Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
Umxholo wocwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye lwalo nyaka wenkonzo mtsha usekelwe eZibhalweni uthi: “Zithobeni, Ke Ngoko, KuThixo—Mchaseni UMtyholi.” (Yak. 4:7) Lukhokelo olusengqiqweni olu kula maxesha anzima! Ukuthobela kwethu imithetho kaThixo kusixabanisa noSathana. Olu cwangciso luza kusifundisa indlela yokuma siqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi ahlasela ukholo. Bubuphi obunye ubutyebi bokomoya esiza kubufumana kule ndibano?
Umveleli wesiphaluka uza kubonisa indlela “Ukuzithoba Kobuthixo Phakathi Kwamalungu Entsapho” okuzomeleza ngayo iintsapho ukuze zimelane nengcinezelo yehlabathi. Intetho yokuqala yesithethi esityeleleyo ngolo suku iza kube isithi, “Isizathu Sokuchasa UMtyholi,” iza kuchaza indlela nesizathu sokuba kufuneka sithabathe amanyathelo angqingqwa ukuze sixhathise iinjongo zikaSathana zokutshabalalisa impilo yethu yokomoya. Iintetho ezimbini ngokukhethekileyo zilungiselelwe ulutsha, ekufuneka luwaphaphele amaqhinga kaMtyholi. AmaKristu amaninzi angabantu abadala ngoku akazange avume ukuba yinxalenye yehlabathi xa ayeselula. Siza kukuvuyela ukuva amanye amava awo obuqu.
Ukuthobela amagunya kuyafuneka kuye wonke ubani oyinxalenye yebutho labantu. Ngaloo ndlela, intetho yokuqukumbela yesithethi esityeleleyo iza kubalaselisa iinkalo ezintathu ekufuneka kubonakale kuzo ukuzithoba kobuthixo: (1) koorhulumente, (2) ebandleni, (3) emsebenzini (4) nasentsatsheni. Olunjani ukuba sexesheni ucwangciso!
Abo bafuna ukubhaptizwa kule ndibano ikhethekileyo yosuku olunye kufuneka bazise umveleli owongamelayo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Sonke kufuneka siluphawule olu suku kwiikhalenda zethu size sicebe kwangaphambili ukubakho kulo lonke ucwangciso lwendibano. Iintsikelelo esiza kuzifumana ziza kuba zezikanaphakade njengokuba sizithoba kuYehova ngonaphakade.