Lutsha—Luyintoni Usukelo Lwenu Lokomoya?
1 UYehova uyayazi indlela oyolisa ngayo umsebenzi obalulekileyo nonentsingiselo kunye nosukelo olufikelelekayo. (Bona iGenesis 1:28; 2:15, 19.) Namhlanje, uYehova uye wanika abantu bakhe isabelo sokushumayela nokufundisa. Kwakhona sinosukelo esifanele siluzuze ekugqibeleni olo lokufumana ubomi obungunaphakade eParadesi. Okwangoku, kufuneka sizibekele usukelo lokomoya oluqhubekayo ukuze sikuphephe ukudlala ngamandla nangobuncwane bethu.—1 Kor. 9:26.
2 Usukelo Lokwenene Lwabantu Abaselula: Ulutsha lufanele luzibekele usukelo lwezinto zobuthixo ngokwamandla alo. (1 Tim. 4:15) Bambi abantu abaselula gqitha baye bafikelela usukelo lokucengceleza iincwadi zeBhayibhile kwanangaphambi kokuba bakwazi ukulesa. Ngesifundo sentsapho, abantwana bafunda ukulungiselela iintlanganiso ukuze bafikelele usukelo lokwenza amagqabaza anentsingiselo baze babhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Xa abantwana behamba nabazali babo kwinkonzo yasentsimini, bafunda ukuba nesabelo ekunikeleni ubungqina njengoko beqhubela phambili nosukelo lokuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Abazali bafanele bachazele abantwana babo ngosukelo lokuzahlulela nokubhaptizwa.
3 Ukuba ukwishumi elivisayo, luquka ntoni usukelo lwakho lokomoya? ‘Khumbula uMdali wakho’ ngokuzabalazela usukelo olubaluleke kunene ebomini. (INtshu. 12:1; INdu. 71:17) Kutheni ungabi nguvulindlela ongumncedani ebudeni beenyanga zekhefu lesikolo? Ngaba ukhe wacinga ngokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo njengovulindlela othe ngxi? Kuthekani ngokufunda ulwimi olutsha ukuze kwixa elizayo uncede iqela okanye ibandla elithetha olunye ulwimi kummandla okuwo okanye kwenye indawo? Abaninzi ngoku abakhonza eBheteli okanye abangabaveleli abahambahambayo okanye abavangeli basemazweni bazibekela usukelo lwenkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo ngoxa babesesesikolweni. Kutheni ungenjinjalo wena?
4 Ngoxa uselula, zabalazela ukuxelisa umzekelo kaYesu. Kwanaxa wayeneminyaka eli-12, wathetha ngokukhululekileyo ngemibandela yokomoya. (Luka 2:42-49, 52) Ukuzibekela usukelo oluyingenelo lofundisiso lobuqu, ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla, nokudlelana ngokuthe rhoqo namaKristu aqolileyo kwiintlanganiso nasenkonzweni kuya kukunceda ufumane ubugcisa bokufundisa abanye ngoBukumkani bukaThixo kanye ngendlela uYesu awenza ngayo.