UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 52-59
“Umthwalo Wakho Wulahlele KuYehova”
UDavide watyhubela phakathi kwezilingo ezininzi ezinzima ebudeni bobomi bakhe. Xa kwakubhalwa iNdumiso 55 wayesele etyhubele kwizilingo eziquka . . .
Izithuko
Ukutshutshiswa
Ukuzibek’ Ityala Ngokugqithiseleyo
Intlungu Eyenzeka Kwintsapho
Ukugula
Ukungcatshwa
Enoba iingxaki zakhe zazibonakala zinganyamezeleki, uDavide wanyamezela. Nabani na onokuvakalelwa ngendlela efanayo, uDavide umnika eli cebiso liphefumlelweyo: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova.”
Sinokuyisebenzisa njani le vesi namhlanje?
Thandaza kuYehova ngokusuka entliziyweni ngayo nayiphi na ingxaki okanye into ekuxhalabisayo
Funa ukhokelo nenkxaso kwiLizwi likaYehova nakwintlangano yakhe
Yenza oko unokukwenza ukuze ulungise izinto kodwa ngokuvumelana nemigaqo eseBhayibhileni