Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngolweyiseko Olunamandla
1 Ebutsheni benkulungwane yokuqala, uYesu Kristu wathuma abalandeli bakhe ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani baze ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mat. 24:14; 28:19, 20) AmaNgqina kaYehova aye awuthabatha nzulu lo myalelo, nto leyo eyenze ukuba ngasekupheleni kwenkulungwane yama-20, ubuzalwana bethu bobuKristu bande ngabafundi abangaphezu kwama-5 900 000 kumazwe angama-234. Enjani ukuzuka intsholo yendumiso eya kuBawo wethu wasezulwini!
2 Ngoku singena kwinkulungwane yama-21. UTshaba lwethu ngobuqhophololo luzama ukuphazamisa umsebenzi wethu ongundoqo wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Lusebenzisa ingcinezelo yale nkqubo yezinto ukuze luphambukise ingqalelo yethu, lurhwaphilize ixesha lethu, lusiqobe amandla ngezinto ezingabalulekanga. Kunokuba sivumele le nkqubo yezinto ukuba isiyalele ngezinto ezibalulekileyo ebomini, sizikhangelela eLizwini likaThixo oko kubalulekileyo—senze ukuthanda kukaYehova. (Roma 12:2) Oko kuthetha ukuthobela isibongozo seZibhalo ‘sokushumayela ilizwi ngexesha elilungileyo nangexesha lenkathazo size sibuzalise ubulungiseleli bethu.’—2 Tim. 4:2, 5.
3 Hlakulela Ulweyiseko Olomeleleyo: AmaKristu kufuneka ‘eme ngokupheleleyo nangolweyiseko oluqinileyo kuko konke ukuthanda kukaThixo.’ (Kol. 4:12) Igama elithi “ulweyiseko” lichazwa njengelithetha “ulweyiseko olunamandla okanye inkolelo; ukweyiseka.” NjengamaKristu simele seyiseke ukuba ilizwi likaThixo lesiprofeto liqinisekile yaye ngoku singene nzulu kwixesha lesiphelo. Simele sibe nokholo olomeleleyo njengolo lukampostile uPawulos, owathi iindaba ezilungileyo “zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.”—Roma 1:16.
4 UMtyholi usebenzisa abantu abangendawo nabawexuki, abalahlekisiweyo, ukuze baphembelele yaye balahlekise abanye. (2 Tim. 3:13) Ekubeni silunyukiswe kwangaphambili ngoku, sithabath’ amanyathelo okomeleza ulweyiseko lwethu lokuba sinenyaniso. Kunokuba sivumele amaxhala obomi athothise inzondelelo yethu, siqhubeka sibeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala. (Mat. 6:33, 34) Singafuni nokuphulukana nemvo yongxamiseko lwamaxesha ethu, mhlawumbi sivakalelwa kukuba isiphelo sale nkqubo yezinto sisekude. Siya sisondela ngokusondela. (1 Pet. 4:7) Nangona sinokuvakalelwa kukuba ukusasazwa kweendaba ezilungileyo kunemiphumo engephi kumazwe athile xa sijonga ubungqina obusele bunikelwe, umsebenzi wokulumkisa umele uqhubeke.—Hez. 33:7-9.
5 Imibuzo engundoqo ngeli xesha yile: ‘Ngaba ndiluthabatha nzulu uthumo lukaYesu lokwenza abafundi? Xa ndishumayela iindaba ezilungileyo, ngaba ndibonisa ulweyiseko lokuba uBukumkani buyinto yokwenene? Ngaba ndizimisele ukuba nesabelo esikhulu kangangoko kunokwenzeka kobu bulungiseleli busindisa ubomi?’ Ukuqonda ukuba sinxayiphi nexesha lesiphelo, simele sinikele ingqalelo kuthi nakuthumo lwethu lokushumayela nelokufundisa. Ukwenza oku kuya kusindisa thina nabo basiphulaphulayo. (1 Tim. 4:16) Sinokulomeleza njani sonke ulweyiseko lwethu njengabalungiseleli?
6 Xelisa AmaTesalonika: Umpostile uPawulos, ekhumbula ukuzibhokoxa kwabazalwana baseTesalonika, wathi kubo: “Iindaba ezilungileyo esizishumayelayo azibanga kuni ngentetho yodwa kodwa kwanangamandla nomoya oyingcwele nolweyiseko olunamandla, kanye njengoko nisazi ukuba luhlobo luni lwabantu esaba lulo kuni ngenxa yenu; yaye nani naxelisa thina neNkosi, ekubeni nathi nalamkela ilizwi phantsi kwembandezelo enkulu ngovuyo lomoya oyingcwele.” (1 Tes. 1:5, 6) Ewe, uPawulos walincoma ibandla laseTesalonika ngenxa yokuba phezu kwayo nje imbandezelo engathethekiyo lashumayela ngenzondelelo nolweyiseko olunamandla. Yintoni eyabenza bakwazi ukwenza oku? Ubukhulu becala, inzondelelo nolweyiseko ababelubone kumpostile uPawulos nabo wayesebenza nabo lwaba nomphumo ophawulekayo kubo. Njani njalo?
7 Kwaubomi bukampostile uPawulos nabo wayehambahamba kunye nabo babonisa ukuba wayenomoya kaThixo nokuba babekukholelwa ngentliziyo epheleleyo oko babekushumayela. Ngaphambi kokuba beze eTesalonika, uPawulos noSilas baphathwa kakubi eFilipi. Ngaphandle kokuthethwa kwetyala, babethwa kanobom, bavalelwa entolongweni baza bafakwa esitokisini. Noko ke, la mava alingayo, akazange ayithothise inzondelelo yabo ngeendaba ezilungileyo. Kwangenelela uThixo ukuze bakhululwe, nto leyo eyakhokelela ekuguqukeni komngcini-ntolongo nendlu yakhe, yaye aba bazalwana baqhubeka nobulungiseleli babo.—IZe. 16:19-34.
8 Ngenxa yokomelezwa ngumoya kaThixo, uPawulos weza eTesalonika. Apho wayesebenza ukuze anyamekele iimfuno zakhe waza wazibhokoxa ngokupheleleyo ukuze afundise amaTesalonika inyaniso. Akazange arhoxobise ukuvakalisa iindaba ezilungileyo ngamaxesha onke. (1 Tes. 2:9) Ukushumayela kukaPawulos ngolweyiseko olunamandla kwabachaphazela gqitha abantu basekuhlaleni kangangokuba abanye babo balushiya unqulo lwabo lwezithixo baza baba ngabakhonzi boThixo oyinyaniso, uYehova.—1 Tes. 1:8-10.
9 Intshutshiso ayizange iwathintele amakholwa amatsha ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Eshukunyiswa lukholo lwawo olutsha yaye eyiseke ngokupheleleyo kukuba ayeza kufumana iintsikelelo ezingunaphakade, amaTesalonika ashukunyiselwa ukuba avakalise inyaniso awayeyamkele ngovuyo. Elo bandla lalikhuthele kangangokuba iindaba zokholo nenzondelelo yalo zasasazeka nakwezinye iindawo zaseMakedoni kwanaseAkaya. Ngenxa yoko, xa uPawulos wabhalela amaTesalonika ileta yakhe yokuqala, imisebenzi yawo emihle yayisele isaziwa. (1 Tes. 1:7) Onjani ukubalasela umzekelo!
10 Sishukunyiswa Luthando NgoThixo Nangabantu: Sinokululondoloza njani ulweyiseko lobuqu olunamandla njengamaTesalonika xa sishumayela iindaba ezilungileyo namhlanje? Ethetha ngawo uPawulos wabhala: “Ngokungapheziyo sikhumbula umsebenzi wenu wokuthembeka nokubulaleka kwenu kothando.” (1 Tes. 1:3, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.) Kucace mhlophe ukuba babenothando olunzulu, olusuka entliziyweni ngoYehova uThixo nangabantu ababeshumayela kubo. Yayikwalolu thando lunye olwashukumisela uPawulos namaqabane akhe ukuba babelane namaTesalonika “kungekuphela iindaba ezilungileyo zikaThixo, kodwa kwanemiphefumlo [yabo].”—1 Tes. 2:8.
11 Ngokufanayo, uthando lwethu olunzulu ngoYehova nabantu esiphila nabo lusishukumisela ukuba sifune ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela uThixo asinike ukuba siwenze. Ngenxa yothando olunjalo, siyaqonda ukuba yimbopheleleko yethu esiyinikwe nguThixo ukusasaza iindaba ezilungileyo. Ngokucamngca ngendlela eyakhayo nangoxabiso ngako konke asenzele kona uYehova ekusalathiseleni ‘kubomi bokwenene,’ sishukunyiselwa ukuba sixelele abanye ezi nyaniso zifanayo zingummangaliso sizikholelwa ngentliziyo yethu yonke.—1 Tim. 6:19.
12 Njengokuba sixakeke ngumsebenzi wokushumayela, uthando lwethu ngoYehova nangabantu lumele luqhubeke lukhula. Ukuba luyakhula, siya kushukunyiselwa ukuba sisandise isabelo sethu kubulungiseleli bendlu ngendlu size sixhakamfule zonke iindlela zokunikela ubungqina ezisivulelekeleyo. Siya kuxhakamfula amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga kwizalamane, kubamelwane nakubantu esiqhelene nabo. Nangona inkoliso yabantu isenokuzigatya iindaba ezilungileyo esizishumayelayo yaye abanye baya kuzama ukuphazamisa ukuvakaliswa koBukumkani, sinandipha uvuyo lwangaphakathi. Ngoba? Ngenxa yokuba siyazi ukuba sikwenzile okusemandleni ethu ukuze sinikele ubungqina ngoBukumkani size sincede abantu bafumane usindiso. UYehova uya kuyisikelela imigudu yethu ukuze sifumane abaneentliziyo ezinyanisekileyo. Kwanaxa iingcinezelo zobomi zisixinile noSathana efuna ukusihlutha uvuyo lwethu, siyakwazi ukulondoloza ulweyiseko lwethu olomeleleyo nenzondelelo yethu yokunikela ubungqina kwabanye. Xa sonke sisenza indima yethu, oku kuphumela kwibandla elomeleleyo elinenzondelelo njengelo laseTesalonika.
13 Ungaze Unikezele Kwisilingo: Kwakhona ulweyiseko luyafuneka xa sijamelene nezilingo ezahlukahlukeneyo. (1 Pet. 1:6, 7) UYesu wakwenza kwacaca kubafundi bakhe esithi ukuba bayamlandela, babeya “kuthiywa ziintlanga zonke.” (Mat. 24:9) Oku kwenzeka kuPawulos noSilas xa babeseFilipi. Ingxelo ekwiZenzo isahluko 16 ithi uPawulos noSilas baphoswa ngaphakathi entolongweni baza bavalelwa esitokisini. Ngokuqhelekileyo, intolongo enkulu yayiluhlobo oluthile lwenkundla okanye ipaseji eyayizizisele ezazinokukhanya nomoya. Noko ke, intolongo engaphakathi, yayingenalo ilungiselelo lokukhanya yaye yayinemingxuma embalwa yokungenisa umoya. UPawulos noSilas kwafuneka baqhelane nobumnyama, ubushushu, nevumba elibi lale ndawo ibubugxwayiba ababevalelwe kuyo. Ngaba unokuzithelekelela iintlungu abamele ukuba baziva ngoxa babesavalelwe esitokisini kangangeeyure imiqolo ibhonte yimivumbo nakukopha ngenxa yokubethwa?
14 Phezu kwazo nje ezi zilingo, uPawulos noSilas baqhubeka bethembekile. Babonisa ulweyiseko olusuka entliziyweni, olwabomelezela ukuba bakhonze uYehova phezu kwalo nje olu vavanyo. Ulweyiseko lwabo lubalaseliswa kwindinyana 25 yesahluko 16, apho ithi uPawulos noSilas “babethandaza yaye bedumisa uThixo ngengoma.” Enyanisweni, nangona babengaphakathi entolongweni, babeqinisekile ngokuba nenkoloseko kaThixo kangangokuba la madoda acula kakhulu ngokokude eviwe nangamanye amabanjwa! Simele sibe nolweyiseko olufanayo nathi namhlanje xa sijamelene neemvavanyo kukholo lwethu.
15 Izilingo asizisela zona uMtyholi azinganganto. Kwabanye isenokuba yintshutshiso evela entsatsheni. Uninzi lwabazalwana bethu bajamelene nocelomngeni olungokwasemthethweni. Kunokuhlangatyezwana nenkcaso yabawexuki. Kukho iingcinezelo zemali namaxhala okuphila. Ulutsha lujamelana nengcinezelo yoontanga esikolweni. Sinokuhlangabezana njani nezi zilingo ngokuphumelelayo? Yintoni efunekayo ukuze kuboniswe ulweyiseko?
16 Into yokuqala neyona ibalulekileyo, kufuneka silondoloze ulwalamano olusenyongweni noYehova. Xa uPawulos noSilas bebekwintolongo engaphakathi, abazange elo thuba balisebenzisele ukukhalazela imeko yobomi babo okanye bazisizele. Ngoko nangoko baphethukela kuThixo ngomthandazo baza bamdumisa ngengoma. Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba babenolwalamano lobuqu olusenyongweni noBawo wabo wasezulwini. Baqonda ukuba babebandezeleka ngenxa yobulungisa yaye usindiso lwabo lwaluxhomekeke kuYehova.—INdu. 3:8.
17 Nathi xa sijamelana nezilingo namhlanje, simele sikhangele kuYehova. UPawulos uyasikhuthaza njengamaKristu ukuba ‘izibongozo zethu sizazise kuThixo; yaye uxolo lukaThixo olugqwesa yonke ingcamango luya kuzilinda iintliziyo zethu namandla ethu engqondo.’ (Fil. 4:6, 7) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova akayi kusiyekela sintlithwe zizilingo sisedwa! (Isa. 41:10) Usoloko enathi njengokuba simkhonza ngolweyiseko lokwenyaniso.—INdu. 46:7.
18 Esinye isixhobo esibalulekileyo ukuze sibonise ulweyiseko kukuxakeka enkonzweni kaYehova. (1 Kor. 15:58) UPawulos noSilas baphoswa ngapha kwezitshixo kuba babexakeke kukushumayela iindaba ezilungileyo. Ngaba bayeka ukushumayela ngenxa yezilingo ababejamelene nazo? Nakanye, baqhubeka beshumayela nangona babesentolongweni, yaye emva kokuba bekhululwe, basinga eTesalonika baza baya kwindlu yesikhungu yamaYuda ‘baqiqa nawo ngeZibhalo.’ (IZe. 17:1-3) Xa sinolweyiseko olunamandla okanye ukholo kuYehova yaye seyisekile kukuba sinenyaniso, ayikho into ‘eya kusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.’—Roma 8:35-39.
19 Imizekelo Yanamhlanje Yolweyiseko Olunamandla: Kukho imizekelo emininzi ebalaseleyo namhlanje yabo bathi babonisa ulweyiseko olunamandla, njengoPawulos noSilas. Omnye udade owasinda kwinkampu yoxinaniso yaseAuschwitz usibalisela ngokholo olungaqungqiyo nolweyiseko olwabonakaliswa ngabazalwana noodade apho. Ubalisa enjenje: “Ngenye imini xa sasincinwa, igosa leza ngakum lisonge amanqindi. Ladanduluka lathi ‘senze ntoni ngani bantundini? Ukuba siyanibamba, anikhathali. Ukuba sinithumela entolongweni, anikhathali okuya kokuqala. Ukuba sinithumela kwinkampu yoxinaniso, anikhathazeki. Xa sinigwebela intambo, nisuka nime ningahoyanga nto. Senze ntoni kanye ngani?’” Hayi indlela okomeleza ukholo ngayo ukubona ukholo ababenalo abazalwana bethu ngaphantsi kweemeko ezingqwabalala ngolo hlobo! Babeqhubeka bekhangele kuYehova ukuze abancede banyamezele.
20 Ngokuqinisekileyo siyalukhumbula ulweyiseko loninzi lwabazalwna bethu abafa ngenxa yentiyo yobuhlanga eye yazibalula kwiminyaka yakutshanje. Phezu kwako nje ukuzifumanisa berhangqwe yimeko engaginyisi mathe, abazalwana abanembopheleleko banqwenela ukuqinisekisa ukuba abazalwana noodade babo bayondliwa ngokomoya. Bonke abaqhubeka benolweyiseko olunamandla ‘nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nabo asiyi kuphumelela.’—Isa. 54:17.
21 Uninzi lwabazalwana noodade bethu abanamaqabane angakholwayo nabo babonisa ukholo olomeleleyo nonyamezelo. Omnye umzalwana waseGuadeloupe wajamelana nenkcaso yomfazi wakhe ongakholwayo. Ukuze amdimaze yaye aphazamise ukuya kwakhe ezintlanganisweni zamaKristu, wayengamlungiseleli ukutya okanye ahlambe impahla yakhe, ayolule aze ayithunge. Kangangexesha elide, wayengathethi naye. Kodwa ngokubonisa ukholo olusuka entliziyweni ekukhonzeni uYehova yaye ephethukela kuye ngomthandazo ukuze amncede, wakwazi ukunyamezela. Ixesha elingakanani? Iminyaka enokuba ngama-20—eyathi emva koko intliziyo yomfazi wakhe yatshintsha ngokuthe ngcembe. Ekugqibeleni, wagcoba ngokwenene ngenxa yokuba walamkela ithemba loBukumkani bukaThixo.
22 Ukuqukumbela, asimele kululibala ulweyiseko olunamandla lwabazalwana noodade bethu abaselula abaya esikolweni yonke imihla baze bajamelane nengcinezelo yoontanga nolunye ucelomngeni. Ngokuphathelele ingcinezelo ekuhlangatyezwana nayo esikolweni, elinye iNgqina eliselula eliyintombazana lathi: “Esikolweni wonk’ ubani usoloko ekukhuthaza ukuba uvukele nje kancinane. Abanye abantwana bakuhlonela ngakumbi xa usenza into engathi iphume ecaleni.” Enjani ingcinezelo olujamelana nayo ulutsha lwethu! Bamele beme ngokuqinileyo engqondweni nasentliziyweni ukuze baxhathise isilingo.
23 Uninzi lolutsha lwethu lwenza kakuhle kakhulu ekulondolozeni ingqibelelo yalo phezu kwazo nje izilingo. Omnye umzekelo ngowodade oselula ohlala eFransi. Ngenye imini emva kwesidlo sasemini, amanye amakhwenkwe azama ukumnyanzela ukuba awancamise, kodwa wathandaza waza waxhathisa ngamandla, emva koko la makhwenkwe amyeka. Kamva, omnye wawo wabuya waza wamxelela ukuba umothulel’ umnqwazi ngenkalipho yakhe. Wakwazi ukunikela kuye ubungqina obusemagqabini ngoBukumkani, emchazela imilinganiselo ephezulu uYehova ayibekela bonke abo bafuna ukuxhamla iintsikelelo zabo. Ebudeni bonyaka esikolweni, wachazela iklasi yonke ngeenkolelo zakhe.
24 Hayi indlela elixabiseke ngayo ilungelo esinalo lokubalwa phakathi kwabo uYehova akholwayo kukubasebenzisa ukuze bathethe ngolweyiseko olomeleleyo ngokuthanda kwakhe! (Kol. 4:12) Ukongezelela, sinethuba elingummangaliso lokungqina ingqibelelo yethu xa sihlaselwa luTshaba lwethu olunjengengonyama, uSathana uMtyholi. (1 Pet. 5:8, 9) Ungaze ulibale ukuba uYehova usebenzisa isigidimi soBukumkani ukuze asindise thina basishumayelayo nabo basiphulaphulayo. Ngamana izigqibo esizenzayo nendlela yethu yokuphila yemihla ngemihla ingabonisa ukuba sibeka uBukumkani kuqala. Masiqhubeke sishumayela iindaba ezilungileyo ngolweyiseko olunamandla!