Umculo Ohlaziyayo
1 Umculo ubalulekile kunqulo lwethu lokwenyaniso. KuSirayeli wamandulo, uAsafu nabazalwana bakhe bavuma ingoma besithi: “Bulelani kuYehova. . . . Mvumeleni, nimculele uncuthu lwengoma, zixhalabiseni ngezenzo zakhe zonke ezimangalisayo.” (1 Kron. 16:8, 9) Nathi namhlanje siyamculela uYehova kwiintlanganiso zebandla esiziqhuba veki nganye. (Efe. 5:19) Hayi indlela elibangel’ imincili ngayo elo thuba lokudumisa igama lakhe!—INdu. 69:30.
2 Ukanti nokuphulaphula iiKingdom Melodies, iingoma zoBukumkani eziculwa yiokhestra, kunokuzalisa iingqondo zethu ngeengcamango zokomoya. Omnye udade wathi: “Kuthi kwakudlalwa ii-melodies, nditsho ndiwakhumbule amazwi ezo ngoma. Enjani ukuba ntle indlela yokucamngca ngoYehova ngoxa ndiphulaphule umculo!”—Fil. 4:8.
3 Izihlandlo Esinokuziphulaphula Ngazo: Ukudlala iiKingdom Melodies ekhaya kudala umoya ofudumeleyo kuze kusenze sicinge ngezinto zokomoya, nto leyo enceda intsapho ukuba ibe seluxolweni. Enye intsapho yabhala: “Lo [mculo] siyawuphindaphinda xa sisekhaya naxa sikwinqwelo-mafutha, asikhe sikruquke nguwo ngenxa yendlela olungelelaniswe kakuhle ngayo. IiKingdom Melodies zidla ngokukwenza ube seluxolweni naxa ulungiselela ukuya kwiintlanganiso zamaKristu okanye usendleleni eya endibanweni.” Omnye udade wathi: “Zindihlaziya kakhulu xa ndisenza umsebenzi wasendlwini—akakho umntu onokuyicinga kwaukuyicinga into yokuba ndinokuvuya xa ndisonga impahla esandul’ ukuhlanjwa? Lo mculo ndifuna ukuwudlala naxa ndidandathekile. Uhlaziya ngeyona ndlela! . . . Ingoma nganye ikwenza uzive wonwabile.” Ngaba zikho izihlandlo onokukuhlaziya ngazo nawe lo mculo?
4 Inkoliso yomculo oveliswa namhlanje ibonisa umoya wehlabathi. Abazali banokunceda abantwana babo baqhelane nokukhetha umculo ofanelekileyo ngokuzisebenzisa kakuhle iiKingdom Melodies. Uninzi lwezifundo zeBhayibhile nabantu abanomdla basenokufuna ukuzazi ezi ngoma zizukisa uYehova nezihlaziya umphefumlo.—INdu. 47:1, 2, 6, 7.