Yanela Zizinto Onazo
1 IZibhalo ziyasibongoza ukuba sondle abendlu, kodwa ke akuphela kwento ebalulekileyo leyo. Izinto zokomoya zimele zize kuqala. (Mat. 6:33; 1 Tim. 5:8) Kunzima ukulungelelana kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Tim. 3:1) Yintoni eya kusinceda?
2 Yiba Nembono YeBhayibhile: ILizwi likaThixo lisilumkisa lisithi ukusukelana nobutyebi kunokubangela iingozi zokomoya. (INtshu. 5:10; Mat. 13:22; 1 Tim. 6:9, 10) Ukuba uzixakekisa kakhulu ngomsebenzi wengqesho nokufuna imali ngokokude uzityeshele izinto zokomoya—iintlanganiso, ukufundisisa, nentsimi—uya kube uzifaka engxakini. (Luka 21:34-36) Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile ithi: “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”—1 Tim. 6:7, 8.
3 Oku akuthethi kuthi amaKristu makaziyekele atsale nzima. Kodwa kuyasinceda sibone ezona zinto sizifunayo—ukutya, impahla nendawo yokuhlala efanelekileyo. Ukuba sinezinto ezifunekayo ebomini, asifanele sithi gqolo sifuna izinto ezisemgangathweni. Xa sicinga ngokuthenga okanye ukufuna omnye umsebenzi, siya kuba senza kakuhle xa sizibuza ukuba, ‘Ngaba ngokwenene iyimfuneko le nto?’ Ukwenjenjalo kuya kusinceda sithobele isiluleko esiphefumlelweyo esithi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo.”—Heb. 13:5.
4 Ukuba siyamthemba uYehova, uya kusisikelela. (IMize. 3:5, 6) Nangona simele sibulaleke ukuze sifumane isonka semihla ngemihla, ubomi bethu asibuphelelisi kwezo zinto. Enokuba sizizityebi okanye singamahlwempu, sixhomekeke kuYehova ukuba anelise iintswelo zethu. (Fil. 4:11-13) Ngenxa yoko, sifumana ulwaneliseko lobuthixo nezinye iintsikelelo.
5 Xelisani Ukholo Lwabanye: Umzali ongenaqabane owayekhulisela intombi yakhe enyanisweni wabenza lula ubomi bakhe. Nangona wayehlala kamnandi ekhayeni lakhe, wafudukela kwindlu encinane, kamva waya kumagumbi aqeshisayo. Loo nto yamenza wakwazi ukuphungula iiyure azichitha emsebenzini ukuze asebenze ixesha elingakumbi entsimini. Yakuba ikhulile intombi yakhe yaze yatshata, unina wathabatha umhlala-phantsi ngaphambi kwexesha, nangona loo nto yayiza kunciphisa ingeniso yakhe. Sithetha nje loo dade ukunyaka wakhe wesixhenxe enguvulindlela othe ngxi, yaye akazisoli ngokuba eye wancama ubuncwane beli hlabathi waza wabeka uBukumkani kwindawo yokuqala.
6 Omnye umdala nowakwakhe baba ngoovulindlela iminyaka emininzi ngoxa babekhulisa abantwana babo abathathu. Njengentsapho, baye bafunda ukuzazi izinto eziyimfuneko kunokuba bazixhalabise ngezinto zobunewunewu. Lo mzalwana uthi: “Kwakufuneka siphile ubomi obulula kakhulu. Nangona kwakusiba nzima ngamanye amaxesha, uYehova wayeseloko esinika oko sikusweleyo. . . . Xa ndibona intsapho yam ibeka izinto zokomoya kuqala, ndiye ndivakalelwe kukuba yonke into imi ngendlela, kwaye ndiziva ndinelunda.” Umfazi walekela ngelithi: “Xa ndibona [umyeni wam] esisinxadanxada zizinto zokomoya, ndiziva ndanelisekile ngaphakathi.” Nabantwana bayavuyiswa kukuba abazali babo bekhonza uYehova ixesha elizeleyo.
7 Kubo bonke abo bazinikela ngolo hlobo kuThixo, kunokuba basukele ubutyebi, iBhayibhile ithembisa ukuba baya kufumana iintsikelelo ngoku nakwixesha elizayo.—1 Tim. 4:8.