Isingxobo Semibuzo
◼ Kutheni kuyingenelo nje ukuba abaphulaphuli bahlole izibhalo ebudeni bentetho xa becelwa sisithethi ukuba benjenjalo?
Oothunywashe abanjengomxholo oxutyushwayo enoba intetho iza kuquka ukuxutyushwa kwendinyana nganye yenxalenye yeLizwi likaThixo ngabo abaya kugqiba ngenani lezibhalo abanokucelwa ukuba bazityhile abaphulaphuli.
Kubalulekile ukukhumbula ukuba esinye isizathu sokuhlola izibhalo ezithile kukungqina ukuba oko kuthethwayo kuvela eBhayibhileni. (IZe. 17:11) Esinye isizathu kukuhlolisisa isizathu esingokweZibhalo ukuze kuxhaswe oko kuxutyushwayo ukuze komelezwe ukholo lwabo bonke. Ukuzibonela oko kuthethwa yiBhayibhile ngoxa kufundwa isibhalo esiyintloko kuya kusenza sibetheleleke engqondweni. Ukongezelela ekutyhileni izibhalo, ukubhala amanqaku nokuhambisana neengongoma ezivezwayo kuyingenelo.
Ngoxa ulwandlalo loMbutho lunokuba neZibhalo ezininzi zokukhulisa umxholo, ezo zibhalo zilungiselelwe isithethi, ukuze zisincede xa silungiselela. Ezi zibhalo zinokunikela inkcazelo engakumbi okanye zisincede sifumane imigaqo esisiseko engokweZibhalo size siqonde indlela yokuphuhlisa umbandela. Sisithethi esifanele sigqibe ngezibhalo ezibalulekileyo ezinokwakha intetho nesinokucela abaphulaphuli ukuba bazifunde kunye naso njengokuba ezo ndinyana zifundwa zize zicaciswe. Ezinye iindinyana ezixhasa umbandela zinokukhankanywa zize zishwankathelwe, kodwa kwiimeko ezinjalo akuyomfuneko ukuba abaphulaphuli bazityhile.
Xa isithethi sifunda izibhalo ezithile, sizifunda ngokungqalileyo ngokusuka eBhayibhileni, kungekhona kwiphepha elibhalwe ngekhompyutha. Xa isithethi sicela abaphulaphuli ukuba bafunde umbhalo othile kunye naso, sifanele siyichaze ngokucacileyo incwadi yeBhayibhile, isahluko nendinyana (iindinyana). Ukunqumama ngenjongo yokubuza umbuzo okanye ukugqabaza ngokufutshane ngesizathu sokuba kufundwe loo ndinyana, uvumela abaphulaphuli ukuba bakhangele eso sibhalo. Ukusiphinda isibhalo kuya kunceda abaphulaphuli bakhumbule imbekiselo. Noko ke, akunconyelwa ukuchaza iphepha, ekubeni esahluka kuxhomekeka kuhlelo olo lweBhayibhile lusetyenziswa ngabaphulaphuli. Ukutyhila izibhalo xa becelwe ukuba benjenjalo kunceda abaphulaphuli bangenelwe kumandla eLizwi likaThixo njengokuba licaciswa ebudeni bentetho.—Heb. 4:12.