IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/06 iphe. 3
  • Ukuba Litsha-ntliziyo Kuza Neentsikelelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuba Litsha-ntliziyo Kuza Neentsikelelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Akukho Ndawo Ingenamatsha-ntliziyo
    Vukani!—2001
  • Amatsha-ntliziyo Axakekile
    Vukani!—2001
  • “Masenze Okulungileyo Kubo Bonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Umsebenzi Wamatsha-ntliziyo Oneengenelo Ezingapheliyo
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 12/06 iphe. 3

Ukuba Litsha-ntliziyo Kuza Neentsikelelo

1. UDavide noNehemiya baba nawo njani umoya wobutsha-ntliziyo ?

1 Xa uGoliyati wayengcikiva umkhosi wamaSirayeli, ngekwakuphume naliphi na ijoni lakwaSirayeli laya kulwa naye. Kodwa yinkwenkwe engumalusi, neyayingazi nowathwethwa ngemfazwe, eyaba litsha-ntliziyo. (1 Sam. 17:32) Xa amaYuda awayethinjiwe abuyela eYerusalem, kodwa akaphumelela kwimizamo yokuvuselela iindonga, ngumngcamli kaKumkani wasePersi owaqhutywa yintliziyo ukuba ashiye isikhundla sakhe esiphezulu ebhotwe aze aye eYerusalem ukuya kuhlengahlengisa umsebenzi. (Neh. 2:5) UYehova wawasikelela omabini la madoda, uDavide noNehemiya, ngenxa yesimo sengqondo awayenaso.—1 Sam. 17:45, 50; Neh. 6:15, 16.

2. Kutheni amaKristu efanele abe nomoya wokwenza izinto ngokuzithandela?

2 Ihlabathi lanamhlanje alinawo umoya wokuba ngamatshantliziyo. Kule “mihla yokugqibela,” abantu bahlala bexakekile, kwaye abaninzi ‘ngabazithandayo.’ (2 Tim. 3:1, 2) Kulula ukuba umntu axakeke gqitha zizinto zakhe de akuphose kwelokulibala ukuba litsha-ntliziyo xa kufuneka kuncedwe abantu. Noko ke, njengamaKristu, sinqwenela ukufana noYesu, owayesiba ngowokuqala xa kufuneka kuncedwe abantu. (Yoh. 5:5-9; 13:12-15; 1 Pet. 2:21) Sinokuba naso njani isimo sengqondo sokwenza izinto ngokuzithandela, kwaye ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana?

3. Ukuba litsha-ntliziyo kuba naliphi igalelo kwiintlanganiso zebandla?

3 Ngenxa Yabazalwana Bethu: Sinako ukunikela ‘isiphiwo sokomoya’ kwabanye ngokuphendula ngokuzithandela xa kufuneka abaphulaphuli babe nenxaxheba ezintlanganisweni. (Roma 1:11) Xa siphendula siyamzukisa uYehova, inyaniso ibetheleleka nangakumbi kwiingqondo nakwiintliziyo zethu, kwaye ziba mnandi nangakumbi iintlanganiso. (INdu. 26:12) Sinokuba ngamatsha-ntliziyo naxa kukho isithethi esingayi kukwazi ukunikela intetho yaso kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Loo nto iya kusinceda siphucule ubuchule bethu bokufundisa.

4. Ziziphi ezinye zeendlela esinokuba ngamatsha-ntliziyo ngazo?

4 Abazalwana banokuba nawo lo moya ngokuzabalazela ukusingatha iimbopheleleko ebandleni. (Isa. 32:2; 1 Tim. 3:1) Wonk’ ubani unako ukunceda ezindibanweni ngokuba litsha-ntliziyo kumasebe ahlukahlukeneyo. Xa sisiba ngamatsha-ntliziyo xa kufunwa umntu oza kusebenza nomveleli ohambahambayo entsimini okanye umntu oza kumlungiselela isidlo, umphumo uba ‘kukukhuthazana.’ (Roma 1:12) Xa sinceda amakhwenkwe angenayise, abahlolokazi, abagulayo nabaneziphene, oomama abasandul’ ukufumana abantwana nabanye abasebandleni, siye sivuye yaye sifumane inkoliseko kaYehova.—IMize. 19:17; IZe. 20:35.

5. Ziziphi izinto ezibandakanya iHolo yoBukumkani ezifuna amatshantliziyo?

5 Enye indlela esinokuba ngamatsha-ntliziyo ngayo kukucoca nokulungisa iHolo yoBukumkani. Ukongezelela koko, ngenxa yokuba abantu abaninzi bengena enyanisweni, kufuneka iiHolo zoBukumkani ezintsha namatsha-ntliziyo aza kuzakha. Esinye isibini sancedisa iKomiti Yokwakha Yenqila yommandla esihlala kuwo nangona sasingenabugcisa bokwakha. Ekuhambeni kwexesha, esi sibini saqeqeshwa ibe ngoku sincedisa ekwakheni ngezitena. Inkosikazi yathi: “Ukusebenza nabantu kuye kwandenza ndanabahlobo abasenyongweni. Ekupheleni kosuku, sidinwa sibe yimfe, kodwa siyahlaziyeka ngokomoya.”

6. Kutheni intsimi ingowona msebenzi ubalulekileyo wobutsha-ntliziyo esinokuwenza?

6 Ngokushumayela: Owona msebenzi wobutsha-ntliziyo ubalulekileyo esinokuwenza namhlanje kukushumayela ngoBukumkani. Xa abantu bencedwa ukuba baqonde yaye basebenzise isiluleko seBhayibhile, baye baphilele injongo yaye bafumane amandla okoyisa imikhwa eyingozi. Bafunda ngethemba leBhayibhile elikhuthazayo. Xa sibafundisa iBhayibhile, sibanceda ngento eya kuba yingenelo kanaphakade kubo. (Yoh. 17:3; 1 Tim. 4:16) Mhlawumbi iimeko zethu zinokusivumela ukuba sibe negalelo elingakumbi kulo msebenzi ngokuba ngoovulindlela abangabancedani okanye abathe ngxi, ngokufudukela kwindawo ekufuneka abantu abangakumbi kuyo, okanye ngokufunda olunye ulwimi.

7. Kutheni ukuthanda ukuba litsha-ntliziyo kubaluleke ngokukhethekileyo kuthi namhlanje?

7 UKumkani uDavide waprofeta esithi xa uMesiya eqalisa ukulawula, abantu bakaThixo baya “kuzinikela ngokuvumayo.” (INdu. 110:3, umbhalo osemazantsi weNW.) Ekubeni uYehova ewukhawulezisa umsebenzi wokugqibela wesivuno sokomoya, zininzi izinto esinokuba ngamatsha-ntliziyo kuzo. (Isa. 60:22) Ngaba sele utshilo wena ukuthi: “Ndikho! Thuma mna”? (Isa. 6:8) Xa sikuthanda ngokwenene ukuba ngamatsha-ntliziyo, siyamkholisa uYehova kwaye sifumana umvuzo oncumisayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share