Ukuhambela Kwakho Phambili Makubonakale
1 Khawukhumbule ngexesha laxa wawuqala ngqa ukuva isigidimi soBukumkani. Iinyaniso ezisisiseko zavuselela kuwe umnqweno wokufuna ukwazi nokuqonda. Kungethuba lide wayibona imfuneko yokwenza utshintsho kwindlela ophila ngayo ngenxa yokuba iindlela zikaYehova ziphakame kakhulu kunezakho. (Isa. 55:8, 9) Wahambela phambili, wahlulela ubomi bakho waza ke wabhaptizwa.
2 Kwanasemva kokuba wenze inkqubela ngokomoya, kwakusekho ubuthathaka ekwakufuneka uboyise. (Roma 12:2) Mhlawumbi wawusoyika abantu, nto leyo eyayikwenza ube mathidala ekubeni nesabelo kwinkonzo yasentsimini. Okanye mhlawumbi wawusilela ekubonakaliseni isiqhamo somoya kaThixo. Kunokuba udimazeke, wazimisela ukuhambela phambili ngokuzibekela usukelo lobuthixo.
3 Kusenokuba ngoku sele kudlule iminyaka eliqela ukususela ekubeni wathi wazahlulela. Xa ukhangela emva, uzibona uhambele phambili kangakanani? Ngaba uziphumezile ezinye izinto owawunosukelo lwazo? Ngaba unenzondelelo efana naleyaa ‘wawunayo ekuqaleni’? (Heb. 3:14, NW) UTimoti wayesele engumKristu oqolileyo eneminyaka yamava xa uPawulos wambongoza wathi: “Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.”—1 Tim. 4:15.
4 Uhlolisiso Lobuqu Luyafuneka: Xa sizikis’ ukucinga ngekhondo lethu lexa elidluleyo, ngaba sifumanisa ukuba sisenobuthathaka obuthile esasinabo ekuqaleni? Ngaba siye sasilela ukufikelela ezinye izinto esasinosukelo lwazo? Ukuba kunjalo, yintoni unobangela? Nangona sasineenjongo ezintle, sisenokuba sazibekela amangomso. Mhlawumbi saye savumela amaxhala obu bomi okanye iinzima zale nkqubo ukuba zisidimaze.—Luka 17:28-30.
5 Ngoxa kukuncinane esinokukwenza ngezinto zexa elidluleyo, ngokuqinisekileyo kukhona esinokukwenza kwixa elizayo. Sinokuzihlola ngokunyanisekileyo, sibone apho sisilela khona size ke senze umgudu wenkuthalo wokuphucula. Kusenokufuneka siphucule ekubonakaliseni iziqhamo zomoya kaThixo, ezinjengokuzeyisa, ubulali, okanye ukuzeka kade umsindo. (Gal. 5:22, 23) Ukuba sinobunzima ekusebenzisaneni nabanye okanye nabadala, kubalulekile ukuba sihlakulele ukuthobeka nokuthobeka kwengqondo.—Fil. 2:2, 3.
6 Ngaba singakubonakalisa ukuhambela kwethu phambili ngokuzabalazela amalungelo enkonzo? Ngokwenza umgudu ongakumbi abazalwana banokufanelekela ukuba zizicaka zolungiselelo okanye abadala. Abanye bethu banokukwazi ukubhalisa njengoovulindlela abathe ngxi. Kanti ke kwabaninzi, ubuvulindlela bobuncedani bunokuba lusukelo olufikelelekayo. Abanye basenokuzabalazela ukuphucula imikhwa yabo yofundisiso lobuqu, besiba nenxaxheba ngokukhutheleyo ngakumbi kwiintlanganiso zebandla, okanye babe nempumelelo ngakumbi njengabavakalisi bebandla.
7 Kambe ke, kuyimbopheleleko yomntu ngamnye kuthi ukubona apho kufuneka sihambele phambili khona. Sinokuqiniseka ukuba umgudu wethu onyanisekileyo ‘wokuhambela phambili ekuqoleni’ uya kongezelela kanobom kuvuyo esinalo uze usenze sibe ngamalungu ebandla anempumelelo ngakumbi.—Heb. 6:1, NW.