IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/11 iphe. 1
  • Kuza Kunikelwa Ubungqina Obunamandla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuza Kunikelwa Ubungqina Obunamandla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Bamkele!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Sinokubanceda Njani Abantu Abeze ESikhumbuzweni?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Zamkele Iindwendwe Zethu
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
  • Benze Bazive Bamkelekile ESikhumbuzweni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 4/11 iphe. 1

Kuza Kunikelwa Ubungqina Obunamandla

1. Ngaphandle kwentetho, yintoni enye enokuchukumisa iindwendwe ezize eSikhumbuzweni? Cacisa.

1 Nini? Ngobusuku beSikhumbuzo. Kuye kwenziwa imigudu yokumema abantu ukuba babekho. Iindwendwe aziyi kuchukunyiswa koko ziza kukuva kuphela. Emva kokuba liye eSikhumbuzweni, elinye ibhinqa lagqabaza ngoko lakubonayo—indlela abantu ababenobubele ngayo nesakhiwo esihle, esicocekileyo esakhiwa ngamatsha-ntliziyo nesinyanyekelwa kakuhle. Ngenxa yoko, sonke, kungekuphela nje isithethi, sinenxaxheba ekunikeleni ubungqina kwesi siganeko sibaluleke kangaka enyakeni.—Efe. 4:16.

2. Ngamnye wethu unokubunikela njani ubungqina kwiindwendwe?

2 Zibulise Ngobubele Iindwendwe: Ukuzibulisa ngoncumo iindwendwe kuya kunikela ubungqina. (Yoh. 13:35) Enoba akukwazi ukuthetha nabo bonke abantu, unokuzazisa ngobubele kwabo bahleli kufutshane nawe. (Heb. 13:1, 2) Khangela iindwendwe ezibonakala zingazi mntu. Kusenokwenzeka ukuba zifumene izimemo ebudeni bephulo lokuhanjiswa kwazo. Usenokubuza, “Ngaba uyaqala ukuza?” Zicele ukuba zihlale nawe, uze uphendule nayiphi na imibuzo ezinayo. Ukuba kunyanzeleka ukuba ibandla lenu liphume ngokukhawuleza ukuze kungene elinye, usenokuthi: “Ndingathanda ukwazi indlela ongenelwe ngayo kucwangciso. Ndingaqhagamshelana njani nawe?”

3. Sinokubamkela njani abo bapholileyo?

3 Bamkele Abo Bapholileyo: Akuthandabuzeki ukuba, abavakalisi abapholileyo baza kubakho, kuquka abo beza kwiSikhumbuzo saminyaka le kuphela. Bamkele, uze ubaxelele ukuba ukuvuyela ngokwenene ukubabona. (Roma 15:7) Abadala banokubatyelela emakhayeni abo kungekudala emva koko baze babakhuthazele ukuba baqhubeke benxulumana nebandla. Sithandazela ukuba abaninzi abaza kuza bashukunyiselwe ukuba bazukise uThixo kungekhona nje ngenxa yoko bakuvayo kodwa nangenxa ‘yokubona imisebenzi yethu emihle.’—1 Pet. 2:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share