Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Imboniselo Dis. 1
“Ukhe wayiphawula indlela abantu abahluka ngayo kumgangatho abazibekela wona wococeko? [Mlinde aphendule.] Nasi esinye isizathu sokuba ucoceko lubaluleke. [Funda eyoku-1 kaPetros 1:16.] Eli nqaku lisinika amacebiso asebenzayo okuzigcina sicocekile.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha le-9.
Vukani! Dis.
“Baninzi abantu abaye bazame ukuzukisa uYesu ngeli xesha lonyaka. Ngokutsho kwale ndinyana, ubunokuthi yiyiphi eyona ndlela ilungileyo yokumzukisa? [Funda uYohane 14:15. Mlinde aphendule.] Owona mhla wokuzalwa kukaYesu awaziwa, kwaye mhlawumbi kuya kukothusa ukwazi isizathu sokuba umhla wama-25 kaDisemba wenziwe iKrismesi.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha le-10.
Imboniselo Jan. 1
“Abantu ehlabathini jikelele bamjonga ngeendlela ezahlukeneyo uMariya, unina kaYesu. Uthini wena kulo mba? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ibonisa ukuba uMariya wayenendima eyahlukileyo embalini. [Funda uLuka 1:30-32.] Eli phephancwadi lisichazela ngoko sinokukufunda kuye.”
Vukani! Jan.
“Amachibi nemilambo emininzi ehlabathini iyatsha, kwaye izigidi zabantu azisenawo amanzi acocekileyo okusela. Ngaba abantu banokukwazi ukuba nesicombululo esiya kuhlala sihleli kule ngxaki? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uYeremiya 10:23.] Eli phephancwadi lichaza esona sicombululo sale ngxaki esichazwe eBhayibhileni.”