IWebhsayithi Yethu—Esinokuyisebenzisa Xa Sifunda Thina Neentsapho
Funda Amaphephancwadi Akutshanje Kuyo: Unokufunda iMboniselo noVukani! kwiiveki eziliqela ngaphambi kokuba eziprintiweyo zifumaneke emabandleni. Phulaphula amaphephancwadi arekhodiweyo.—Cofa kwindawo ethi “Iimpapasho” uze emva koko uye kwethi “Amaphephancwadi.”
Funda Umbandela Ovela KwiWebhsayithi Kuphela: Eminye imixholo, evelayo ngothi “Inqaku Labaselula,” “lzifundo Endizifunda EBhayibhileni,” “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho,” nelithi “Abantu Abaselula Bayabuza,” ngoku afumaneka kwiWebhsayithi yethu kuphela. Ngena kule webhsayithi, uze uzifundele le mixholo kwisifundo sakho okanye xa uqhuba isifundo sentsapho.—Cofa kwindawo ethi “Iimfundiso ZeBhayibhile” uze emva koko uye kwethi “Abantu Abaselula.”
Funda Ezisematheni: Funda iingxelo ezikhuthazayo, amava uze ubukele iividiyo ezibonisa inkqubela yomsebenzi wethu owenziwa ehlabathini. Kukho iingxelo ezichaza iintlekele nokutshutshiswa kwabazalwana, ngxelo ezo ezinokusinceda singqale xa sithandazela abazalwana bethu abachatshazelwe zezo ntlekele. (Yak. 5:16)—Cofa kwindawo ethi “Iindaba.”
Yenza Uphando Usebenzisa ILayibrari: Ukuba eli candelo liyafumaneka ngolwimi lwakho, usebenzisa ikhompyutha okanye esinye isixhobo sakho unokufunda itekisi yosuku okanye wenze uphando kwiimpapasho zakutshanje.—Cofa kwindawo ethi “Iimpapasho” uze emva koko uye kwethi “ILayibrari” okanye ucofe u-www.wol.jw.org kwisixhobo sakho.
[Umzobo okwiphepha 4]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Khawuyizame
1 Cofa emfanekisweni okanye kwindawo ethi “Zikhuphelele.” Ngezantsi komfanekiso kukho indawo ethi PDF. Cofa kuloo ndawo ukuze uprinte loo mpapasho ufuna ukuyiprinta uze uyinike umntwana afunde.
2 Cofa indawo ethi “Dlala” ukuze ubukele ividiyo.