Isingxobo Semibuzo
◼ Ziintoni esifanele siziphathe kwiintlanganiso?
Veki nganye sifumana imiyalelo eyingenelo nokhuthazo kwiintlanganiso zebandla. (Isa. 48:17; Heb. 10:24, 25) Noko ke, umlinganiselo esingenelwa ngawo ubukhulu becala uxhomekeke ekubeni siza silungiselele kakuhle kusini na.
Kungakuhle ukuba ilungu ngalinye lentsapho lize neencwadi zalo nezinye izinto ezifuneka kwiintlanganiso. Oku kuya kuquka iBhayibhile, iculo, impapasho (okanye iimpapasho) ezifundisiswayo, incwadi yamanqaku nosiba lokubhala.
KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, izinto ezifunekayo luCwangciso LweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neNcwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ezi zinto zisinceda sikhumbule umxholo wentetho yomfundi enikelwayo nokuhambisana nomveleli wesikolo njengokuba enikela isiluleko. Isiluleko namacebiso akhe sinokuwasebenzisa ngokobuqu ukuze siphucule iintetho neentshumayelo zethu kwinkonzo yasentsimini. Ukususela kuJanuwari, inkoliso yeentetho ezifundisayo isekelwe kwincwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo. Kusenokungenzeki ukuba ilungu ngalinye lentsapho liziphathele eyalo incwadi; mhlawumbi intsapho isenokuphatha incwadi ibe nye ukuze ikwazi ukujonga kuyo xa kubhekiselwa kuyo.
KwiNtlanganiso yeNkonzo, kufuneka size noBulungiseleli Bethu BoBukumkani obusetyenziswayo nencwadi Ukuqiqa. Phatha zonke iimpapasho eziza kusetyenziswa ebudeni baloo ntlanganiso, njengoncwadi oluza kusetyenziswa kwimiboniso yeentshumayelo. Abadala bafanele baphathe incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu.
Abazali bafanele bazame ukuba abantwana babo bahlale phantsi baze banikele ingqalelo kwiintlanganiso zebandla. Ukubanika imibhalo yabo yeMboniselo nezinye iimpapasho kwanokuba abakakwazi ukufunda, kuyabakhuthaza babe nomdla. Xa abaselula befundiswa ukuhlonela iimpapasho zobuthixo baze bazisebenzise, baya kuba nemikhwa yokomoya eyakhayo nabaya kukhula nayo.
Uvuyo nolwaneliseko esilufumana kwiintlanganiso zebandla luyanda xa siza sixhobe ngokwaneleyo. (2 Tim. 3:17) Le yeyona ndlela yokuqinisekisa ukuba ‘sizaliswa kukwazi kakuhle ukuthanda kukaThixo, sinokulumka nokuqonda konke okukokomoya.’—Kol. 1:9.