Ngaba Unokunceda?
1 Umpostile uPawulos ululeka amalungu ebandla ukuba “abe nenyameko efanayo elinye ngelinye.” (1 Kor. 12:25) Ngenxa yoko, sifanele sibonise umdla wobuqu omnye komnye nokukulungela ukunikela uncedo lothando xa lufuneka. Njengomzekelo, bambi boodade bokomoya phakathi kwethu bakhulisela abantwana babo enyanisweni bebodwa. Aba dade bathwele umthwalo onzima wembopheleleko wokuqeqesha abantwana babo ngokomoya. Ngokuqinisekileyo sifanele sibakhuthaze yaye sibancede “ngokweemfuno zabo.” (Roma 12:13a) Ngaba unokubanceda?
2 Iindlela Onokunceda Ngazo: Ukuhamba nabo xa usiya ezintlanganisweni nasezindibanweni abo baxhomekeke kwizithuthi zikawonke wonke kunokuyongela loo ntsapho imali eninzi. Ukunceda umama onyamekela abantwana bakhe abancinane ezintlanganisweni kunokuthetha ukuba ungenelwa ngakumbi kucwangciso. Ngokufanayo, ukumnceda xa esiya kwinkonzo yasentsimini nabantwana kunokumnika isiqabu esithile. Ukubonakalisa umdla wokwenene ebantwaneni—ube ngumhlobo wabo—kunokwenza lukhulu ukuphembelela ulutsha lwethu ngendlela eyakhayo. Ukumema intsapho enomzali omnye ngamaxesha athile ukuba ibe kunye nentsapho yakho kwisifundo sentsapho kuya kuvelisa amathuba okuhlaziyeka ngokomoya.
3 Yiba Ngoqondayo: Sifanele silumke singalunyanzelisi uncedo lwethu kumntu ongalufuniyo. Kwakhona singabi ngoogqada mbekweni kwizinto zaloo ntsapho xa sinikela uncedo olufunekayo. Kakade ke, oodade nezibini ezitshatileyo ngabona bakwimeko entle yokunceda udade osweleyo.
4 Onke amaKristu akhuthazwa ukuba ‘alandele ikhondo lokubuk’ iindwendwe’ omnye komnye. (Roma. 12:13b) Ukunikela uncedo kubazalwana noodade bethu bokomoya yenye yeendlela ezininzi esibonisa ngazo uthando olufana nolukaKristu phakathi kwethu.—Yohane 13:35.