Ibhokisi Yemibuzo
◼ Yintoni abafanele bayifunde abantwana ukuze lomelele ukholo lwabo?
Abazali abangamaKristu benza umsebenzi omkhulu ukuze abantwana babo babakhulisele “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Ngokomzekelo, abazali baye bakufumanisa kuluncedo ukuxubusha itekisi yosuku nabantwana babo ntsasa nganye. Kunqulo lwentsapho nangezinye izihlandlo, iintsapho zisenokubukela ividiyo kunye zize ziyixubushe, zithethe ngamanqaku athi Imibuzo Yabantu Abaselula, zilinganise ibali eliseBhayibhileni okanye zibe namaxesha okuprakthiza. Noko ke, ukuze abantwana ‘baxhinele ekuqoleni,’ bafanele bafundiswe iinyaniso ezinzulu zeBhayibhile.—Heb. 6:1.
Khawucinge ngezinto esizifundisa abantu esidibana nabo entsimini. Xa siqala ukudibana nabo okanye xa sibabuyela, sidla ngokuzama ukuqalisa isifundo seBhayibhile sisebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Emva kokuba siyigqibile, sibafundela ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo.” Ngoba? Kaloku incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile inceda abafundi bazi iimfundiso ezisisiseko zeZibhalo. Incwadi ethi “Uthando LukaThixo” ibafundisa indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ukufunda ezi ncwadi zombini kuyabanceda abasebatsha ‘bamiliselwe’ kuKristu baze ‘bazinziswe elukholweni.’ (Kol. 2:6, 7) Ngaba ezi ncwadi aziyi kubanceda nabantwana bethu? Nabo kufuneka bafundiswe ngentlawulelo, uBukumkani nemeko yabafi. Abantwana kufuneka bazi ukuba kutheni uThixo evumele ukubandezeleka nokuba banokuyazi njani imihla yokugqibela yale nkqubo yezinto. Bamele beyiseke ukuba amaNgqina kaYehova ngawo anenyaniso. Abantwana bafanele bayazi imigaqo yeBhayibhile nendlela yokuqeqesha “amandla abo okuqonda.” (Heb. 5:14) Abazali kufuneka bakhumbule ubudala babantwana babo namandla abo okuqonda. Noko ke, abantwana abaninzi bayakwazi ukufunda iinyaniso ezinzulu zeBhayibhile nangona bebancinane.—Luka 2:42, 46, 47.
Ukuze kuncedwe abazali, i-jw.org/xh iza kuba namanqaku athatyathwe kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Iintsapho zinokuwafumana kwiWebhsayithi yethu kwindawo ethi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > ABAFIKISAYO. Kwixa elizayo, kuza kufakwa amanqaku angakumbi aza kube ethatyathwe kwincwadi ethi “Uthando LukaThixo.” Iikopi eziprintiweyo zezi ncwadi nazo zinokusetyenziswa. Abazali banokugqiba enoba baza kuwasebenzisa la manqaku xa beqhuba uNqulo Lwentsapho, xa beqhubela omnye wabantwana babo isifundo, okanye xa befundisa umntwana wabo ukufundisisa.