1 Ubuchule bethu ekusebenziseni iLizwi likaThixo bunokuyichaphazela indlela abantu abasabela ngayo kwiindaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, uPawulos wakhuthaza ukuvelisa ubuchule kubulungiseleli, esithi: “Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.”—2 Tim. 2:15.
2 Simele sivelise ubuchule ekusebenziseni iBhayibhile. Ukubekela bucala ixesha lofundisiso lobuqu nokuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu kubalulekile. Noko ke, simele siziqhelisele izinto esizifundayo ngokuyisebenzisa rhoqo iBhayibhile kubulungiseleli. Oku kufuna umgudu ozingisileyo njengoko sifuna uncedo nolwalathiso lukaThixo.—1 Yoh. 3:22.
3 Tsalel’ Ingqalelo KwiLizwi LikaThixo: Kubalulekile ukuba abantu baqonde ukuba isigidimi esisivakalisayo asiphumi kuthi kodwa siphuma kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo. (Yoh. 7:18) Ukubonisa umntu oko uThixo akuthethayo eBhayibhileni ngombandela othile kunokuba nempembelelo enkulu. Abantu abaneentliziyo ezithanda ubulungisa bayatsaleleka kwisigidimi esinamandla seBhayibhile. Njengoko sizisebenzisa ngamandla iZibhalo, siba nobuchule obungakumbi yaye siya kubenza abanye baqhelane ngakumbi neLizwi likaThixo, nto leyo eya kuba luncedo kubo.
4 Abantu abaninzi abaqhelananga neBhayibhile. Xa siyisebenzisa, simele senze okungakumbi kunokufunda nje izibhalo. Kufuneka silungiselele ngenyameko ukuze sazi indlela esinokusitshayelela ngayo isibhalo esithile. Sinokuphakamisa imibuzo okanye sichaze ingxaki abantu abajamelene nayo ukuze sivuselele umdla. Kwakhona, simele sinikel’ ingqalelo koko sikuthethayo emva kokufunda isibhalo. Loo mntu usenokungayifumani ingongoma ngokufunda nje isihlandlo esinye. Ukuwagxininisa kwakhona amagama ayintloko nokuwacacisa kuya kwenza ukuba iingcamango ozibethelelayo zizike engqondweni.—Bona Incwadi Yesikhokelo Yesikolo, isifundo 24 nesama-25.
5 Umnikelo: Ebudeni bukaNovemba siya kunikela incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Sinokuqalisa njani ukuthetha nabantu ngalo mnikelo? Emva kokuzazisa sinokuthi: “Namhlanje, abaninzi bathembele kubantu abathile okanye kwiimpapasho ezahlukahlukeneyo ukuze bafumane ulwalathiso. Ucinga ukuba banokulufumana phi olona lwalathiso luluncedo? [Mvumele aphendule.] Phawula oko iBhayibhile ikuthethayo ngomthombo wokwenyaniso wobulumko. [Funda IMizekeliso 2:6, 7.] Ubulumko babantu bungqineke busilela ngokulusizi, bukhokelela kwintlekele nakunxunguphalo. Noko ke, obukaThixo ubulumko bebusoloko bungqineka bunokuthenjwa yaye buluncedo. [Funda uIsaya 48:17, 18.] Ngoko ke, sifanele sikhangele kuThixo, onikela ulwalathiso oluyimfuneko ukuze sihlangabezane neengxaki esijamelene nazo.” Sinokwandula ke sityhile kwisahluko 12 kwincwadi ethi Ililizwi LikaThixo size sitsalel’ ingqalelo kwisiqendu 2. Emva koko, sinokubalaselisa ingongoma ebalulekileyo kweso sahluko.
6 Emva kokusebenzisa IMizekeliso 2:6, 7 ekubalaseliseni ukongama kobulumko bukaThixo, cacisela umninimzi isizathu sokuyihlonela nokuyixabisa kwakho iBhayibhile. Mazise ukuba iimfundiso zayo ziya kumnceda zize zimnike ithemba eliqinileyo lekamva. Ingxubusho enjalo isenokuvula amathuba okubalaselisa isiluleko esithile sobulumko seBhayibhile kwiingxaki zemihla ngemihla yaye isenokukhokelela kwisifundo seBhayibhile.
7 UYesu wayesoloko ebhekisela kwiZibhalo ukuze ancede abantliziyo zinyanisekileyo nokuze akatyise abo babemchasa. Kwakulisiko likaPawulos ‘ukubuthabatha nokubutyhila ezibhalweni’ ubungqina bezinto awayezifundisa. (IZenzo 17:2, 3) Siya kuba nentembelo novuyo olungakumbi kubulungiseleli njengoko ngokunyanisekileyo sizabalazela ukwandisa ubuchule bethu bokusebenzisa iLizwi lenyaniso.