Isikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli—Umnyango Omkhulu Okhokelela Emsebenzini
1 Ngomprofeti uYeremiya, uYehova waprofeta esithi: ‘Ndiza kuvelisa phezu kwabo abantu bam abalusi abaya kubalusa; yaye abayi koyika kwakhona, bengayi kungenwa lulo naluphi na unkwantyo, kungekho namnye oya kulahleka.’ (Yer. 23:4) Namhlanje loo msebenzi wokwalusa wenziwa kubantu bazo zonke iintlanga. Wenziwa ngamashumi amawaka abadala bamabandla. Ukongezelela, iqela labafana njengamathontsi ombethe liye lazinikela ngokuvumayo enkonzweni kaYehova. (INdu. 110:3) Hayi indlela abayingenelo ngayo aba bazalwana bazithobileyo kumabandla abantu bakaThixo! Njengoko umsebenzi wokomoya wokuhlanganisa uqhubeka, kusafuneka amadoda afanelekayo azenza afumaneke ekukhonzeni abazalwana bawo.
2 Ilungiselelo elihle lokuqeqesha abadala abangatshatanga kunye nezicaka zolungiselelo ukuze zilungele iimbopheleleko ezongezelelekileyo siSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Ukususela ekusungulweni kwesi sikolo ngowe-1987, kwiiklasi ezingama-999 kuye kwaqeqeshwa abafundi abangama-of 22 000 abasuka kumasebe ali-140. Kwaba bazalwana, iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli singqineke ‘singumnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.’—1 Kor. 16:9.
3 Injongo Yesi Sikolo: Injongo yeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli kukuqeqesha amadoda afanelekayo ukuze akulungele ukusingatha iimbopheleleko naphi na apho kukho imfuneko entlanganweni. Esi sikolo sihambisela phambili ubuchule bawo bokukhokela kumsebenzi wobuvangeli, balusa umhlambi, yaye bayafundisa ebandleni. Emva kokuba bephumelele, bambi abafundi bafumana isabelo sokuba ngoovulindlela abakhethekileyo okanye abaveleli abahambahambayo kumazwe abasuka kuwo okanye kumazwe asemzini. Abanye bafumana izabelo zokukhonza kumabandla asemakhayeni abo okanye kwimimandla apho kukho imfuneko enkulu khona kwintsimi yesebe.
4 Kwizifundo ezithabatha iiveki ezisibhozo, bayifundisisa nzulu iBhayibhile. Baziqwalasela ngokucokisekileyo iimfundiso ezininzi zeBhayibhile neembopheleleko zokwalusa kwanemigaqo yokusingatha iingxaki ajamelana nazo amaKristu. Bakwafunda noko kufundiswa ziZibhalo ngolawulo, ngendlela yokusingatha amatyala, nangolungelelwano. Baqeqeshwa ngokukhethekileyo ekubeni zizithethi zasesidlangalaleni kuze kuncedwe ngamnye kubo ekubeni ahambele phambili ngokomoya.
5 Izinto Ezifunekayo: Kuyaqondakala ukuba ziphakame kakhulu izinto ezifunekayo ukuze ufanelekele esi sikolo. Abo bafaka izicelo kufuneka ibe ngabo sele beneminyaka emibini elandelelanayo bengabadala okanye izicaka zolungiselelo. Bonke bafanele babe ngamadoda angatshatanga aphakathi kweminyaka engama-23 nengama-50 ubudala. Bamele bakwazi ukufunda, ukubhala, nokuthetha isiNgesi njengoko isikolo saseZambia siqhutywa ngesiNgesi. Bamele babe yimiqabaqaba empilweni, ingabi ngabantu abaza kufuna ukunyanyekelwa ngokukhethekileyo okanye abatya ukutya okukhethekileyo. Ubukhulu becala kunconyelwa abo bangoovulindlela abathe ngxi.
6 Abo bangamatsha-ntliziyo bamele bakulungele ukukhonza naphi na apho kukho imfuneko. Kufuneka babe nesimo sengqondo esifana nesomprofeti uIsaya, owazinikela ngomdla ekwenzeni umsebenzi okhethekileyo, esithi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isa. 6:8) Kwakhona, wazithoba ukutyhubela bonke ubomi bakhe. Abo bafaka izicelo zokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli bafanele baqhutywe kukuthanda abazalwana babo nokufuna ukubakhonza, kunokufuna udumo nokuvelela. Emva kokuba befumene olu qeqesho, abo baphumeleleyo kulindelwe ukuba bazisebenzise izinto abazifundileyo ukuze kungenelwe abanye.—Luka 12:48.
7 Iingenelo: Kwiinyanga ezisibhozo zoqeqesho olunzima, abaphumeleleyo “bondliwa ngamazwi okholo nawemfundiso entle.” (1 Tim. 4:6) Oku kubaxhobisela ukuba bancede baze bakhuthaze abanye abakumabandla nakwiziphaluka ababelwe kuzo. Kwiindawo ezininzi ababelwe kuzo abaphumelele kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, uye wenziwa ngokongezelelekileyo umsebenzi wasentsimini, kwakhuthazwa inkonzo yobuvulindlela, ingakumbi kwabaselula, yaye kuye kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo engakumbi kwabo baqalayo ukunxulumana nabantu bakaThixo.
8 Ngaba ungumdala ongatshatanga okanye isicaka solungiselelo esineminyaka ephakathi kwama-23 nama-50 ubudala? Kutheni ungakhe ucingisise ngokufaka isicelo sokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli? Ngaba ungumzalwana oselula ocingisisa nzulu ngosukelo lwakhe lwexa elizayo enkonzweni kaYehova? Kutheni ungaphili ubomi obulula nobungenaziphazamiso ukuze ungene kulo ‘mnyango mkhulu ukhokelela emsebenzini’? Unokukubangela uvuyo olukhulu nolwaneliseko. Ewe, iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siye sayingenelo kungekuphela nje kwabo baphumelele kuso kodwa kumabandla abantu bakaThixo asehlabathini lonke.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Indlela Abangenelwe Ngayo Kolu Qeqesho
“Olu qeqesho lubuphucule ngokwenene ubulungiseleli bam kwanobuchule bokwalusa umhlambi ngobulumko ndisebenzisa iZibhalo.”
“Isikolo sindinike inkalipho engakumbi yokusingatha iimbopheleleko ezahlukeneyo ebandleni.”
“Sibutshintshe phantse bonke ubomi bam, kuquka nendlela endivakalelwa ngayo ngolawulo lukaThixo nangentlangano yakhe.”
“Uqeqesho endilufumeneyo luye lwandinceda ndaqonda ukuba kufuneka ndizenze ndifumaneke ukuze ndikhonze apho kukho imfuneko khona.”