Ibhokisi Yemibuzo
◼ Ngaba bobabini abazali bafanele balibale ixesha abalichithe beqhuba isifundo sentsapho yabo?
Nangona ngokuyintloko kuyimbopheleleko yootata ukukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova,” bobabini abazali bayancedisana ekuqeqesheni abantwana babo. (Efe. 6:4) IBhayibhile ithi xa ikhuthaza abantwana: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMize. 1:8) Isifundo seBhayibhile sentsapho siyinxalenye ebalulekileyo yoqeqesho lwabazali.
Ngaphambili ibikade ingumzali osiqhubayo isifundo nabantwana bakhe abangabhaptizwanga kuphela obelibala elo xesha, naxa bobabini abazali beye babandakanyeka. Noko ke, le nto siyayitshintsha. Ukuba bobabini abazali bayancedisana ukufundisa abantwana babo ngesifundo sentsapho, bobabini banokulibala elo xesha kwingxelo yabo yasentsimini, kodwa bangadluli kwiyure enye ngeveki. Kakade ke, abazali ngokuqhelekileyo bachitha ngaphezu kweyure enye ngeveki befundisa abantwana babo. Ukuqeqesha abantwana kufuna umgudu ongapheliyo kubo bobabini abazali. (Dut. 6:6-9) Kodwa ke, ingxelo yenyanga yasentsimini ifanele ngokuyintloko ibonise oko kuphunyezwe entsimini. Ngoko ke, enoba isifundo sithatha ngaphezu kweyure, ibe siqhutywa kaliqela ngeveki okanye kuqhutywa izifundo ezahlukeneyo nabantwana ngabanye, akufanele kubalwe ixesha elingaphezu kweyure enye ngeveki. Ngumzali omnye oya kusifaka kwingxelo yakhe eso sifundo sentsapho seBhayibhile kunye nebuyelo elinye veki nganye esiqhutywe ngayo.