INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Lomelele Kangakanani Ukholo Lwakho Kwizithembiso ZikaYehova?
UYoshuwa noSolomon batsho ukuba akusilelanga nasinye isithembiso sikaYehova. (Yos 23:14; 1Ku 8:56) Obu bungqina bumbambekayo bezi ngxelo busisiseko esomeleleyo esinokwakhela kuso ukholo lwethu. —2Ko 13:1; Tit 1:2.
UYehova wazizalisekisa njani izithembiso zakhe ngexesha likaYoshuwa? Njengentsapho bukelani idrama ethi, ‘Akusilelanga Nalinye Ilizwi.’ Emva koko phendulani le mibuzo: (1) Ungaluxelisa njani ukholo lukaRahabhi? (Heb 11:31; Yak 2:24-26) (2) Umzekelo ka-Akan ubonisa njani ukuba ukungathobeli ngabom kukhokelela kwintlekele? (3) Nangona amadoda kaGibheyon ayengamakroti, kutheni le nto akhohlisa uYoshuwa aza enza uxolo namaSirayeli? (4) Isithembiso sikaYehova saba yinyaniso njani xa ookumkani abahlanu bama-Amori basongela amaSirayeli? (Yos 10:5-14) (5) Uye wakunceda njani uYehova njengoko ubeka uBukumkani bakhe kwindawo yokuqala ebomini bakho?—Mat 6:33
Xa sicingisisa ngako konke oko uYehova akwenzileyo, akwenzayo naza kukwenza, ukholo lwethu kwizithembiso zakhe luya komelela.—Rom 8:31, 32.
Unalo ukholo olufana nolukaYoshuwa?