Sebenzisa Iincwadana Ezinemifanekiso Ezahlukeneyo Kubulungiseleli Bakho
1 Namhlanje abantu banomdla kwimibandela eyahlukeneyo. Njengokuba uxakeke kwinkonzo yasentsimini ebudeni bukaJulayi, usenokuphatha iincwadana ezinemifanekiso ezahlukeneyo, usebenzise ibe nye abaya kuba nomdla kuyo abantu basekuhlaleni. Mhlawumbi ungathanda ukuzama enye yezi ntshumayelo:
2 Xa unikela incwadana enemifanekiso ethi “Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi,” usenokubuza oku:
◼ “Ucinga ukuba beliya kuba njani ihlabathi ukuba belilawulwa nguThixo kuphela? [Vumela impendulo.] Xa sisenza umthandazo weNkosi, okanye uBawo Wethu Osezulwini, esawufundiswa nguYesu sithandazela ukuba uThixo alawule ngokwakhe emhlabeni. [Tyhila kwiphepha 3, uze ufunde isiqendu sokuqala, esicaphula uMateyu 6:10.] Ukuba ungathanda ukuphila kwihlabathi elilolo hlobo, ufanele ufunde le ncwadana inemifanekiso.” Cela ukumshiyela yona ngomnikelo we-R1,00.
3 Incwadana enemifanekiso ethi “Xa Umntu Omthandayo Esifa” inokuhanjiswa ngale ndlela:
◼ “Ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha apho kungekho namnye kuthi oya kuze afelwe ngumntu amthandayo? [Vumela impendulo.] Le ncwadana inemifanekiso ebhalwe ngobuchule iye yathuthuzela izigidi ngedinga leBhayibhile eliqinisekileyo lokuba elo xesha liza kufika kungekudala. [Tyhila kwiphepha 5, uze ufunde isiqendu sesihlanu, kuquka neyoku-1 kwabaseKorinte 15:21, 22. Yandula ke utyhile kumfanekiso okwiphepha 30.] Apha umzobi ubonisa uvuyo esisenokuba nalo xa sisamkela esibathandayo abafileyo xa bevuka. Kodwa kuya kwenzeka phi oko? Le ncwadana inemifanekiso iya kukubonisa impendulo yeBhayibhile kuloo mbuzo.” Ukuba le ncwadana inemifanekiso iyamkelwa, usenokongeza uthi: “Ndingathanda ukubuya kamva size sixubushe lo mbandela.”
4 Usenokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” usebenzisa le ntshayelelo ingqalileyo ukuqalisa isifundo seBhayibhile:
◼ “Abantu abaninzi banemibuzo ngeBhayibhile. Usenokuba ukhe wayifuna impendulo yayo. [Tyhila kwiphepha 30.] Lo mbuzo wokugqibela abaninzi baye banomdla kuwo: ‘Unokuzilungiselela njani ubomi obungunaphakade eParadisi?’” Ukuba uxubusha isiqendu 57-8 kwiphepha 29-30 uze ufunde ISityhilelo 21:3, 4, uya kuba ubeke isiseko sesifundo seBhayibhile. Qukumbela ngokushiya le ncwadana inemifanekiso uze ulungiselele ukubuyela ukuze uxubushe omnye waloo mibuzo.
5 Usengathanda ukuzama le ntshumayelo ilula ngencwadana ethi “Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade”:
◼ “Enye yezinto zokuqala endazifunda eBhayibhileni yayiligama likaThixo. Uyalazi ukuba lingubani? [Vumela impendulo.] Mandikubonise. Lilapha eBhayibhileni kwiNdumiso 83:18. [Yifunde.] Le ncwadana inemifanekiso ibonisa indlela igama likaThixo, uYehova, elibonakala ngayo kwiilwimi ezahlukeneyo. [Mbonise ibhokisi ekwiphepha 8.] Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngoYehova neenjongo zakhe, ufanele ufunde le ncwadana inemifanekiso.” Nika umninimzi le ncwadana.
6 Ngenxa yeencwadana ezinemifanekiso ezintle ezahlukeneyo esinokuzisebenzisa, ngokuqinisekileyo sikuxhobele ‘ukushumayeza abalulamileyo iindaba ezilungileyo.’—Isa. 61:1.