IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/01 iphe. 1
  • Yiba Ngumphulaphuli Olungileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Ngumphulaphuli Olungileyo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • “Nikelani Ingqalelo Kwindlela Eniphulaphula Ngayo”
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Indlela Asikhokela Ngayo UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Iintlanganiso Zokunceda Abantu Abaselula
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Ndinokuyizikisa Njani Ingqondo Yam Ngezinto?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 1/01 iphe. 1

Yiba Ngumphulaphuli Olungileyo

1 Kufuneka ukuziqeqesha ukuze uphulaphule ngenyameko. Kufuneka umphulaphuli abe nomnqweno wokufunda nokungenelwa koko akuvayo. Ngenxa yoko, uYesu wabethelela imfuneko ‘yokunikela ingqalelo kwindlela ophulaphula ngayo.’—Luka 8:18.

2 Oku kusebenza ngokukhethekileyo xa siye kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano zosuku olunye nezesiphaluka, nakwiindibano zesithili. Ezi zizihlandlo zokuba siphulaphule ngenyameko. (Heb. 2:1) Nazi iingongoma eziya kukunceda ube ngumphulaphuli olungileyo kwezi ndibano zamaKristu.

◼ Kuqonde ukubaluleka kweentlanganiso. Ziyeyona ndlela ingundoqo ‘asifundisa ngayo uYehova’ ‘ngegosa elithembekileyo, neliyingqondi.’—Isa. 54:13; Luka 12:42.

◼ Lungiselela kwangaphambili. Yenza impinda yombandela oza kuxutyushwa, uze uqinisekise ukuba uza neBhayibhile yakho nombhalo wakho wempapasho eza kufundwa.

◼ Ebudeni beentlanganiso, zama ukunikela ingqalelo ngokukhethekileyo. Ufanele ukuphephe ukuthetha nabo bahleli nawe nokujonga oko kwenziwa ngabanye abaphulaphuli. Zama ukungaphazanyiswa kukucinga ngezinto oza kuzenza emva kweentlanganiso okanye ngeminye imibandela yobuqu.

◼ Hlalutya oko kunikelwayo. Zibuze: ‘Kusebenza njani oku kum? Ndiza kukusebenzisa njani?’

◼ Bhala amanqaku ezona ngongoma ziphambili neendinyana zezibhalo. Oku kuya kukunceda unikele ingqalelo koko kuxutyushwayo uze ukhumbule iingongoma eziziintloko oza kuzisebenzisa kamva.

3 Abantwana Bakho Bafundise Ukuphulaphula: Abantwana bafuna imfundo yokomoya. (Dut. 31:12) Kumaxesha amandulo, ‘bonke abanengqiqo ngokwaneleyo yokuphulaphula’ kubantu bakaThixo kwakufuneka banikele ingqalelo njengokuba babefundelwa uMthetho. (Neh. 8:1-3) Ukuba abazali banikela ingqalelo kwiintlanganiso, abantwana babo baya kubaxelisa. Asibobulumko ukuza nezinto zokudlala okanye iincwadi zokuzoba ukuze kugcinwe abantwana bonwabile. Ukuya kwindlu yangasese ngokungeyomfuneko kuphazamisa abaphulaphuli. Ekubeni “ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe,” abazali kufuneka baqinisekise ukuba abantwana babo bahlala bezolile ukuze baphulaphule iintlanganiso.—IMize. 22:15.

4 Ngokuba ngabaphulaphuli abalungileyo, singqina ukuba silumke ngokwenene yaye sifuna ‘ukungenisa uyalelo olungakumbi.’—IMize. 1:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share