INdibano YeSithili Iyasihlaziya Ukuze Sihambe NoThixo
INdibano YeSithili ‘Yokuhamba NoThixo’ ibethelele ulwalathiso olucacileyo lukaYehova oluthi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo”! (Isa. 30:21) Ukusebenzisa ulwalathiso esiye salufumana kuya kusinceda ‘siyiphaphele ngokungqongqo indlela esihamba ngayo.’ (Efe. 5:15) Ukucamngca ngendlela esihamba ngayo kuya kusinceda ‘njengoko siqhubeka sihamba enyanisweni.’—3 Yoh. 3.
Sebenzisa le mibuzo ilandelayo kunye namanqaku obuwabhale endibanweni ukuze ube nenxaxheba kwimpinda. Le mpinda iza kuqhutywa kwiNtlanganiso YeNkonzo yeveki kaFebruwari 21.
1. Wakwazi njani uEnoki ukuhamba noThixo nangona wayephila kumaxesha ezaqunge? (Heb. 11:1, 5, 6; Yude 14, 15; “Hamba NoThixo Kweli Xesha Lezaqunge”)
2. Ziziphi iinkalo zobomi onokusebenza kuzo umgaqo okuLuka 16:10? (“Ngaba ‘Uthembekile Kokona Kuncinane’?”)
3. (a) Chaza izifundo zibe zine esizifunda kuHoseya isahluko sesi-6 ukusa kwese-9 eziya kusinceda sihambe noThixo. (Hos. 6:6, 7; 7:14; 8:7) (b) Ziziphi iingongoma ezongezelelekileyo ezikuHoseya isahluko 10 ukusa kwese-14 ezisinceda sihambe noThixo? (“Isiprofeto SikaHoseya Siyasinceda”—Ungcelele)
4. Ziintoni ezinokwenziwa yindoda nomfazi ongumKristu ukuze umtshato wabo uhlale womelele? (IMize. 12:4; Efe. 5:29; “Ningakwahlukanisi ‘Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye’”)
5. Siyibonisa njani intlonelo ngeentlanganiso zethu ezingcwele? (INtshu. 5:1; Isa. 66:23; “Ukuhlonela Iintlanganiso Zethu Ezingcwele”)
6. (a) Ziziphi iinkalo ezintathu zomsebenzi wethu wokushumayela esifanele sizihlalutye ukuqinisekisa ukuba sinenxaxheba ngokupheleleyo kuwo? (Isa. 52:7; Zek. 8:23; Marko 6:34) (b) Ziziphi iinxalenye zempapasho ethi Iindaba Ezilungileyo Zabantu Bazo Zonke Iintlanga ozifumanisa ziluncedo? (“Iindaba Ezilungileyo Kubantu Bazo Zonke Iintlanga”; “Ukunceda Abo Bathetha Ulwimi Lwasemzini”)
7. Singabanceda njani abasebatsha bazithembe xa beshumayela isigidimi soBukumkani? (ABagwe. 7:17; “Ukunceda Izihlwele Ukuze Zisithelele Kubulungiseleli”)
8. Sibonisa njani ukuba “imini enkulu kaYehova isondele”? (Zef. 1:14; “Ukuhamba Ngokholo, Kungekhona Ngokubona”)
9. (a) Kunzulu kangakanani ukukhubekisa abanye? (Marko 9:42-48) (b) Sinokukuphepha njani ukukhutyekiswa? (INdu. 119:165) (c) Sinokukuphepha njani ukukhubekisa abanye? (1 Kor. 10:24; “Kuphephe ‘Ukuba Sisikhubekiso Nangayiphi Na Indlela’”)
10. Sinokuhlala njani silungelelene kwimibandela enjengokufuna iqabane lomtshato, impilo esemgangathweni nezoshishino? (INdu. 26:4; Mat. 6:25; 1 Tim. 6:9; “Hlalani Nithe Qwa Ngokupheleleyo”)
11. (a) Yintoni ephawulekayo ngezihlandlo awayemenyelwa ezidlweni ngazo uYesu? (Luka 10:42; 24:32) (b) Sinokuzihlaziya njani ngendlela eya kuvuselela thina kunye nabanye? (1 Kor. 10:31-33; “Izinto Ezifanelekileyo Nezihlaziyayo”)
12. NgokweNdumiso yama-23, ziziphi iintsikelelo esizifumanayo njengezimvu zikaYehova, yaye ziziphi iimbopheleleko zethu? (1 Kor. 10:21; “UYehova Ngumalusi Wethu”)
13. Alithobela njani amaKristu icebiso eliphefumlelweyo lokuba ‘azongele ixesha’? (Efe. 5:16; “Nizongele Ixesha”)
14. (a) Iquka ntoni ‘iyure yokugweba’ ekhankanywe kwiSityhilelo 14:7? (b) Sibonisa njani ukuba sahluke ngokupheleleyo kwiBhabhiloni Enkulu? (“‘Hlalani Nilindile’—Lifikile Ilixa Lokugweba”) (c) Ziziphi iingongoma oye wazithanda kule ncwadana inemifanekiso ethi Hlalani Nilindile!?
15. Chaza iinkalo zibe ntathu ezifunekayo eziya kusinceda “singawutyesheli umendo othe tye.” (2 Pet. 2:15; “Zilumkele ‘Ungawushiyi Umendo Othe Tye’”)
16. Ulutsha lunokuyiphepha njani “indlela yabangendawo”? (IMize. 4:14; “Lutsha—Hambani Ngendlela Yobulungisa”)
17. (a) Ziziphi iindlela uPawulos awayegqwese ngazo njengomzekelo wokunyamezela? (IZe. 14:19, 20; 16:25-33) (b) Kutheni singamele kuboyika abachasi bonqulo lokwenyaniso? (Umdlalo nentetho enomxholo othi “Bazishumayela Ngokucokisekileyo Iindaba Ezilungileyo”)
18. Ziziphi iintsikelelo ezifunyanwa ngabo bahamba noThixo? (“Ukuhamba NoThixo Kuyingenelo Ngoku Nangonaphakade”)
Ngamana singazimisela ukuthobela ‘ilizwi elisemva kwethu’ ukuze sihambe noBawo wethu wasezulwini ngonaphakade.—Isa. 30:21; Yoh. 3:36.