Nceda Lowo Usebenza Naye Entsimini
1. Sinokumxelisa njani umpostile uPawulos xa sisentsimini?
1 Ithuba umpostile uPawulos awayelichitha ekunye namanye amakholwa wayelisebenzisela ukuba ‘bakhuthazane.’ (Roma 1:12) Xa usebenza nomnye umvakalisi entsimini, ngaba usebenzisa elo thuba ukuba umkhuthaze? Endaweni yokuba uzithulele nje, kutheni ungamchazeli ngento ekuncedayo ukuba uphumelele entsimini?
2. Yintoni esinokuyenza ukuze sincede lowo sisebenza naye entsimini azithembe, ibe kutheni kubalulekile nje oko?
2 Mncede Azithembe: Abanye abavakalisi abazithembanga, ibe oko kusenokubonakala ebusweni okanye kwilizwi labo. Sinokubanceda bazithembe ngokuthi sibancome ngokunyanisekileyo. Ziziphi ezinye iindlela esinokubanceda ngazo bazithembe? Omnye umveleli ohambahambayo uye amchazele lowo asebenza naye entsimini ukuba naye ukhe abe novalo, nokuba uye ancedwe kukuthandaza. Xa echaza into emncedayo ukuba azithembe, omnye umzalwana wathi: “Ndincedwa kukuncuma. Ngamany’ amaxesha kuye kufuneke ndiluthandazele uncumo.” Ngaba ikho into ekuncedileyo ukuba uzithembe ngakumbi xa usentsimini? Yibalisele lowo usebenza naye entsimini.
3. Yintoni esinokumchazela yona lowo sisebenza naye entsimini enokuthi imncede?
3 Mcebise: Ngaba unombuzo okanye indlela oyisebenzisayo, mhlawumbi engento eyenzeke ekuhlaleni, ekuncedayo uqalise incoko? Ngaba akho amazwi owongezayo kwintshumayelo ecetyisiweyo atsal’ umdla wabaninimzi? Chazela lowo usebenza naye entsimini ngoko. (IMize. 27:17) Xa nisendleleni eya ebuyelweni, usenokumchazela into ofuna ukulinceda kuyo nendlela oza kukwenza ngayo oko. Emva kokuqhuba isifundo seBhayibhile, usenokumchazela isizathu sokuba uye wakhetha ingongoma ethile okanye isibhalo esithile ngoxa ubuqhuba isifundo.
4. Kutheni sifanele sibe nomdla wokunceda amanye amaKristu?
4 AmaKristu enkulungwane yokuqala ayengafuni ukunceda abantu abangakholwayo kuphela. Ayekuqonda ukubaluleka kokuba akhuthazane. (IZe. 11:23; 15:32) Umpostile uPawulos waqeqesha uTimoti oselula waza wamkhuthaza ukuba abelane nabanye ngezinto azifundileyo. (2 Tim. 2:2) Xa sinceda amanye amaKristu entsimini, asivuyisi nje wona kuphela kodwa sikwakholisa noBawo wethu wasezulwini.—Heb. 13:15, 16.