Izixhobo Zethu Zokufundisa
1. Abashumayeli beendaba ezilungileyo bafana njani nabachweli?
1 Abachweli basebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo. Ezinye izixhobo zisetyenziswa xa kusenziwa imisebenzi ekhethekileyo ngoxa ezinye zisebenza rhoqo. Abachweli abanamava basoloko beziphatha ezo bazisebenzisa rhoqo, ibe zezona banobuchule bokuzisebenzisa. IBhayibhile ikhuthaza mKristu ngamnye ukuba azibhokoxe ekushumayeleni, abe ‘ngumsebénzi ongenazintloni nganto.’ (2 Tim. 2:15) Sisiphi esona sixhobo sibalulekileyo kwizixhobo zethu zokufundisa? LiLizwi likaThixo—esona sixhobo siphambili ‘ekwenzeni abafundi.’ (Mat. 28:19, 20) Ngoko, sifanele sizame ukuba nobuchule ‘bokuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ Noko ke, zikho nezinye izixhobo zokufundisa esizisebenzisa rhoqo, ibe sonke sifanele sifunde ukuzisebenzisa ngobuchule ukuze sifundise abantu inyaniso.—IMize. 22:29.
2. Ziziphi izixhobo zethu zokufundisa?
2 Ezona Zixhobo Zokufundisa Sizisebenzisayo: Ngaphandle kweBhayibhile, ziziphi ezinye izixhobo esifanele sizisebenzise? Esona sixhobo sifundisa ngaso iinyaniso eziseBhayibhileni yincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Emva kokugqiba ukufunda le ncwadi nomfundi, siye sisebenzise ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo” ukuze simncede asebenzise imigaqo yeBhayibhile kubomi bemihla ngemihla. Ngoko ke, sifanele sibe nobuchule ekusebenziseni ezi ncwadi zimbini. Kukho neencwadana ezifanele zibekho kwizixhobo zethu zokufundisa. Incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! sesinye sezixhobo eziphambili zokuqalisa isifundo seBhayibhile. Ukuba indawo esishumayela kuyo inabantu abangafundanga okanye abathetha ulwimi esineencwadi ezimbalwa ngalo okanye esingenazo, sinokusebenzisa incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. Isixhobo sokunceda abafundi bangene kwintlangano yincwadana ethi Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? Iividiyo eziluncedo ekwenzeni abafundi ezinjengethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?, Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani?, nethi Ngaba UThixo Unalo Igama?, nazo sifanele sifunde ukuzisebenzisa.
3. UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bexesha elizayo buza kusinceda senze ntoni?
3 UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bexesha elizayo buza kusinceda sibe nobuchule bokusebenzisa izixhobo zethu zokufundisa. Njengoko sizibhokoxa ekusebenziseni ezi zixhobo ngobuchule, siya kuba sithobela isiluleko esiphefumlelweyo: “Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.”—1 Tim. 4:16.