Isingxobo Semibuzo
◼ Sinokugqabaza ngokuphumelela ngakumbi njani kwiintlanganiso?
Sikhangela phambili ekuhlanganisaneni kwiintlanganiso zebandla zeeveki ngeeveki. Apho siba nethuba lokuvakalisa ukholo lwethu size sikhuthaze abanye ngokugqabaza. (IMize. 20:15; Heb. 10:23, 24) Sifanele sikujonge ukugqabaza njengelungelo size sizabalazele ukuba nesabelo rhoqo. Sinokukwenza njani oku ngokuphumelelayo?
Inyathelo lokuqala kukulungiselela. Ukufunda size sicamngce ngombandela kwangaphambili kubalulekile. Zama ukufumana intsingiselo yoko kuthethwayo. Nangona loo mbandela usenokuba ubukhe waxutyushwa ngaphambili, funa iingongoma ezibhekele phaya ezinikelweyo. Khumbula umxholo wombandela. Xa ulungiselela amagqabaza kwimpapasho ehlolisisa ngokweenkcukacha incwadi yeBhayibhile, njengencwadi ethi Incopho YeSityhilelo, zama ukubona indlela indinyana ethile ehlobene ngayo nezinye iindinyana. Ukulandela la macebiso kuya kukhuthaza amandla akho okucinga. Kuya kukunceda ulungiselele amagqabaza amahle uze uvuyiswe ziimpendulo zakho.
Awona magqabaza afunekayo ngangqalileyo, alula nasekelwe kwimpapasho efundisiswayo. Umntu wokuqala ukugqabaza ufanele aphendule umbuzo ngokungqalileyo, ezinye iingongoma azishiyele amagqabaza awongezelelekileyo. Kuphephe ukunikela iimpendulo ezinde ezijikelezayo ezitya ixesha elininzi zize zenze nabanye bangakwazi kugqabaza. Phendula ngawakho amazwi, kunokuba amagqabaza akho uwafunde ngokusuka ngqo kwimpapasho. Amagqabaza awongezelelekileyo anokuquka iingongoma zeZibhalo ezibonisiweyo. Phulaphula ngenyameko koko abanye bakuthethayo ukuze uphephe ukuphinda into eseyithethiwe ngokungeyomfuneko.
Kuhle ukuphakamisa isandla sakho izihlandlo eziliqela kodwa ungasiphakamisi kwisiqendu ngasinye. Sibongoza abaselula nabo bagqabaze. Ukuba uyoyika ukuphendula, chazela umqhubi kusengaphambili isiqendu obungathanda ukuphendula kuso, yaye mhlawumbi uya kukunika ithuba lokuba uphendule.
Sonke sifanele senze umgudu wokuba nento esinokwabelana ngayo nabanye kwiintlanganiso zebandla equka ukuba nenxaxheba njengomphulaphuli. Khumbula, ukuze ezi ntlanganiso ziphumelele kuxhomekeke ekulungeleni kwethu ukugqabaza nakwindlela aphumelela ngayo amagqabaza.—INdu. 26:12.