Incwadana Entsha Eza Kuhanjiswa!
1. Yiyiphi impapasho esiza kuyihambisa ngoNovemba, yaye yintoni injongo yayo?
1 KwiNdibano yethu YeSithili ‘Yokuhlala Silindile!’ yowama-2009, kwakhululwa incwadana entsha enomxholo othi IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo? Ehlabathini lonke, amabandla aza kuqala ukuhambisa le ncwadana ngoNovemba. Baza kuzuza njani abantu abakwintsimi yethu kule mpapasho? Abantu abaninzi, ngokukhethekileyo abakwiinkonzo ezingezozabuKristu, abayazi kangako iBhayibhile. Ngoko ke, kwiphepha 3 lale ncwadana kuyachazwa ukuba ilungiselelwe ukunceda abantu bazi ‘oko kuqulethwe yiBhayibhile.’
2. Sinokuyihambisa njani le ncwadana?
2 Indlela Yokuyihambisa: Sinokuthi: “Singathanda ukuva uluvo lwakho ngoko kuthethwa yile ndinyana. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.] Abantu abaninzi esithetha nabo bayavumelana nala mazwi; abanye bavakalelwa kukuba iBhayibhile yincwadi nje emnandi. Ucinga ntoni wena ngeBhayibhile? [Mlinde aphendule.] Enoba sikholelwa entwenini, kuhle ukuba nathi siyihlole iBhayibhile. [Funda isiqendu esitshayelelayo kwiphepha 3.] Njengoko ufunda ushwankathelo olubangela umdla lweBhayibhile olufumaneka kule ncwadana, uya kufumanisa into ebangel’ umdla: IBhayibhile inomxholo omnye nesigidimi sayo siyafana.”
3. Yiyiphi enye intshayelelo esinokuyisebenzisa, ingakumbi xa sishumayela kubantu abakwiinkonzo ezingezozabuKristu?
3 Nantsi enye indlela onokuyisebenzisa ingakumbi xa ushumayela kubantu abakwiinkonzo ezingezozabuKristu: “Singathanda ukuva uluvo lwakho ngoko kuthethwa ziZibhalo (okanye kule ncwadi ingcwele). [Funda INdumiso 37:11.] Ucinga ukuba umhlaba uya kuba njani xa esi siprofeto sizaliseka? [Mlinde aphendule.] Lo ngumzekelo wethemba nentuthuzelo yeBhayibhile enokufunyanwa ngabo bonke abantu abaneemvelaphi neenkolelo ezahlukeneyo.” Funda isiqendu esitshayelelayo kwiphepha 3, uze uhambise le ncwadana.
4. Sinokuyisebenzisa njani le ncwadana ukuqalisa isifundo seBhayibhile?
4 Qalisa Isifundo SeBhayibhile: Xa sibuyela sinokumkhumbuza umninimzi ngento ebesiyithethe kwixa elidlulileyo size siqwalasele isiqendu esinye okanye ezibini kumbandela ebesithethe ngawo, sisebenzisa imibuzo esekupheleni kwecandelo. Okanye ukuba sifuna ukuhambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, sinokumfundela iphepha elingasemva lale ncwadana, simnike incwadi, simbuze ukuba sisiphi isahluko anomdla kuso, size sixubushe isiqendu esinye okanye ezibini kweso sahluko. Kwanga sonke singanenxaxheba kangangoko sinako ekuhambiseni le ncwadana ngoNovemba!