Ukunyamekela Izinto ZeNkosi
1 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile igosa laliba yintonga esekhosi. UAbraham wanika igosa lakhe umsebenzi wokufunela unyana wakhe, uIsake, umfazi. (Gen. 24:1-4) Ngokungathi kunjalo, eli gosa lanikwa imbopheleleko yokudlulisa umnombo wenzala ka-Abraham. Enjani yona imbopheleleko! Akumangalisi ngoko ukuba umpostile uPawulos athi: “Oko kufunwayo kumagosa kukuba umntu afumaneke ethembekile”!—1 Kor. 4:2.
Ukuba Ligosa ElingumKristu
2 IBhayibhile ichaza ezinye iinkalo zobulungiseleli bamaKristu njengobugosa. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wathetha nabase-Efese “ngobugosa bobubele obungasifanelanga bukaThixo obanikwa mna ngokubhekisele kuni.” (Efe. 3:2; Kol. 1:25) Uthumo lwakhe lokuthwala iindaba ezilungileyo azise ezintlangeni walugqala njengobugosa awayefanele abuphumeze ngokuthembeka. (IZe. 9:15; 22:21) Umpostile uPetros wabhalela abanye abazalwana abathanjisiweyo esithi: “Bukanani ngaphandle kokumbombozela. Ngokomlinganiselo ngamnye afumene ngawo isiphiwo, sisebenziseni ekulungiseleleni omnye komnye njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.” (1 Pet. 4:9, 10; Heb. 13:16) Naziphi na izinto eziphathekayo awayenazo amaKristu enkulungwane yokuqala ayezifumene ngobubele obungasifanelanga bukaYehova. Ngoko ke, ayengamagosa ezo zinto ibe kwakufuneka azisebenzise ngendlela yobuKristu.
3 Namhlanje, amaNgqina kaYehova azijonga ngendlela efanayo izinto. Aye azahlulela kuYehova uThixo yaye zonke izinto anazo—ubomi bawo, amandla anawo, izinto eziphathekayo anazo—azigqala njengeziqhamo ‘zobubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.’ Njengamagosa alungileyo, avakalelwa kukuba aya kuphendula kuYehova uThixo ngendlela azisebenzisa ngayo ezi zinto. Ngaphezu koko, aye anikwa ulwazi ngeendaba ezilungileyo. Nako oku akuphathisiwe ibe anqwenela ukukusebenzisa ngeyona ndlela ilungileyo: ukuzukisa igama likaYehova nokunceda abanye bayazi inyaniso.—Mat. 28:19, 20; 1 Tim. 2:3, 4; 2 Tim. 1:13, 14.
4 AmaNgqina kaYehova azisingatha njani iimbopheleleko zawo zobugosa? Ingxelo yonyaka ibonisa ukuba kunyaka ophelileyo kuphela, ehlabathini lonke aye achitha iiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi eshumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ yaye eqhuba izifundo zamakhaya zeBhayibhile ezizizi-4500 000 nabantu abanomdla. (Mat. 24:14) Ukuthembeka kwawo njengamagosa kaYehova kuye kwabonakaliswa nangeminikelo yawo yesisa kumsebenzi wehlabathi lonke nangokuxhasa iiHolo zoBukumkani zasekuhlaleni, ngokubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kubaveleli abahambahambayo nakwabanye, nangobubele bawo obungakumbi kwabo bahlelelekileyo—njengamaxhoba eemfazwe. Njengeqela, la maKristu okwenyaniso azinyamekela kakuhle izinto zeNkosi.
‘Igosa Elithembekileyo, Eliyingqondi’
5 Ubugosa abuphunyezwa ngumntu ngamnye kuphela kodwa bukwaphunyezwa nayintlangano iphela. UYesu wabiza ibandla lamaKristu athanjisiweyo asemhlabeni ngokuthi ‘lelo gosa lithembekileyo, elo liyingqondi.’ (Luka 12:42) Imbopheleleko yeli “gosa lithembekileyo” kukulungiselela ‘ukutya’ nokukhokela kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo kumazwe ngamazwe. (ISityhi. 12:17) Ngenxa yoku, udidi lwegosa elithembekileyo, elimelwa liQumrhu Elilawulayo, lunembopheleleko oluyinikwe nguThixo yokuzongamela kakuhle “iitalente” zalo zokwenyama nezokomoya. (Mat. 25:15) Ngokuvisisana nomzekeliso ‘wegosa elithembekileyo,’ amasebe ngamanye enza konke okusemandleni awo ukuze ayisebenzise ngobunono iminikelo yemali, ehambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani. Yonke le minikelo iphathiswa lona, yaye “elo gosa lithembekileyo, elo liyingqondi” limele liqiniseke ukuba isetyenziselwa injongo yayo yaye iphathwa ngobulumko, ayisafazwa yaye iyabonakala into esetyenziselwa yona.
6 Umzekelo wokusetyenziswa ngobulumko kweemali zeminikelo unokubonwa kulwando lomsebenzi wokushicilela wamaNgqina kaYehova ebudeni benkulungwane yama-20. Ukusasazwa kweeBhayibhile noncwadi olusekelwe eBhayibhileni—amaphephancwadi, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso, iincwadana, amaphecana neeKingdom News—kuye kwaphumeza indima eyintloko ekusasazeni “iindaba ezilungileyo” ebudeni bale “mihla yokugqibela.” (Marko 13:10; 2 Tim. 3:1) Kwaye iphephancwadi IMboniselo belisesona sixhobo siphambili ekudluliseleni ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo’ ‘kwindlu kaThixo’ nakubalingane bayo, “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu.’—Mat. 24:45; Efe. 2:19; ISityhi. 7:9; Yoh. 10:16.
7 Ekuqaleni, lonke uncwadi lwamaNgqina kaYehova lwaluveliswa ngabashicileli abahlawulwayo. Kodwa ebudeni beminyaka yee-1920, kwagqitywa kwelokuba kuya kuba bhetele yaye kube neengenelo zokomoya ukuba abakhonzi bakaYehova bashicilele ngokwabo. Ngowe-1920 lo msebenzi wokushicilela waqalisa kancinane eBrooklyn, eNew York, waza waya ukhula de wamkhulu gqitha. Ngowe-1967 izakhiwo zokushicilela zazigubungela izitrato ezine. Umsebenzi wokushicilela wawusele uqalisile nakwamanye amazwe, kodwa kwinkoliso yawo waphazanyiswa yiMfazwe Yehlabathi II.
8 Nangona wawumkhulu ungako umsebenzi wokushicilela eUnited States, awuzange ukwazi ukulixhasa lonke ihlabathi. Ngoko ke, kwiminyaka yasemva kwemfazwe, umsebenzi wokushicilela waqaliswa okanye wawusele uqhubeka kwinkoliso yamanye amazwe, aquka iDenmark, iGrisi, iKhanada, uMzantsi Afrika, iNgilani, iNtshona Jamani neSwitzerland. Ngasekuqaleni kweminyaka yee-1970, iBrazil, iFinland, iGhana, iJapan, iNigeria, iOstreliya neePhilippines zazisele ziwuqalisile lo msebenzi. Amanye ala mazwe ayevelisa neencwadi ezinoqweqwe olulukhuni. Kwakhona ngasebutsheni beminyaka yee-1970, abavangeli basemazweni baseGiliyadi baqeqeshelwa ukushicilela baza bathunyelwa kwamanye ala mazwe ukuze bancede abazalwana basekuhlaleni kumsebenzi wokushicilela.
9 Ebudeni beminyaka yee-1980, inani lamazwe abeshicilela amaphephancwadi lafikelela incopho yama-51.a Hayi indlela ezangqineka zisetyenziswa kakuhle ngayo izinto zeNkosi! Obunjani ukuba namandla ubungqina bolwando lomsebenzi woBukumkani! Yaye obunjani ukuba namandla ubungqina benkxaso yezigidi zamaNgqina kaYehova ‘azukisa uYehova ngobuncwane bawo’! (IMize. 3:9) Ngaloo ndlela, azingqina engamagosa oko uYehova wayewasikelele ngako ngeendlela ezahlukahlukeneyo.
Ukunikela Ingqalelo Kwenye Into
10 Ebudeni beminyaka yee-1970 nasebutsheni beyee-1980, kuye kwenziwa inkqubela ephawulekayo kubugcisa bokushicilela, ibe amaNgqina kaYehova asebenzisa iindlela ezintsha zokushicilela. Ngaphambili, ebeshicilela ngoomatshini abachwethezayo. Oku kwatshintsha ngokuthe ngcembe njengoko ayeqalisa ukusebenzisa iindlela zokushicilela zeoffset zale mihla. Ngenxa yoko, kuye kwaveliswa iimpapasho ezinemifanekiso enemibala epheleleyo, kunemifanekiso enemibala emibini (omnyama kunye nomnye umbala) ebisetyenziswa koomatshini ababechwetheza bangaphambili. Ngaphezu koko, ubugcisa bekhompyutha bawutshintsha wonke umsebenzi obusenziwa ngaphambi kokushicilela. AmaNgqina kaYehova aziqulunqela iMultilanguage Electronic Phototypesetting System (iMEPS), inkqubo yekhompyutha ngoku eyenza ukuba kushicilelwe ngeelwimi ezahlukeneyo ezingaphezu kwama-370. Ayikho inkqubo yekhompyutha yeli hlabathi esondelayo kwiMEPS ngokukwazi kwayo ukusebenza ngeelwimi ezininzi kangaka.
11 Ngoncedo lobugcisa bekhompyutha beMEPS kunye nokusetyenziswa kobunye ubuceducedu obunjenge-electronic mail, kuye kwenziwa inkqubela engakumbi ekuveliseni ukutya ngexesha elifanelekileyo. Ngaphambili, xa kwakusadliwa ngendebe endala, amanqaku amaphephancwadi angesosiNgesi ebevela kwiinyanga okanye kwanonyaka emva kokuba evele esiNgesini. Ngoku, IMboniselo iphuma ngexesha elinye ngeelwimi ezili-115 ezahlukeneyo, yaye uVukani! uphuma ngezingama-62. Oku kuthetha ukuba abangaphezu kwama-95 ekhulwini ababakho kwiSifundo seMboniselo seeveki ngeeveki samaNgqina kaYehova ehlabathini lonke bafunda inkcazelo efanayo ngexesha elinye. Enjani yona intsikelelo! Ngokuqinisekileyo ziye zasetyenziswa kakuhle izinto zeNkosi kobu bugcisa butsha!
Iimfuno Ezahlukeneyo Zokulungelelanisa
12 Ezi nkqubo zintsha zazitshintsha iimfuno zokulungelelanisa umsebenzi wokushicilela wehlabathi liphela wamaNgqina kaYehova. Oomatshini bokushicilela abasebenzisa imiqulu yamaphepha beoffset bayakhawulezisa kunoomatshini abadala abachwethezayo, kodwa ke nexabiso labo lixhomile. Iinkqubo zekhompyutha ezihambisana naloo msebenzi, onjengowokubhala, ukuguqulela, ukuzoba nokulungelelanisa amagama nemifanekiso, ngoxa ziqabelisa umsebenzi ongaphezulu kunezo zindala, nazo ziyabiza. Kungekudala kuye kwabonakala ukuba ukushicilela amaphephancwadi kumazwe ahlukeneyo angama-51 kuziindleko. Kungoko, ngeminyaka yee-1990, ‘igosa elithembekileyo’ liye layijonga ngelinye iliso le nto. Lifikelele kwisiphi isigqibo?
13 Uphando lubonise ukuba ‘ubuncwane’ anikela ngabo amaNgqina kaYehova nabahlobo bawo bebuya kuba busetyenziswa kakuhle ukuba umsebenzi wokushicilela ubusenziwa endaweni enye. Ngoko lancitshiswa ngokuthe ngcembe inani lamasebe ashicilelayo. IJamani iye yawuthabathela kuyo umsebenzi wokushicilela amaphephancwadi noncwadi lwamazwe amaninzi eMpuma naseNtshona Yurophu, kuquka nalawo ebekade ezishicilelela. I-Itali ishicilela amaphephancwadi noncwadi oluya kwiinxalenye ezithile zeAfrika nomzantsi-mpuma weYurophu, kuquka iGrisi neAlbania. EAfrika, umsebenzi wokushicilela amaphephancwadi wenziwa eNigeria naseMzantsi Afrika kuphela. Kuye kwenziwa njalo ke nakwezinye iindawo ehlabathini jikelele.
Izibakala Ezimele Ziqwalaselwe
14 Uya kuthi efika uJulayi 1998, ube umsebenzi wokushicilela uyekiwe kwiqela lamazwe aseYurophu, kuquka iDenmark, iFransi, iGrisi, iNetherlands, iOstriya neSwitzerland. Uxanduva lokushicilela eYurophu luza kuthwalwa yiBritani, iFinland, i-Itali, iJamani, iSpeyin neSweden. Ngale ndlela, kuya kuphetshwa iindleko ezingeyomfuneko ize neminikelo yomsebenzi wehlabathi liphela isetyenziswe bhetelana. Kufikelelwe njani kwisigqibo sokuba amazwe athile aqhubeke eshicilela aze amanye ayeke? Ngokuvisisana nembopheleleko yalo yokuzinyamekela ngobulumko izinto zeNkosi, ‘igosa elithembekileyo’ liye laziphonononga ngenyameko iingenelo zokushicilela kwindawo nganye.
15 Esona sizathu siphambili sokuba umsebenzi wokushicilela upheliswe kwamanye amazwe uze uye kudityaniswa kwamanye ibikukwenzela ukuba izinto zihambe ngokutyibilikayo. Xa iba lilizwe elinye elishicilela uncwadi lwamanye amazwe aliqela izinto zihamba kakuhle yaye noomatshini ababiza imali eninzi basebenziseka bhetele. Ngoku kushicilelwa kumazwe anamaxabiso aphantsi, apho izinto zifumanekayo, nalapho kulula ukuzihambisa ezo zinto. Ngaloo ndlela, izinto zeNkosi zisetyenziswa kakuhle. Kakade ke, ukuyeka ukushicilela kwilizwe elithile akuthethi kuthi uphelile umsebenzi wokushumayela apho. Uncwadi olushicilelweyo luseza kuba yintabalala, yaye inyambalala yamaNgqina kaYehova akuloo mazwe aseza kuqhubeka ngenzondelelo exelela abamelwane bawo ‘ngeendaba ezilungileyo.’ (Efe. 2:17) Ngaphezu koko, olu hlengahlengiso luye lwanazo nezinye iingenelo.
16 Enye yezo ngenelo kukuba, inkoliso yoomatshini bokushicilela bale mihla ebiseDenmark, eGrisi, eNetherlands naseSwitzerland ithunyelwe eNigeria nakwiiPhilippines. Ababhexeshi babo ababazi ukusuka nokuhlala abasuka kumazwe aseYurophu baye basabela bakumenywa ukuba bapheleke aba matshini ukuze bacuntsulele ababhexeshi baloo mazwe ngobo buchule bokubasebenzisa. Ngenxa yoko, ngoku nala mazwe afumana amaphephancwadi akumgangatho ophakamileyo nolingana nowamanye amazwe.
17 Nantsi enye ingenelo: Ngoku iindleko zokushicilela amaphephancwadi zinyanyekelwa kuloo mbinana yamazwe asaqhubeka eshicilela. Ngenxa yoko, kula mazwe aye ayeka ukushicilela, imali isetyenziselwa ezinye iinjongo, ezinjengokwakha iiHolo zoBukumkani nokunceda ekunyamekeleni iintswelo zabazalwana bethu abakumazwe ahlelelekileyo. Ngaloo ndlela, ukusetyenziswa ngenyameko kwezinto zeNkosi kuthetha ukuba amazwi kaPawulos aya kwabaseKorinte anokusetyenziswa kakuhle ngomlinganiselo wamazwe ngamazwe: “Andinanjongo yokuba kube lula ngabanye, kodwa kube nzima kuni; kodwa ukuze ngokulinganisa intsalela yenu khona ngoku ilingane ukuswela kwabo . . . ukuze ukulinganisa kwenzeke.”—2 Kor. 8:13, 14.
18 Ngenxa yoku kudityaniswa ndawonye komsebenzi, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye asondelelana nangakumbi. Asinto ityhulu ukuba amaNgqina aseDenmark afumane amaphephancwadi ashicilelwe eJamani, nangona ebeqhele ukuzishicilelela. Anombulelo ngenkonzo yabazalwana bawo abangamaJamani. Ngaba iyawakhwinisa amaNgqina kaYehova aseJamani into yokuba iminikelo yawo isetyenziselwe ukuvelisa uncwadi lweBhayibhile oluya eDenmark—okanye eRashiya, eUkraine nakwamanye amazwe? Nakanye! Kuyawavuyisa ukwazi ukuba iminikelo yabazalwana bawo inokusetyenziselwa ezinye iinjongo.
Ukunyamekela Izinto
19 Kuzo zonke iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke, kukho iibhokisi zeminikelo onokufaka kuzo iminikelo yakho. Iminikelo yokuzithandela efakwa kwezo bhokisi isoloko ilungele ukusetyenziswa xa kukho imfuneko. ‘Ligosa elithembekileyo’ namasebe ngamanye agqiba ngendlela emayisetyenziswe ngayo le minikelo. Ngenxa yoko, xa umthetho uvuma, imali efakwe kwibhokisi yomnikelo kwelinye ilizwe inokuphela sele ixhasa umsebenzi wamaNgqina kaYehova kwelinye ilizwe elikumgama ongamawaka eekhilomitha. Iminikelo iye yasetyenziswa kwamanye amazwe ukuhlangula amanye amakholwa xa ehlelwe zizihelegu ezinjengeenkanyamba, izaqhwithi, iinyikima kunye neemfazwe zamakhaya. Loo minikelo ikwasetyenziswa nokuxhasa abavangeli basemazweni abasebenza kumazwe angaphezu kwama-200.
20 Kumabandla amaNgqina kaYehova, ngokuqhelekileyo, imibandela enemali phakathi ikhankanywa kube kanye ngenyanga—yaye iba yiloo mizuzu imbalwa kuphela. Akubikho zitya zankongozelo kwiiHolo zoBukumkani okanye ezindibanweni. Akukho bantu bacelwa imali. Akubikho minyhadala yokunyusa ingxowa-mali. Ngokuqhelekileyo, IMboniselo iba nenqaku elinye kuphela ngonyaka elichaza indlela yokunikela kwiWatch Tower Bible and Tract Society kwabo banqwenela ukwenjenjalo ukuze baxhase umsebenzi oqhutywa ehlabathini lonke. UVukani! akathethi kangako ngeemali zoMbutho. Ngoko ke, uqatyeliswa njani ke bethu lo msebenzi wenziwa ehlabathini liphela wokushumayela iindaba ezilungileyo, wokwakha iiHolo zoBukumkani ezifunekayo, wokunyamekela abo bakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, nowokunceda amaKristu asweleyo? UYehova uye wasikelela abantu bakhe ngendlela emangalisayo ngokubapha umoya wesisa. (2 Kor. 8:2) Sisebenzisa eli thuba ukuze sithi maz’ enethole kubo bonke abaye bafak’ isandla ‘ekuzukiseni uYehova ngobuncwane babo.’ Banokuqiniseka ukuba ‘igosa elithembekileyo’ liya kuqhubeka lizikokosile izinto zeNkosi. Kwaye sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ewasikelela onke amalungiselelo enzelwa ukuphuhlisa umsebenzi oqhutywa ehlabathini lonke.
[Footnotes]
a Kwasixhenxe kula mazwe, umsebenzi wokushicilela wawusenziwa yimizi-mveliso eqeshwayo.