Sebenzisa Incwadi Ukuqiqa Xa Ubuyela
1 “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha.” Watsho njalo umpostile uPawulos. (1 Kor. 3:6) La mazwi mane awachaza ngokulula amanyathelo amabini okuqala okwenza abafundi. Ngokufuthi kuye kwabhekiselwa kumsebenzi wokwenza amabuyelo njengomsebenzi “wokunkcenkcesha.” Uliqhagamshela elibalulekileyo phakathi kotyelelo lokuqala nokuba loo mntu abe ngumfundi obhaptiziweyo. Umsebenzi wokubuyela usinceda sikwazi ‘ukuhlwayela ukwazi’ sikhulise imbewu yomdla obonakalisiweyo de ube nzulu kuze kuqaliswe isifundo seBhayibhile.—IMize. 15:7.
2 Bambi basenokuba mathidala ukubuyela apho kuboniswe umdla khona ngenxa yokungaqiniseki ngoko bamele bakuthethe. Incwadi yethu yesikhokelo ethi Ukuqiqa Ngezibhalo ingqineke iluncedo kakhulu ekwenzeni lo msebenzi wokunkcenkcesha. Ngokuqhelekileyo ngaphambi kokuba umninimzi asivume isifundo seBhayibhile esiqhutywa rhoqo, umele atyelelwe ngokufutshane izihlandlo eziliqela. Incwadi Ukuqiqa inikela imixholo engokweZibhalo ekunokuxutyushwa ngayo nomninimzi. Lungiselela kakuhle xa uza kubuyela, mhlawumbi usebenzisa elinye okanye angakumbi ala macebiso alandelayo.
3 Ukuba ubuhambise “IMboniselo” ka-Aprili 15, 1992, exubusha ngomthandazo, xa ubuyela usenokuphakamisa lo mbuzo:
◼ “Yintoni enokwenza imithandazo yomntu ibe yengamkelekanga kuThixo?” Emva kokuvumela umninimzi ixesha lokuphendula, khupha incwadi yakho Ukuqiqa uze utyhile kwiphepha 343. Xubusha kunye naye ezinye zezibhalo ezingaphantsi kwaloo mxholo, umkhuthaze ukuba azifundele ngokuphuma encwadini. Nikela umrhumo, okanye amaphephancwadi amabini ukuba umnikelo awuthatyathwa.
4 Kwelinye ibuyelo, emva kokubuza umninimzi ukuba ubuqonda buyintoni na uBukumkani bukaThixo, ekubhekiselwa kubo kumThandazo weNkosi, tyhila kwiphepha 85-91. Ngokuvuma kwexesha, cacisa izibhalo ezingaphantsi komxholwana othi “Ngaba UBukumkani BukaThixo Bungurhulumente Wokwenene?” nothi “Buya Kufeza Ntoni UBukumkani BukaThixo?” Lungisa ingcamango ephosakeleyo eqhelekileyo yokuba uBukumkani busentliziyweni kabani. UBukumkani bungurhulumente wokwenene! Kunokugubungela wonke lo mbandela ngaxeshanye, phakamisa imibuzo eniya kuyixubusha kwixesha elilandelayo.
5 Kwenye imeko, umninimzi usenokuthabatha uVukani! kaMeyi 8, 1992, onenqaku elithi “Ngaba Ubomi Bunayo Injongo?”
Unokubuza:
◼ “Ngaba ikho into ebonisa ukuba umzimba womntu wawudalelwe ukuphila ngonaphakade emhlabeni?” Okanye, “Ngaba ucinga ukuba abafileyo bayakwazi okwenziwa ngabaphilayo?” Le mibuzo isenokuvuselela umdla kumninimzi ngenxa yokuba imchaphazela ngokobuqu. Yenza amalungiselelo okumbuyela neempendulo, ezifumaneka kwincwadi Ukuqiqa kwiphepha 84 nele-106, ngokulandelelana kwawo.
6 Ukuba kwingxubusho yokuqala nanithetha ngekamva lomhlaba, usenokubuza:
◼ “Ngaba uThixo uya kubavumela abantu bonakalise umhlaba ngandlel’ ithile?” Yandula ke utyhile kwiphepha 28 lencwadi Ukuqiqa uze uxubushe impendulo engokweZibhalo. Okanye umninimzi usenokubuza: “Ukuba kuvuswa amawaka ezigidi ekufeni, aya kuhlala phi?” Impendulo inokufunyanwa kwincwadi Ukuqiqa, iphepha 374.
7 Zama ukungamngxali umninimzi ngayo yonke inyaniso ngaxeshanye. Shiya eminye imibuzo ukuze iphendulwe xa utyelela kwixesha elizayo. Njengabasebenzi kunye noThixo, sifuna ukutyala size sinkcenkceshe ngobuchule ngokusebenzisa ngokunempumelelo incwadi Ukuqiqa. Sinokuqiniseka ukuba uThixo uya kuhlumisa.