ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sika-2015 Sisinceda Siphucule Indlela Esifundisa Ngayo
1 Umdumisi uDavide wabhala wathi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.” (INdu. 19:14) Nathi sifuna amazwi ethu amkholise uYehova, kuba siyalixabisa ilungelo lethu lokuthetha inyaniso ebandleni nasentsimini. ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo yenye yeendlela uYehova asiqeqeshela ubulungiseleli ngayo. Olu qeqesho luqhutywa veki nganye kumabandla angaphezu kwayi-111 000 ehlabathini jikelele. Luye lwanceda abazalwana noodade abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo ukuba babe ngabalungiseleli abafanelekayo beendaba ezilungileyo, abakwaziyo ukufundisa ngobuchule, ngendlela eyeyiselayo nangenkalipho.—IZe. 19:8; Kol. 4:6.
2 Ucwangciso lwesikolo luka-2015 luza kuquka imixholo exutyushwa kwi-“Ntshayelelo YeLizwi LikaThixo” ne-“Glossary of Bible Terms,” efumaneka kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi, nombandela okwi-Insight on the Scriptures, Umqulu 1. Ukongezelela, liye latshintshwa ixesha leembalasane zeBhayibhile neSabelo 1. Olu tshintsho oluhamba nemiyalelo yendlela iinxalenye eziza kunikelwa ngayo kwisikolo luza kuxutyushwa kwiziqendu ezilandelayo.
3 Iimbalasane ZeBhayibhile: Abazalwana ababelwe le nxalenye baza kuba nemizuzu emibini yokuxubusha ingongoma enye eseZibhalweni kufundo lweBhayibhile lwaloo veki. Ukulungiselela kakuhle kuya kwenza ibandla lifumane ingongoma ebalulekileyo ngexesha elabelweyo. Emva koko, ibandla liza kuba nemizuzu emithandathu yokugqabaza, umntu ngamnye agqabaze imizuzwana eyi-30 okanye ngaphantsi ngengongoma aye wayifumana kufundo lweBhayibhile lwaloo veki. Kufuna ukulungiselela nokuziqeqesha ukuze kunikelwe amagqabaza anentsingiselo ngemizuzwana eyi-30, kodwa olo luqeqesho olufanelekileyo. Kwakhona kuza kuvulela abanye ithuba lokugqabaza ngento abaye bayifunda xa bebephanda.
4 Isabelo 1: Ixesha lokufundwa kweBhayibhile lincitshisiwe lwaba yimizuzu emithathu okanye ngaphantsi kwaye luza kugubungela umbandela ongekho mde. Abo bafumana isabelo sokufunda bafanele baqhelisele izihlandlo eziliqela ngokuvakalayo baze banikele ingqalelo kwindlela abizwa ngayo amagama nakutyibiliko ukuze bafunde ngendlela enentsingiselo. Bonke abantu bakaYehova bafanele bazame ukufunda kakuhle, kuba ukufunda kunendima ebalulekileyo kunqulo lwethu. Sivuya ngokwenene kuba uninzi lwabantwana bethu lufunda kakuhle! Siyabancoma abazali ngemigudu yabo yokunceda abantwana babo bafunde kakuhle.
5 Isabelo 2: Esi sabelo siza kuba yimizuzu emihlanu ibe siza kwenziwa ngudade. Ufanele asebenzise umxholo awabelweyo. Xa isabelo sisekelwe kumbandela okwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, sifanele senziwe ngendlela elungele intsimi yasekuhlaleni. Xa esi sabelo sisekelwe kumntu oseBhayibhileni okwi-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, umfundi ufanele afunde inkcazelo ethetha ngaloo mntu, akhethe izibhalo ezifanelekileyo aza kuzisebenzisa, aze achaze into enokufundwa kumzekelo wakhe. Izibhalo ezingakumbi ezingenayo kulo mxholo zinokusetyenziswa. Umveleli wesikolo uya kumabela umncedisi omnye.
6 Isabelo 3: Esi sabelo siza kuba yimizuzu emihlanu ibe siza kwenziwa ngumzalwana okanye udade. Xa sabelwe udade, sifanele sinikelwe ngendlela ekuchazwe ngayo kwiSabelo 2. Xa sisenziwa ngumzalwana, umbandela okwi-Insight ufanele unikelwe njengentetho kucingwa ngabaphulaphuli. Umfundi ufanele athethe ngomxholo awabelweyo, akhethe izibhalo ezifanelekileyo aza kuzisebenzisa, aze achaze into enokufundwa kuloo mntu kuthethwa ngaye.
7 Inkalo Entsha YeSabelo 3 Kubazalwana: Xa esi sabelo sisekelwe kumbandela okwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, sifanele senziwe sibe ngumboniso wonqulo lwentsapho okanye wentshumayelo yasentsimini. Ngokuqhelekileyo, umveleli wesikolo uya kumabela umncedani nendlela yokuceba intetho. Umncedani ufanele abe lilungu lentsapho okanye umzalwana osebandleni. Unokuzisebenzisa nezibhalo ezingakumbi ezibalaselisa imigaqo yeBhayibhile edibanayo nomxholo. Ngamanye amaxesha esi sabelo sinokunikwa umdala. Abadala banokuzikhethela umncedani nendlela abaza kuyiceba ngayo. Ngokungathandabuzekiyo, kuza kulikhuthaza ibandla ukubona umdala esebenzisa ubuchule bokufundisa kwilungu lentsapho okanye komnye umzalwana.
Yenza inkqubela ngokwamkela nokusebenzisa isiluleko
8 Isiluleko: Umveleli wesikolo uza kusebenzisa imizuzu emibini emva kokuba umfundi ngamnye enikele intetho ukuze amncome aze amnike namanye amacebiso esebenzisa incwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Xa umveleli wesikolo etshayelela intetho kucwangciso, akayi kuluchaza uphawu asebenzela kulo umfundi. Emva kwentetho nganye umveleli ufanele amncome ngokunyanisekileyo umfundi, achaze uphawu asebenzela kulo, achaze isizathu sokuba umfundi enze kakuhle kulo okanye asichaze ngobubele isizathu sokuba kuya kuba kuhle ngomfundi ukuba asebenzele ngakumbi kolo phawu.
9 Iphepha lesiluleko lomfundi ngamnye lifumaneka kwiphepha 79 ukusa ku-81 kwincwadi yeSikolo Sobulungiseleli. Emva kokuba umfundi esenzile isabelo sakhe, umveleli wesikolo uya kuphawula kwincwadi yomfundi aze ambuze ngasese enoba uye walwenza uqheliselo lophawu abelwe lona kusini na. Unokunikwa amacebiso angakumbi okumnceda aze anconywe emva kweentlanganiso okanye ngelinye ixesha. Uqeqesho olufunyanwa ngumfundi ngamnye esikolweni lufanele lujongwe njengethuba lokumnceda enze inkqubela ekukhonzeni uYehova.—1 Tim. 4:15.
10 Ukuba intetho yomfundi iyadlula exesheni, umveleli wesikolo okanye umncedisi wakhe ufanele enze umqondiso, njengokubetha intsimbi okanye enye into, ukuze umfundi aboniswe ngobuchule ukuba ixesha liphelile. Umfundi ufanele athobele, agqibezele eso sivakalisi aze ashiye iqonga.—Funda kwincwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 282, isiqe. 4.
11 Bonke abazifikelelayo iimfaneleko bakhuthazwa ukuba babhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. (Funda incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 282, isiqe. 6.) Imfundo efumaneka kwesi sikolo iye yenza abantu bakaYehova bashumayela baza bafundisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngesibindi, ngesidima nangothando. Ngokungathandabuzekiyo uYehova uyakholiswa kukudunyiswa ngabo bonke abo bancedwa yimfundo yobuthixo.—INdu. 148:12, 13; Isa. 50:4.