Oko Unokukuthetha Ngamaphephancwadi
IMboniselo Dis. 15
“Ngeli xesha lonyaka, inkoliso yabantu icinga ngoYesu Kristu, enoba bayakholelwa kuye okanye akunjalo. Bambi bathi wayengenguye umntu wokwenene. Uthini wena? [Emva kwempendulo, funda uMateyu 16:15, 16.] Ndiqinisekile uya kukunandipha ukufunda eli nqaku lithi ‘UYesu Wokwenene’ ukuze ubone indlela akuphembelela ngayo namhlanje kwanakwixesha elizayo.”
IMboniselo Jan. 1
“Ngaba uyasazi isizathu sokuba abanye abantu bephila ubomi obulula ngoxa abanye besebenza nzima ukuze baphile? IBhayibhile inento eyithethayo ngoku. [Funda uYobhi 34:19.] Indlela kaThixo yokuphelisa ucalucalulo ichaziwe kweli phephancwadi.”
Vukani! Jan. 8
“Ngaba uyavuma ukuba ukuze ubomi bunqabiseke, besiya kufuna ukutya okwaneleyo nokusempilweni? [Vumela impendulo.] Phawula oko uThixo awakuthembisa abantu bakhe ngamaxesha amandulo okubhalwa kweBhayibhile. [Funda iLevitikus 26:4, 5.] Lo Vukani! uxubusha ngamaxhala akhoyo namhlanje ngokutya kwethu. Kwakhona ubalaselisa ixesha laxa uThixo eya kuzisa unqabiseko emhlabeni wonke.”
“Sonke siyazi ngentlekele eyenzekileyo neyothuse ihlabathi liphela. Ukususela ngoko, abantu baye bafuna intuthuzelo noncedo ngomkhamo omkhulu gqitha. Eli nqaku, libonisa ngoko bekusenziwa ngamaNgqina kaYehova, ukuze ancede abo basindileyo, abahlanguli nabo bafelweyo.”