Ileta Evela KwiSebe
Bavakalisi BoBukumkani Abathandekayo:
Kunyaka wenkonzo odlulileyo besixakeke ngokwenene, kodwa ke loo nto isenze savuya. NgoNovemba 10, sikunye namawaka abazalwana noodade abebevela kulo lonke eli nabaneminyaka engaphezu kwama-40 bebhaptiziwe, siye sonwabela ukunikezelwa kwezakhiwo ezongeziweyo zesebe lethu. Sithelelwe naliqela elikhulu labazalwana abavela kwamanye amazwe. Eso ibisisihlandlo esivuyisa nesomeleza ukholo ngokwenene.
NgoMatshi siye savuyiswa kukufikelela incopho entsha yabavakalisi abangama-82 447 nezifundo zeBhayibhile ezili-101 498 ngoAprili. Sibe nencopho entsha yabantu abangama-205 498 abebekhona esikhumbuzweni.
NgoMeyi siye sothuswa kukuhlaselwa kwabantu basemzini okuye kwenzeka kwilizwe lethu. Abazalwana bethu abaninzi abavela kumazwe aselumelwaneni baye bachaphazeleka. Nangona engekho oye wabulawa, abaninzi baye balahlekelwa ziindawo zabo zokuhlala nempahla. Abanye kuquka izifundo zeBhayibhile baye bahlaselwa ibe baye baphatheka kakubi kakhulu ngokweemvakalelo. Indlela abaye basabela ngayo abazalwana abahlala kwiindawo ezikufutshane “ezikhuselekileyo” iye yakhuthaza kakhulu. Aba bazalwana baye banikela uncedo lwendawo yokuhlala, ukutya, impahla, nezinye izinto ebezifuneka ukuze kuncedwe abo bachaphazelekileyo. Abanye baye banikela ngemali, nto leyo encede abanye babo bakwazi ukubuyela kumazwe abo. Elinye ibandla laseKapa liye lafumana ileta evakalisa uxabiso ngendlela abancedwe ngayo abazalwana. Inxalenye yayo ithi: “Besingezombacu; kodwa siye sonwabela ukuhlala kunye njengentsapho. Indlela esiye sasindiswa ngayo isibonisa indlela esiya kusindiswa ngayo eArmagedon ngexesha elifanelekileyo size sinikwe indawo efanelekileyo eparadesi.” Uninzi lwethu luye lwanikwa ithuba lokubonisa ukuba sibathanda ngokwenene abazalwana bethu. Xa kuyimfuneko, siya kubafela abazalwana bethu.—Yoh. 13:34, 35.
Abazalwana benu,
IOfisi Yesebe LoMzantsi Afrika