Ulwazi Oluphuma KuThixo Luphendula Imibuzo Emininzi
1 Ngaphambi kokuba ufumane ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, mhlawumbi wawunemibuzo emininzi ngobomi owawungenazimpendulo zayo. Hayi indlela owavuya ngayo ngokufumana iimpendulo zeBhayibhile kuloo mibuzo! Ngoku uyakwazi ukunceda nabanye bafumane kwaezo mpendulo. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 2:2.) Unokwabelana nabo ngolwazi olungoThixo olukhokelela kubomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3) Kodwa ungamnceda njani umntu aqonde ukuxabiseka kolu lwazi? Kaloku, cinga nje ngemibuzo oyiphendulelwe yinyaniso. Yintoni le banqwenela ukuyazi abantu abafuna inyaniso? Ukucinga ngale mibandela kunokukunceda uhambise incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. La macebiso alandelayo asenokukunceda xa ulungiselela ukunikela ubungqina ngoJuni.
2 Ekubeni uninzi lwabantu luzibuza isizathu sokuba kukho ukubandezeleka okungaka ehlabathini, unokufumana intsabelo entle ngale ntshayelelo:
◼ “Xa kusehla intlekele okanye xa ulwaphulo-mthetho nogonyamelo zisanda, abantu badla ngokuzibuza isizathu sokuba izinto ezinjalo zenzeke. Ubungathini wena?” Mvumele aphendule uze uyamkele impendulo yakhe. Yandula ke utyhile kwisahluko 8 sencwadi ethi Ulwazi, uze utsalele ingqalelo kokubhalwe kwisiqendu 2. Mcacisele ukuba le ncwadi inikela ingcaciso yeBhayibhile ngesizathu sokuba kwenzeke izinto ezibuhlungu, uze uthi: “Bendingathanda ukukushiyela yona ngomnikelo wee-R4,00.”
3 Xa ubuyela apho ubushiye incwadi ethi “Ulwazi,” unokuthi:
◼ “Ndinomdla kwisigqibo ofikelele kuso ngesizathu sokuba kubekho ukubandezeleka okungaka ehlabathini. Ngaba uyavumelana nempendulo yeBhayibhile ekule ncwadi?” Vumela impendulo. Funda isiqendu 17 kwiphepha 77 kwincwadi ethi Ulwazi, uze ucele ukufunda eyabaseRoma 9:14 kwiBhayibhile yomninimzi. Yandula ke uthi: “Iindaba ezimnandi zezokuba uThixo akathi ngokungekho sikweni asibethe ngeentlungu nokubandezeleka. Uye wathembisa ukusinika ubomi obungunaphakade eluxolweni naselonwabeni. Isahluko sokuqala sale ncwadi sinomxholo othi ‘Unokuba Nekamva Elonwabisayo!’ Bendingathanda ukukucacisela indlela ekunokwenzeka ngayo oku kuwe nakwabo ubathandayo.” Tyhila isahluko 1, uze umbonise indlela esisiqhuba ngayo isifundo. Ukuba iimeko ziyavuma gubungela umbandela omninzi kwesi sahluko.
4 Usenokukhetha ukusebenzisa intshayelelo ekwiphepha 13 kwincwadi ethi “Ukuqiqa,” phantsi komxholwana othi “Ukwaluphala/Ukufa”:
◼ “Ngaba wakha wazibuza, ‘Ngaba ukufa sisiphelo sayo yonke into? Okanye ngaba kukho nto yimbi emva kokufa?’ [Vumela impendulo.] IBhayibhile iphendula nawuphi na umbuzo esisenokuba nawo ngokufa. [Funda INtshumayeli 9:5, 10.] Ikwabonisa ukuba kukho ithemba lokwenene ngabo banokholo. [Tyhila kwisiqendu 13 kwiphepha 84 lencwadi ethi Ulwazi; funda uze ucacise amazwi kaYesu akuYohane 11:25.] Sonke esi sahluko siphendula lo mbuzo, Kwenzeka ntoni kwabo sibathandayo bafileyo? Ukuba ungathanda ukuyifunda, ndingakushiyela yona ngomnikelo wee-R4,00.”
5 Xa ubuyela, usenokuphinda uzichaze kuloo mntu wandule ke uthi:
◼“Kwixa elidluleyo sincokole ngokwenzekayo emntwini xa esifa. Uninzi lwabantu lukholelwa ekubeni emva kokufa umntu uya ezulwini okanye esihogweni. Ngaba wakha wayicinga ukuba ingenzeka into yokuba abafileyo baphinde baphile kulo mhlaba? [Vumela impendulo.] NgokweBhayibhile, abaya kuvuswa baya kuba phakathi kwabalulamileyo abaya kuwudl’ ilifa umhlaba. [Funda INdumiso 37:11, 29, wandule ke uxubushe isiqendu 20 kwiphepha 88 kwincwadi ethi Ulwazi.] Elo themba liye layintuthuzelo kwizigidi zabantu ebezisoyika ukufa. Le ncwadi iya kukunceda uwuqonde kakuhle lo mbandela. Ndingakubonisa indlela enokukwenza ngayo oko?”
6 Ukuba ukhetha intshumayelo elula, usenokuzama le:
◼ “Ndithanda nje ukukubonisa umfanekiso okule ncwadi ethi, Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ngaba lo asingomfanekiso omhle?” Yivule ukuze umninimzi abone iphepha 4-5. Vumela impendulo. Yandula ke ufunde amagama akwiphepha 5. Qukumbela ngokuthi: “Ungayifumana le ncwadi ukuze uzifundele ngomnikelo nje omncinane wee-R4,00.” Mbuze ixesha elimlungeleyo onokubuya ngalo ukuze uhlakulele ngokubhekele phaya nawuphi na umdla awubonakalisileyo.
7 Sinolwazi oluphuma kuThixo oluphendula imibuzo ebalulekileyo yobomi. Lungiselela ngenkuthalo, yaye uYehova uya kuyisikelela imigudu yakho yokwabelana nabo bafuna inyaniso ngale nkcazelo inik’ ubomi.