Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Imboniselo Sept. 1
“Sinokuwafumana phi amacebiso xa siza kwenza izigqibo ezibalulekileyo? [Mlinde aphendule. Funda IMizekeliso 3:5, 6.] Eli nqaku lisikhuthaza ukuba sisebenzise ubulumko bukaThixo bokucinga ngemiphumo ngaphambi kokuba senze izigqibo.” Gxininisa inqaku elikwiphepha lesi-8.
Vukani! Sept.
“Ngaba kwakuyinjongo kaThixo ukuba abantu baswele ukutya ngale ndlela kwenzeka ngayo emhlabeni namhlanje? [Mlinde aphendule.] Phawula ukuba injongo yakhe kukuyicombulula le ngxaki. [Funda INdumiso 72:16.] Eli nqaku licacisa indlela uThixo aya kuyibuyisela ngayo iParadesi emhlabeni.” Mbonise inqaku elikwiphepha lesi-7.
Imboniselo Okt. 1
“Kula maxesha anzima, baninzi abantu abaxhalatyiswa likamva. Yintoni ekuncedayo ukuba uqhubeke unesimo sengqondo esihle? [Mlinde aphendule.] Phawula esi sithembiso sivela eBhayibhileni. [Funda uIsaya 65:17.] Eli phephancwadi lichaza izizathu ezibambekayo zokuba sibe nethemba ngekamva.”
Vukani! Okt.
“I-Internet iyanceda, kodwa ikwayingozi ebantwaneni. Sinokubakhusela njani? [Mlinde aphendule.] Khawuve la mazwi abhalwe apha. [Funda uze ucacise IMizekeliso 18:1.] Lo ngomnye wemigaqo yeBhayibhile emithandathu echazwa leli nqaku njengenokunceda abazali bakhusele abantwana babo.” Mbonise inqaku elikwiphepha lesi-8.