Simele Silihlonele Igunya LikaYehova
Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa kuthethwa ngala magama abantu bamandulo, uKora, uDatan noAbhiram? Yimvukelo! Kuvukelwa bani? Igunya likaThixo. Iinkcukacha ngekhondo labo elibi zikwincwadi yeNumeri isahluko se-16, yaye ingcombolo ngalo mbandela ikwinqaku leMboniselo ka-Agasti 1, 2002 elinomxholo othi, “Lithobele Ngokunyaniseka Igunya LikaThixo.” Uya kukufumanisa kuyingenelo ukufunda eli nqaku uze ubone indlela esengqiqweni elichazwa ngayo kwividiyo ethi Respect Jehovah’s Authority. Uya kubona ungquzulwano olwaluphakathi koonyana abathembekileyo bakaKora noyise onemvukelo, owaphikisana noMongami wendalo iphela. (Num. 26:9-11) Lo mdlalo woko kwenzeka ngokoqobo ufanele usenze sinyaniseke nangakumbi kuYehova.
Njengoko ubukele le vidiyo, khangela ubungqina bokuba uKora kunye nabo wayevukela nabo basilela kuvavanyo lokunyaniseka kwiinkalo ezintandathu ezibalulekileyo: (1) Bakubonisa njani ukungalihloneli igunya likaThixo? (2) Balivumela njani ikratshi, amabhongo nomona ukuba zibonakalise? (3) Bayinikela njani ingqalelo kubuthathaka babo bamiselwe nguYehova? (4) Baba nasiphi isimo sengqondo sokukhalaza? (5) Kwakutheni ukuze banganeliseki ngamalungelo abo enkonzo? (6) Banyaniseka njani kubahlobo nakwiintsapho zabo ngaphezu kokunyaniseka kuThixo?
Qwalasela indlela ezi zifundo sizifumana kulo mdlalo weBhayibhile ezisebenza ngayo kwindlela esilijonga ngayo igunya likaThixo namhlanje: (1) Simele sisabele njani kwizigqibo zabadala ebandleni, yaye siyintoni isizathu? (2) Sinokulwa njani neentshukumisa ezingafanelekanga esinazo? (3) Sifanele sisabele njani kubuthathaka babo bamiselwe ukuba bakhokele? (4) Sifanele senze ntoni xa kuqalisa umoya wokukhalaza ezintliziyweni zethu? (5) Sifanele sivakalelwe njani ngawo nawaphi amalungelo esiwanikiweyo? (6) Ngubani esingafanele sinyaniseke kuye ngaphezu koThixo, yaye oku kuba luvavanyo oluqatha xa kutheni kuthi?
Emva kokuba oku kuxutyushiwe ebandleni, kutheni ungaphindi uyibukele le vidiyo? Yivumele isibethelele engqondweni yakho isizathu sokuba kufuneka silihlonele ngalo lonke ixesha igunya likaYehova.—INdu. 18:25; 37:28.