Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Imboniselo Juni 1
“Ngaba zonke iinkonzo zamkelekile kuThixo? [Mlinde aphendule.] Ibangel’ umdla indlela uThixo awasabela ngayo xa uSirayeli wamandulo wawexukela kunqulo lweentlanga ezazimngqongile. [Funda uHezekile 6:6.] Eli nqaku liphendula umbuzo othi, ‘Ngaba Ibalulekile Indlela Esimnqula Ngayo UThixo?’” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha le-9.
Vukani! Juni
“Ndiqinisekile uya kuvumelana nam xa ndisithi iminyaka yeshumi elivisayo lelona xesha linzima kubantwana abafikisayo nakubazali babo. Ngaba eli cebiso ndiza kukufundela lona linokubanceda abazali baphucule indlela abaqeqesha ngayo? [Funda uYakobi 1:19. Emva koko mlinde aphendule.] Uya kuwathanda amacebiso aluncedo nasekelwe eBhayibhileni akweli phephancwadi.”
Imboniselo Jul. 1
“Sonke sikhe sihlelwe yintlungu yokufelwa. Ngaba iBhayibhile ingasinceda kumaxesha anjalo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda INdumiso 55:22.] Eli phephancwadi lithetha ngezinto ezinokusinceda sihlangabezane nale meko ezichazwe eBhayibhileni.”
Vukani! Jul.
“Ziya zisanda iingxaki zemitshato, kwaye uninzi lwayo luyaqhawuka. Ngaba eli cebiso ndiza kukufundela lona linokuwenza uphumelele umtshato? [Funda IMizekeliso 12:18. Emva koko mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lichaza eminye imigaqo yeBhayibhile enokunceda abantu abatshatileyo baqinise imitshato yabo.”