UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 34–37
Kholosa NgoYehova Wenze Okulungileyo
“Musa . . . ukubamonela abo benza okungebobulungisa”
Musa ukuvumela impumelelo yokwexeshana yabantu abangendawo ikuphazamise ekukhonzeni uYehova. Hlala ucinga ngeentsikelelo nosukelo ozibekele lona
“Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo”
Yiba nethemba lokuba uYehova uza kukunceda kuwo nawaphi na amathandabuzo okanye amaxhala onawo. Uza kukunceda uhlale uthembekile
Hlala uxakeke kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo
“Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova”
Zibekele ixesha lokufunda iLizwi likaThixo nelokucamngca ngalo kuba ufuna ukumazi ngakumbi uYehova
“Yiqengqele kuYehova indlela yakho”
Mthembe ngokupheleleyo uYehova ukuba uza kukunceda umelane nayo nayiphi na ingxaki
Hlala unehambo entle xa uchaswa, utshutshiswa okanye unyeliswa
“Yithi cwaka phambi koYehova uze ulindele kuye ngolangazelelo”
Kuphephe ukudyuduzela nto leyo enokukwenza ungonwabi uze ungomeleli elukholweni
Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba”
Funa ululamo uze ngokuzithoba ulindele kuYehova ukuba asuse konke okungekho sesikweni omelana nako
Xhasa abazalwana noodade uze uthuthuzele abadandathekileyo ngethemba lehlabathi elitsha likaThixo, elisele likufuphi
UBukumkani bukaMesiya buya kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo