Ukunikela Ubungqina Esitratweni Ngendlela Ephumelelayo
1. Yiyiphi enye indlela esinokumxelisa ngayo uYesu?
1 Xa wayeshumayela apha emhlabeni, uYesu wayengabi mathidala ukuthetha nabantu adibana nabo endleleni nakwezinye iindawo zikawonke-wonke. (Luk. 9:57-61; Yoh. 4:7) Wayefuna ukudlulisela isigidimi esibalulekileyo kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Namhlanje, ukunikela ubungqina esitratweni yeyona ndlela ibalaseleyo yokunceda abantu bafumane ubulumko bobuthixo. (IMize. 1:20) Siya kuphumelela xa sithetha nabantu esitratweni size sisebenzise ingqiqo.
2. Unokwenza njani xa ufuna ukunikela ubungqina ebantwini esitratweni?
2 Yiya Ebantwini: Into ebhetele kukuya ebantwini kunokuma ndawonye okanye uhlale phantsi ulindele abantu abadlulayo ukuba beze kuwe. Ncuma xa uthetha nabantu, ubajonge emehlweni uze ubonakalise ubuhlobo. Ukuba usebenza nabanye abavakalisi, kuhle ukuba ningayi emntwini omnye nonke. Kusenokufuneka uzame indlela yokuphinda uthethe naloo mntu ebebonakalise umdla. Xa ubona kufanelekile, usenokumbuza ngobubele indlela onokuphinda uqhagamshelane naye ngayo. Abanye abavakalisi banikela ubungqina esitratweni kwindawo enye, nto leyo enokubanceda badibane nabantu abanye rhoqo baze bahlakulele umdla wabo.
3. Sinokuyisebenzisa njani ingqiqo xa sinikela ubungqina esitratweni?
3 Sebenzisa Ingqiqo: Xa ukhetha indawo oza kuma kuyo esitratweni nabantu omele uthethe nabo, sebenzisa ingqiqo. Akuyomfuneko ukuba uthethe nabo bonke abantu abadlulayo. Yiba neliso elibukhali. Ngokomzekelo, ukuba umntu ungxamile kuhle ukuba umyeke adlule. Xa unikela ubungqina kufuphi nendawo yoshishino, kulumkele ukubangela ukuba umphathi walapho axakaniseke. Kudla ngokuba kuhle ukuba uthethe nabantu xa sele bephuma kuloo ndawo kunokuthetha nabo xa bengena. Kulumkele ukothusa abantu. Naxa unika abantu uncwadi sebenzisa ingqiqo. Xa abantu bengabonakalisi mdla kangako, usenokukhetha ukubanika iphecana endaweni yephephancwadi.
4. Kutheni ukunikela ubungqina esitratweni kuyingenelo yaye kunandipheka?
4 Ukunikela ubungqina esitratweni kusenza sisasaze imbewu eninzi yenyaniso ngexeshana nje elifutshane. (INtshu. 11:6) Abanye babantu esidibana nabo kusenokwenzeka ukuba ngabo singabafumaniyo xa sikwindlu ngendlu. Kutheni ungenzi amalungiselelo okuxhamla kolu hlobo lwentsimi luyingenelo nolunandiphekayo?