IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/08 iphe. 8
  • Thuthuzela Abasentlungwini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Thuthuzela Abasentlungwini
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuthuthuzelwa ‘NguThixo Onako Konke Ukuthuthuzela’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Thuthuzela Abo Basentlungwini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • “Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Xa Uswelekelwe
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 4/08 iphe. 8

Thuthuzela Abasentlungwini

1. Kutheni abantu abasentlungwini befuna ukuthuthuzelwa nje?

1 Ukufelwa yintlungu engathethekiyo, ingakumbi kwabo bangenathemba loBukumkani. (1 Tes. 4:13) Abantu abaninzi baye bazibuze: ‘Kutheni abantu besifa? Baya phi? Ngaba ndiya kuze ndiphinde ndisibone isalamane sam?’ Siza kuxubusha ngamacebiso okuthuthuzela abo sidibana nabo entsimini abasentlungwini yokufelwa sisalamane okanye umhlobo.—Isa. 61:2.

2. Xa umninimzi esixelela ukuba ufelwe, ngaba sifanele siyitsale incoko kunye naye?

2 Kwindlu Ngendlu: Umninimzi unokusixelela ukuba usandul’ ukuva umphanga. Ngaba uyakhala? Ngaba indlu izaliswe zizalamane ezikhalayo? Xa kunjalo, mhlawumbi kungakuhle ukuba sibethe koomofu. (INtshu. 3:1, 7) Sinokumchazela ukuba sibuhlungu ukuva ezo ndaba, simshiyele iphecana, iphephancwadi okanye incwadana enemifanekiso efanelekileyo size sicele indlela. Sinokubuya ngexesha elifanelekileyo ukuze simthuthuzele ngakumbi sisebenzisa iBhayibhile.

3. Ziziphi izibhalo esinokuzifundela umninimzi osentlungwini xa iimeko zisivumela?

3 Kwezinye iimeko, sinokukwazi ukunaba kwintshumayelo yethu kwanakutyelelo lokuqala. Nangona elo ingeloxesha lokulungisa iimbono eziphosakeleyo, sinokukwazi ukumfundela izithembiso zeBhayibhile eziphathelele uvuko. (Yoh. 5:28, 29) Okanye sinokumchazela oko iBhayibhile ikutshoyo ngemeko yabafi. (INtshu. 9:5, 10) Ukufunda ingxelo yeBhayibhile ephathelele uvuko kunokumthuthuzela. (Yoh. 11:39-44) Kanti sisenokumfundela amazwi awathethwa nguYobhi echaza ukuthembela kwakhe kuYehova. (Yobhi 14:14, 15) Ngaphambi kokuba sihambe, sinokumshiyela incwadana enemifanekiso ethi Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?, Xa Umntu Omthandayo Esifa, okanye enye incwadana enemifanekiso okanye iphecana. Okanye sinokumshiyela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, sitsalele ingqalelo kwinkcazelo ekwisahluko sesi-6, size silungiselele ukuxubusha naye loo mbandela xa sibuyela kuye.

4. Ziziphi ezinye izihlandlo esifanele sithuthuzele abanye ngazo?

4 Kwezinye Iimeko: Ukuba umngcwabo okanye inkonzo yesikhumbuzo iza kuqhutywa kwiHolo yoBukumkani, ngaba bakho abantu abangakholwayo abaza kubakho? Banokunikwa uncwadi oluthuthuzelayo. Abanye abangcwabi baye bakuvuyela ukuba noncwadi abaza kulunika iintsapho ezisentlungwini. Maxa wambi, izaziso eziphathelele imingcwabo ezivela kumaphephandaba ziye zavula amathuba okubhala ileta emfutshane eya kumalungu entsapho efelweyo. Kwenye imeko, emva kokuba enye indoda engumhlolo nentwazana yayo befumene ileta enamaphecana, baya kwikhaya lomvakalisi baza babuza lo mbuzo: “Nini aba basibhalele le leta? Sifuna ukwazi ngakumbi ngeBhayibhile!” Loo ndoda kunye nentombi yayo bavuma ukufundelwa iBhayibhile baza baqalisa ukuya kwiintlanganiso.

5. Kutheni sifanele sikhangele amathuba okuthuthuzela abo basentlungwini yokufelwa?

5 INtshumayeli 7:2 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuya endlwini yokuzila kunokuya endlwini yesidlo.” Umntu osentlungwini udla ngokuba nesimo sengqondo esibhetele ngeLizwi likaThixo kunomntu othand’ iziyolo. Sonke sifanele sikhangele amathuba okuthuthuzela abo basentlungwini yokufelwa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share