Ukwazisa Igama LikaThixo
1. Ukufunda ngegama likaThixo kuye kwabachaphazela njani abantu?
1 Wavakalelwa njani xa wawuqala ukufunda ngegama likaThixo? Abaninzi bavakalelwa ngokufanayo nelinye ibhinqa elathi: “Ukuqala kwam ukubona igama likaThixo eBhayibhileni, zehla iinyembezi. Ndachukunyiswa kukwazi igama likaThixo nakukuba ndinako ukulisebenzisa.” Kulo, ukufunda ngegama likaThixo yayilinyathelo elikhokelela ekumazini njengomntu uYehova nasekubeni ngumhlobo wakhe.
2. Kutheni kungxamisekile ukuba sifundise abanye ngoYehova?
2 Kutheni Lisaziswa? Ukwazi igama likaThixo kuquka ukwazi iimpawu zakhe, iinjongo kwanezenzo zakhe. Kwakhona ukusinda kuxhomekeke ekwazini igama lakhe. Umpostile uPawulos wabhala: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” UPawulos waqiqa ngelithi, kodwa abantu “baya kubiza njani” kuYehova ngaphandle kokuba bafunde ngaye baze babe nokholo kuye? Ngenxa yoko, kungxamisekile ukuba amaKristu azise abanye ngegama likaThixo noko likumelayo. (Roma 10:13, 14) Noko ke, kukho isizathu esibaluleke ngakumbi sokwaziswa kwegama likaThixo.
3. Siyintoni esona sizathu siyintloko sokushumayela kwethu?
3 Ngeminyaka yee-1920, abantu bakaThixo bayiqonda ngokusuka kwiZibhalo imbambano yendalo iphela ebandakanya ukuthethelelwa kolongamo lukaThixo nokungcwaliswa kwegama lakhe. Ngaphambi kokuba uYehova amtshabalalise ongendawo ukuze aphelise ugculelo olutyabekwe egameni lakhe, kufuneka inyaniso ngaye ‘yaziswe emhlabeni wonke.’ (Isa. 12:4, 5; Hez. 38:23) Ngoko ke, esona sizathu siyintloko sokushumayela kwethu kukudumisa uYehova ekuhleni nokungcwalisa igama lakhe phambi koluntu lonke. (Heb. 13:15) Ukuthanda uThixo nommelwane kuya kusibangela ukuba sibe nesabelo ngokuzeleyo kulo msebenzi omiselwe nguThixo.
4. AmaNgqina kaYehova aye anxulunyaniswa njani negama likaThixo?
4 “Isizwana Segama Lakhe”: Ngowe-1931 samkela igama elithi amaNgqina kaYehova. (Isa. 43:10) Ukususela ngoko, abantu bakaThixo baye balazisa igama lakhe ukusa kwinqanaba lokuba incwadi ethi Abavakalisi BuBukumkani, kwiphepha 124, ithi: “Emhlabeni wonke, nabani na olisebenzisa ngokukhululekileyo igama likaYehova ngokukhawuleza uqondwa njengomnye wamaNgqina kaYehova.” Ngaba nawe unxulunyaniswa neli gama? Ukuba noxabiso ngokulunga kukaYehova kufanele kusibangele ukuba ‘silibonge igama lakhe,’ sithethe ngaye nanini na kuvela ithuba.—INdu. 20:7; 145: 1, 2, 7.
5. Ihambo yethu ibandakanyeke njani ekuthwaleni igama likaThixo?
5 ‘Njengesizwana segama lakhe,’ simele sibambelele kwimilinganiselo yakhe. (IZe. 15:14; 2 Tim. 2:19) Ngokufuthi into yokuqala ephawulwa ngabantu kumaNgqina kaYehova yihambo yawo entle. (1 Pet. 2:12) Asifuni kulihlambela igama likaThixo ngokuyaphula ngendelelo imigaqo yakhe okanye ngokulubeka kwindawo yesibini unqulo lwakhe ebomini bethu. (Lev. 22:31, 32; Mal. 1:6-8, 12-14) Kunoko, ngamana indlela esiphila ngayo ingabonisa ukuba siyalixabisa ilungelo esinalo lokuthwala igama likaThixo.
6. Liliphi ilungelo esinokuba nalo ngoku nangonaphakade?
6 Namhlanje, sibona ukuzaliseka kwamazwi kaYehova athi: “Ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga.” (Mal. 1:11) Masiqhubeke sisazisa inyaniso ngoYehova size ‘silibonge igama lakhe elingcwele ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.’—INdu. 145:21.