Zuza Ngokupheleleyo Kwiintlanganiso Zenkonzo Yasentsimini
1. Zinokusinceda njani iintlanganiso zenkonzo yasentsimini?
1 Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini eziqhutywa kakuhle ziba lukhuthazo lokwenene kwaye zisinika imiyalelo eluncedo ngaphambi kokuba siye entsimini. Zisenza sikwazi ukuba negalelo xa kushunyayelwa njengeqela ukuze sisebenze nabanye, sifumane inkxaso noqeqesho. (IMize. 27:17; INtshu. 4:9, 10) Yintoni esinokuyenza ukuze sizuze ngokupheleleyo kwezi ntlanganiso?
2. Ziziphi ezinye zezinto anokuzixubusha umqhubi?
2 Umqhubi: Asiyilungiselelwa kusengaphambili inkcazelo eza kuxutyushwa kwezi ntlanganiso. Ngoko ke, kufuneka ulungiselele kakuhle xa uza kuyiqhuba. Mus’ ukusuka usebenzise itekisi yosuku, nangona unokuyiquka engxubushweni xa ihambisana nentsimi. Le ntlanganiso ifanele ifundise, kodwa kwangaxeshanye ibe lula. Akuyomfuneko ukuxubusha iingongoma ezininzi ezivela kwiimpapasho ezahlukeneyo. Khuthaza ukuba kusetyenziswe iBhayibhile. Cinga ngento eya kubanceda abo baza kube besentsimini ngolo suku. Ngokomzekelo, unokuxubusha okanye wenze umboniso ngentshumayelo ethile. Unokukhetha kwincwadi ethi Ukuqiqa, ethi ISikolo Sobulungiseleli, intetho yakutshanje kwiNtlanganiso Yenkonzo. Okanye unokucinga ngendlela yokuhlangabezana nengxaki enokuphakama kwintsimi eniyisebenzayo okanye nixubushe ngendlela yokuvuselela umdla nokuqalisa izifundo zeBhayibhile, ngokukodwa ukuba abavakalisi abaninzi baza kwenza amabuyelo. Kungakhathaliseki ukuba yintoni oyixubushayo, yiba nehlombe kwaye ubakhuthaze abazalwana.
3. Ifanele ithathe ixesha elingakanani le ntlanganiso, kwaye yintoni efanele iphunyezwe ebudeni beli xesha?
3 Yiqale ngexesha le ntlanganiso, kwanokuba uyazi ukuba abanye abayi kufika ngexesha. Yiba nengqiqo xa uhlengahlengisa amaqela, uze uwanike intsimi lawo ayifunayo. Le ntlanganiso ayifanele idlule kwimizuzu eli-10 ukuya kweli-15 kwaye ifanele ibe mfutshane nangakumbi ukuba isemva kwentlanganiso yebandla. Wonke umntu ufanele azi ukuba usebenza nabani kwaye baza kusebenza phi ngaphambi kokuba iphele le ntlanganiso. Le ntlanganiso ifanele iqukunjelwe ngomthandazo.
4. Yintoni eya kuninceda ukuba nizuze ngokupheleleyo kwiintlanganiso zenkonzo yasentsimini?
4 Ninako Ukunceda: Njengakwiintlanganiso zebandla, xa sifika ngexesha sibonisa ukuba siyamhlonela uYehova kwaye siyabacingela abanye. Yibani nenxaxheba kule ngxubusho. Ninokuvumela ukuba umqhubi anabele ukuba nihambe naye nabani na, okanye ninokuzenzela amalungiselelo enu ngaphambi kwentlanganiso. Xa nizenzela amalungiselelo enu, zamani ‘ukuphangalala’ ngokuthi nisebenze nabavakalisi abahlukahlukeneyo, kunokuba nisebenze nabahlobo benu ngalo lonke ixesha. (2 Kor. 6:11-13) Yakuba iqukunjelwe le ntlanganiso, kuphepheni ukutshintsha abantu enibabelweyo, kwaye hambani ngoko nangoko niye entsimini.
5. Yintoni injongo yeentlanganiso zenkonzo yasentsimini?
5 Injongo yeentlanganiso zenkonzo yasentsimini iyafana neyezinye iintlanganiso zebandla. Zilungiselelwe ukusenza “sinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Heb. 10:24, 25) Ukuba sizabalazela ukungenelwa kwezi ntlanganiso, siya kuncedakala ekusingatheni ubulungiseleli bethu—‘obungumsebenzi omhle’ ngokwenene!